UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNtetho
Ukwenziwa Kohlahlo Lwabiwo-Mali Kwisebe Lenkulumbuso
Ukwenziwa Kohlahlo Lwabiwo-Mali Kwisebe Lenkulumbuso
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
Isithethi
INkokeli eBekekileyo yeQela eliPhikisayo
IiNkokeli eziBekekileyo zamaQela ezoPolitiko
AmaLungu aBekekileyo
UmPhathi-Jikelele oBambeleyo, iiNtloko zamaSebe, amalungu eNkonzo entsha yabaLawuli abaKhulu
IiNdwendwe eziBalulekileyo
Enye yeengqondi zenkulungwane le sikuyo enokungazithembi malunga noqhushululu yayingu-Antonio Gramsci [...] Ukungazithembi kwakhe kwakuvela ekubeni wayenomonde othile. Lo monde wawungenanto yokwenza kwaphela nokutyeshela okanye nokwaneliseka [...] Umonde wakhe okhethekileyo wawuphuma kwingqiqo yokusebenza okwakungasoze kuphele. Walubona ugubungelo, maxa wambi wayeyilawula imizabalazo yezopolitiko ngexesha lakhe, noxa kunjalo wayengayilibali imvelaphi yesiganeko esasisiya sicaca, ixesha laso laba yiminyaka engabalekiyo. Yaba yiloo nto kanye mhlawumbi eyathintela uGramsci ekubeni, njengabo bonke abaphembi boqhushululu, ekubeni angangumntu owonwabele ixesha elizayo. Wayekholelwa ethembeni nangaphezu kokukholelwa kwizithembiso, ithemba ke lingumbandela wexesha elide."
Le ngqiqo yiyo exhasa intetho kaMongameli Thabo mbeki yokuba uMzantsi-Afrika ukwiNkulungwane yeThemba, iThemba lePhondo leNtshona Koloni lokuba sesiseCicini lokuChuma. Eli Themba alidluli ngqondo yaye aliqhutywa luluvo, kuphela lifumaneke kuwo umonde nakwintsebenzo yoluntu engapheliyo. Lilo elifikisa umntu ngamnye kwisiganeko esimana sicaca, kulapho thina sicwezela kude ekwanelisekeni nakwinkolo yethu.
Ngexesha lokusebenza kwale Khomishoni kwabakho imeko apho uloyiko nobuqhophololo obutsala amehlo bathi galakangqa kwiinyoba zoLawulo [...] IKhomishoni iyathemba ukuba abasemagunyeni bakukhuthazeka, bazimisele babe nombono wokuqalisa baze bafake isithethe esifunekayo senguquko kulawulo oluzithi thaca phandle zonke izinto nolukwaziyo ukuluthwala uxanduva."
Ndakuba ndize nentetho yam yokuqala yohlahlo lwabiwo-mali yeSebe leNkulumbuso kunyaka ka-2004, sazimisela ekuphenduleni ucelo-mngeni lokwakha iLizwe lase-Afrika lale Mihla sikuyo ngokuza nesiseko sengqondo esifanele ilizwe ngendlela yophuhliso. Sasiyiqonda into yokuba xa sisuka kuhlobo lwelizwe esalunyukiswa ngaso yiKhomishoni kaDesai, oko kwakufuna ukuba izwekazi eli malifundiswe ukugcina iinjongo zomSebenzi weNkqubo kaZwelonke neeNjongo zoPhuhliso lweNkulungwane kulungiselelwa iPhondo lethu.
Ngoko ke ndibhenela kuni ngoyilo lukarhulumente olusephepheni eliluhlaza olwaluhlanganisiwe, olusebenzisana nezinye iinkqubo zikarhulumente, oluzisabelayo iimfuno zabemi nolwahlulelwano, oluqhagamshelana nehlabathi ngelijongisisa iintshukumo zalo.
KwiNtetho yoHlahlo Lwabiwo-Mali yam ka-2005 yeSebe leNkulumbuso, ndalumkisa ngelithi indlela esingise kuRhulumente woPhuhliso ingafuna iinguqu ezinobunzulu. Ndacebisa ngenkqubo eza kujongisisa ukuphembelelwa kweZiko likaRhulumente. Kuloo nkqubo iZiko eli lingaqwalasela ubugcisa obukhoyo obuvela kwabo baziingqanga bephakathi nangaphandle koLawulo, abanokuxhasa ubunkokeli, baqulunqe umgaqo-nkqubo bakhuthaze nokusetyenziswa kwenkqubo-qhinga.
IsiThethi, kwintetho yam yesithathu yoHlahlo lwaBiwo-Mali njengeNkulumbuso, kule Ndlu ndinganika ingxelo yokuba sesiphumelele kwiinjongo ezintlantlu-mbini, ngoku sesikulungele ukucacisa umboniso olandelayo wesiganeko esicacileyo sokwakha nesokulinika umvuzo iThemba ekuthethwa ngalo ngu-Antonio Gramsci.
Thina kweli Phondo ayisithi sedwa ekufuneka becacise esi siganeko. Siyinxalenye yehlabathi elifuna ukwenza kanye loo nto, ihlabathi elinxanelwe ukuyondelelanisa ithemba ngokunika inkcazelo yendlela ngoChumiso ngendlela yokwaBelana - oko sithi kuliKapa elihlumayo - sakha ukubumbana koluntu sikwathantamisa neyantluko yezithethe - injongo esinayo ke yeyeKhaya Lethu Sonke.
Kutshanje bendimenyiwe ukuba mandizibandakanye nendibano enenkqubela yeenkokeli zehlabathi, obeyibizile nguMongameli Mbeki kwiNdibano yeenkokeli zoLawulo oluneNkqubela. Isizathu sokundimema kungokuba kweli Phondo lethu esikwenzayo kuyahambelana nethemba lehlabathi ekufumaneni indlela yobulungisa kuluntu lonke, uqoqosho olufanelekileyo, iqhinga lokuphila ngexesha lokugrhogrhiswa, lokunganyamezeli nelokuntswinywa kumalungelo athile.
Umsebenzi woluntu ongenasiphelo, njengoko uGramsci ebeya kuzixelela iinkokeli zehlabathi, loo msebenzi ubuya kunyanzelisa ukuba ixesha elizayo lisekelwe kucalu-calulo, kwisicwangciso nakwinkqubo-qhinga. Ucalu-calulo, isicwangciso nenkqubo-qhinga ziyazuza ehlabathini ukuze zithuthele ezikuzuzileyo koorhulumente bemimandla. Iinkcukacha zona ziphuma koorhulumente bemimandla ukuze zithunyelwe ehlabathini jikelele.
PGDS: IsiSeko sokuChuma okanye sobuTyebi
Kwimeko yoMzantsi-Afrika iPhondo lethu kufuneka lizihluphile ngokuHlunyiswa kwePhondo nangeNkqubo-qhinga yoPhuhliso (oko okukuthi iPGDS) eqwalasele iNjongo kaZwelonke yoPhuhliso lweeNdawo yaye, iqinisekisa ukuba ziyafana nqo iziCwangciso zoPhuhliso oluManyiweyo loorhulumente bonke beengingqi. Oku kuqinisekisa ukuba kuthethwa into enye, kuvumela ukuba sisebenze ngemvisiswano sikwazi ukwakhela abantu bethu bonke ubomi obuphucukileyo..
Kunyaka ophelileyo isebe likamPhathiswa uMufamadi lashicilela izikhokelo zokuba iyintoni na iPGDS. Malunga nezo zikhokelo,
ukwenziwa kwamalinge kuyinkqubo yangabom yomzekelo weenguqulelo zamagama. Injongo yako kukuguqula iindlela zezithethe, iindlela zokuqiqa nentsingiselo yazo. Oko kuyinto engaphezulu ekuveliseni izigqibo eziyingqokelela. Kumalunga noshenxiso kunye nobumbo olutsha lwezimvo."
Kwiinjongo eziphambili zePGDS kukho umzekeliso wenguqu-magama kwicala lophuhliso ekwabelwanayo ngalo nophuhliso olumanyanisiweyo. Njengoko siqhubela phambili ngolwahlulelwano loluntu nolwabemi bonke silungiselela iinyanga ezizayo ezimbalwa, ndikholelwa ekubeni lo mzekelo wophuhliso ngokwamagama, sakukwazi ukuwenza ngokusesikweni, asiyi kubuya nganeno kuba imbewu yolo phuhliso seyihlwayelwe ziinkqubo zeKapa Elihlumayo ebezisoloko zithukuza eminyakeni embalwa eyadlulayo, oko kuquka iNdibano yeenkokeli ka-2003 yoPhuhliso nobuTyebi.
Umzekeliso wethu wophuhliso ngokwamagama wazisa ukuba ukukhula ngokwabelana nophuhliso olumanyanisiweyo kungazuzwa kuphela xa izinyanzeliso ezihlanu zinokudityaniswa ngenkqubo-qhinga, ngokulingana ukuze konke oko kunyuselwe kwimithetho-siseko yophuhliso. Ezo zinyanzeliso zezi:
IPGDS ithi kwimeko yokungaphangeli kwenyambalala yabantu, ukungafani kwezimali ezamkelwa ngabantu ngenxa yobugwenxa, iyantlukwano eluntwini nokuntswinywa kwezoqoqosho kuzwelonke okusuka kuqoqosho lwehlabathi; injongo yethu ephambili mayibe kukuzuza amanqanaba aphezulu okuhluma njengeplanga lokutsiba ukuze sikwazi ukujongana neendidi zemingeni engalawulekiyo.
Amanqanaba aphezulu okuhluma awanelanga xa ewodwa, okona kunyanzelisayo luhlobo lokuhluma. Kufuneka siqinisekise ukuba amanqanaba aphezulu okuhluma adityaniswa nobulungisa obukhulu eluntwini obuya kuvumela abahlelelekileyo nabo bangabandakanywanga kwezoqoqosho ukuba bazuze iindlela zokuthatha inxaxheba kwezoqoqosho, bazakhele iindlela zokuzixhobisa ezidityaniswa nesiseko sephondo sokhuselo oluliqilima lobutyebi bemvelo. Okokugqibela, ukuhluma makungayenzi mandundu imeko yocalu-calulo lwabantu ngokweendawo abakuzo nangokungayifaneli imisebenzi ethile nanjengoko bekunjalo eminyakeni elishumi yenkululeko. Ukuhluma okanye ukukhula makwenze ubomi bubelula kubantu abaninzi belizwe abanxanelwe ukufikelela kwezoqoqosho, kumathuba okunonophela uluntu, izityalo nezinye izidalwa eziphilayo njengezilo.
IPGDS - iKapa elihlumayo - ichaza indlela iPhondo lethu eliya kuzuza ngayo ukukhula ngokwahlulelana nendlela yophuhliso olumanyanisiweyo. Xa kulandelwa imbono yokudanjiswa kwezikhalazo ezithile, le ndlela yoba yejoliswe ngqo apho kufuneka inkathalelo, amalinge athe chatha otyalo-mali, ubunkokeli obuphucukileyo, igalelo elililo nentsebenziswano kurhulumente weNtshona Koloni.
IPGDS iluvuselelo lwento ebisele izisiwe kule Ndlu njengamalinge asibhozo eKapa elihlumayo: uPhuhliso lweeNdawo, iKapitali yelizwe, iKapitali yomntu, uQoqosho kumashishini amancinane, INkqubo-qhinga kwizibonelelo zeendlela nezinye izinto zoqhagamshelwano, amalinge amathathu oLawulo. Zonke ezi zinto zikhankanyiweyo zifuna enye ingqwalasela, emva koko sophumelela ngokufezekiswa kweenjongo endazixelayo kwiNtetho yam malunga nePhondo eli endayenza ekuqaleni kwalo nyaka njengesiCwangciso esiliDabi loPhuhliso oluManyanisiweyo.
Zona iinjongo zizezi, xa ndinikhumbuza:
izibonelelo kwiindlela zokuqhagamshelana;
isithethe sokunyamezela, imbeko nokuzimisela; kunye amaziko olawulo asebenzayo.
Noxa kunjalo, izinto ekujoliswe kuzo zehlabathi nezikazwelonke esizilungiselele unyaka ka-2014, zifuna umgangatho ophezulu wamandla okuxhokonxa, ukuzimisela emsebenzini, ubutyebi neetalente. Ngoko ke le nto ithetha ukuba makulandelwe kwamsinyane iindlela ezintlanu zokulungiswa kwemicimbi, zonke zinxulumene nokukhulisa, ezinye zazo bezifuna kusetyenzwe kwakudala, ezinye zithi gqi ekhwapheni kuba sesijongene neenkxwaleko okanye namathuba athile. Ezi ndlela zintlanu zokuhlangula zisetyenziswa yikhabhinethi efuna ukuzimisela koluntu.
Okokuqala, ukujongana nenkxwaleko yeziThuthi zikaWonke-wonke kubonakala njengamagingxigingxi kwicala lezoqoqoqsho, ukuzimisela koluntu jikelele, ukhuseleko loluntu nentembeko yendalo esingqongileyo. Ndikholelwa ekubeni ukuba kukho into ephumelela kuyo iPGDS, mayizise inguqulelo kwimeko yezithuthi zikawonke-wonke. Izicwangciso ezininzi zokuseka mazibe nenkqubo yokumanyanisa, yobuchule obahlukileyo, ekhuselekileyo nekulula ukusebenza ngayo. Indebe yeHlabathi icel' umngeni kuthi, masiqinisekise ukuba iyaqaliswa imisebenzi yokuqala engekafiki unyaka ka-2010. Sinengqiniseko yokuzuza eyona ibalulekileyo ibhakana yokufumana isongezo sezimali ezinokutyalwa kwizibonelelo zothutho ngolwamkelo lwexeshana lwerhafu yezibaso yeNtshona Koloni. IKhomishoni yeziMali zikaRhulumente seyithe sisaqhuba kakuhle ngokongeza izimali zethu yaye nophando lwethu lufanelekile. Le yimpumelelo enkulu emva kweminyaka emine. Phofu sisazimisele ukusoloko sicebisana nabo.
Okwesibini, ngokwandisa amathuba arhangqe iNdebe yeHlabathi ka-2010 ngokubhekiselele kukhenketho olukhulayo nakumacandelo anxulumene noko oqoqosho lwemimandla yethu, ukukhuthaza ulutsha ukuba lukhethe iindlela zokuphila ezinika ubomi, nokuqalisa kwamsinyane utyalo-mali olufunekayo kwizibonelelo ukuze baqukuqele abantu kunye nempahla. Eli bhongo selivuselelwe ngamandla okuya phambili yimvumelwano yakutshanje ezuzekileyo phakathi kwam noSodolophu yokuba ukusekwa kwesithuthi esikhethekileyo makube sisicelo esithunyelwa kuwiso-mthetho lwephondo.
Isibonelelo saMandla ethu
UPhuhliso lobuGcisa
Ubume bethu kwiPGDS bakuvezwa kwinyanga ezayo ukuze uluntu lusebenze. Buhambisana nqo nolu luvo lulandelayo lukwizikhokelo zePGDS:
IPGDS yiyona ndlela yolungelelwaniso ingundoqo nefanele eli phondo, imele ukujongwa njengenkqubo-qhinga yokusebenza nonxulumaniso. Ngokuqhutywa liphondo elikhokelwa yiNkulumbuso, oku makusekwe njengomzamo osisongezelelo nowahlanganisela ezingxoxweni onke amaqela.
Xa sifumene oku kweli phondo lethu sikhokelelwa kwiPGDS, ngoku ndifuna ukuguqukela kwiindlela zokusebenza ekufuneka sizisekile size sizikhande ngokutsha ukuze kuqaliswe ngelinge lethu lophuhliso olufanele iPhondo eli..
Ubume bokuSebenza neziThuthi zamaZiko
IPGDS ngokwesiseko imalunga nokulungelelanisa, ukudibanisa nomanyaniso kuwo onke amacandelo karhulumente wephondo, phakathi kweendawo zikarhulumente, phakathi koogunyaziwe bakazwelonke, phakathi kukarhulumente nabo anxulumene nabo ngobuqabane.
Inkqubo yeKhabhinethi ePhuculweyo:
Oku kungakho kuphela ngeziko lomgaqo-nkqubo elingqongqo phakathi kanye kurhulumente. Oku kufuna iKhabhinethi ezimiseleyo enakho ukuqhubela phambili inkqubo-qhinga yeKapa elihlumayo ngexesha lokunyubelezela kwalo kwezona zinto zibalulekileyo nangezenzo zabasebenzi kwiphondo. Kule meko sizinzise inkqubo entsha yeKhabhinethi ejoliswe kumalinge. Yona ibukela indlela yokwenziwa kwezinto ngolungelelwaniso.
IZiko lomGaqo-nkqubo kuRhulumente:
Inkqubo entsha yeKhabhinethi ixhaswa ngumgaqo-nkqubo karhulumente ovumelana nayo. Inkqubo yesebe lam yokuvuselela seyizise iqela elivuselelayo lomgaqo-nkqubo kurhulumente. Ekusekweni nasekusebenzeni kwayo, eli ziko litsha lomgaqo-nkqubo kwiSebe lam lakusebenzisa amandla ocalucalulo lwezoqoqosho nohlahlo lwabiwo-mali kwi-Ofisi kaNondyebo wePhondo nakwiqela labacalu-caluli bakamasipala kwiSebe leZindlu noRhulumente womMandla. Khona ngoku ezi ndawo zintathu sezifundisene ukusebenzisana zabulola nobugcisa bazo ekuphuhlisweni kwePGDS.
Ubudlelwane ebuRhulumenteni:
Oko kukuthi kunyaka olandelayo sakubona kugxigxiniswa ngocwangciso olunentsingiselo phakathi kurhulumente nokuzimisela kweli phondo okusekwe kwiNSDP nakwiPGDS. Ngokuhexa kwezopolitiko koomasipala abaninzi beli phondo, ndizimisele ukusebenzisa izixhobo zomThetho we-IGR ukuze kubekho inzolo nozinzo ndiqinisekise ngokunonophelwa konikezelo lweenkonzo ukuze elowo asebenzise ingqondo yokufikelela kwiinjongo ezingamalinge ePGDS, iKapa elihlumayo. Ngenxa yokuba sinoorhulumente bemimandla abalawulwa yimbumba, ngezo nguqu zinokuqhutyelwa phambili zezo mbumba, loo nto ayithethi ukuba uluntu maluxhwaleke lungabi nabuchule bokwenza izinto, malusilele kunikezelo lweenkozo okanye ezopolitiko zibe semngciphekweni.
IPCF iya kukhuthaza ulungelelwaniso lwemisebenzi karhulumente, lwamasebe kazwelonke, iindawo zikarhulumente namashishini emicimbi ekhethekileyo abenzeli abakhoyo kwiphondo eli, injongo kukuzinikela kwiinguqu ezibalulekileyo zenqila yeNtshona Koloni ukuze ezo zinto zibonakaliswe kakuhle zamkeleke nakumgaqo-nkqubo wesiyilelo sikazwelonke, kwiinkqubo, kwimibhalo yokuqala yoncedo lwemali nakwiiprowujekhthi, nokuphonononga igalelo elingapheziyo lophuhliso kwiNtshona Koloni njengoko sisiya phambili kwicala lokunikezela.
IsiYilelo soPhuhliso lweeNdawo zePhondo sasilumkisa kwakunyaka ophelileyo ngendlela yenzululwazi ngezelizwe engunobangela wokuhlaliswa kwabemi, kulapho agxile khona amathuba ezoqoqosho negalelo laloo ntshukumo kubutyebi bemvelo obukweli phondo. Ukuba le mibandela ingazezona zizathu zokusebenza kwePGDS, oko kuthetha ukuba imida yezopolitiko ayingebi yeyona ndlela iluncedo ekucwangciseni uphuhliso lokuChumisa ngendlela yokwaHlulelana. Ukuba kukho nayiphi na into, uChumiso ngokwaHlulelana nophuhliso olumanyanisiweyo lunganengqiqo yenzululwazi ngezelizwe eya kutyhoboza kuloo mida yezopolitiko koomasipala.
Kweli inqanaba into evelayo yimiMandla emiThathu yoCwangciso loPhuhliso. IQumrhu leNkulumbuso leeNgxoxo zoLungelelwaniso kwamsinyane kwakufuneka lixoxe ngokubekwa kwale miMandla ngokusesikweni ukuze kuncediswe ekukhuliseni ngokufanelekileyo kuphuhliselwe ulungelelwaniso oluphucukileyo kuxhokonxwe iindlela zenkcitho notyalo-mali ngokuhlakaniphileyo.
Kwakhona sakuwuqinisa siwuzinzise njengomzi wethu osemandleni ezoqoqosho. Nangoku ama-85% erhafu eyongeziweyo kweli phondo avela kule ngingqi.
Le nto ithetha ukuba kufuneka sibe nonxulumelwano olunzulu nabezoshishino, oko makungapheleli kwiPhondo eli. INtshona Koloni ijongene nokhuphiswano oluya phambili ukususela kwiimveliso esizithengise kwamanye amazwe ngokwesithethe phofu, sijongene nemingeni exhalisayo evela kwamanye amazwe afana neNew Zealand (kwiifilimu) ne-India (ekukhupheni umsebenzi weenkqubo zoshishino). Noxa kunjalo ilizwe lethu lithandeka kakhulu kangangokuba iinkokeli zehlabathi, ezikazwelonke nezikwimimandla yethu zinomdla wokusebenzisana nathi zisicebisa. IQumrhu elinjalo labaCebisi lakubizelwa kwiindibano xa unyaka sowuza kuphela, oko kwakufana nqwa namanqwanqwa esakuthathela kuwo siphucule uqoqosho lwethu sikwazi nokufikelela kwezo zinto kujoliswe kuzo.
ULwahlulelwano: Ukuzibopha ngeMfundo ePhakamileyo
Olunye uncedo oluqaqambileyo kulawo ahlukileyo eNtshona Koloni lolokuba sineeDyunivesithi ezine ezizezalapha, ukanti sikwanalo nophawu lweDyunivesithi yoMzantsi-Afrika, (i-Unisa ukutsho oko). Kanti ke sicothile ekuwusebenziseni lo mthombo uxabisekileyo. Xa ubusiya esiphelweni unyaka ophelileyo siwabizile onke amaSekela-Ngqonyela eedyunivesithi sifuna ukuxoxa ngendlela esinokuhlobana ngayo kwicala loncedo.
Ukususela ngoko sekukho intsebenziswano neCHEC, oko kukuthi iNtlangano yamaQumrhu eMfundo ePhakamileyo yaseKoloni emele iiDyunivesithi, injongo kukuqulunqa iNkqubo yokuSebenzisana ngokuKhula ngendlela yokwaBelana kweli phondo. Lo msebenzi uza kuphelela kwiNdibano yeeNkokeli zamaZiko eMfundo ePhakamileyo kuRhulumente wePhondo xa uza kuphela lo nyaka. Kuloo Ndibano sakuba neMvumelwano yeMbumba eya kunceda kulungelelwaniso phakathi kwezona zinto zibalulekileyo zeeDyunivesithi neNkqubo-qhinga yobuGcisa obuNqongopheleyo ukuze kufezekiswe imizamo yeKapa eliHlumayo.
ULwahlulelwano: IQumrhu loPhuhliso lwePhondo:
Ulwahlulelwano ngokwamalinge nabatyali-mali abaphambili kunye needyunivesithi lufezekisa iinjongo zabasebenzisanayo bamaziko, bolwahlulelwano nabothetha-thethwano kwiPDC. Ngonyaka ka-2006 umsebenzi wethu uya kugxila kwiPGDS. Le nkqubo iya kubandakanya uthotho lwemisebenzi namacandelo onke abemi ukuze sikwazi ukwakha isiseko esiqaqambileyo ngokwentando nemvumelwano yoluntu, inkqubo yokuchuma ngokwahlulelana nenkqubo yophuhliso olumanyanisiweyo. Izalathisi zezona zinto zibalulekileyo, nezolawulo lwePGDS zizo eziza kuwomeleza umsebenzi wePDC kuba imisebenzi iya kuxhomekeka kwezona zinto ziphambili kuhlahlo lwabiwo-mali nokwenzekayo kwisebe.
Zonke iinjongo, amalinge nolwahlulelwano lwakuba ngamampunge ngaphandle kokuba singaziqinisekisa ngamandla kaRhulumente. Besisoloko sijongene nalo mngeni ngokugqibeleleyo nangeendlela ezithile ukususela mhla ndaqalisayo ukusebenza. Lilonke sendikwinqanaba lokunika ingxelo ngenkqubela ebhadlileyo malunga nalo mbandela.
Eburhulumenteni zakubanawo amandla okunamathela kumgaqo-nkqubo nolungelelwaniso ngexa ziqwalaselwe yiPGDS. Ziza kukhokela ekulamleni kwintaphane yezinto zamaxabiso ezizezomntu nezoluntu luphela ukuze kubekho ingqwalasela kwezi zinto zilandelayo: ubuchule okanye ubugcisa, uqhelaniso, amandla okuziphatha nawokulolonga kwezoLawulo kuqinisekiswa ngentsebenziswano eneziqhamo kwiNkqubo yoChumiso ngendlela yokwaBelana.
Kwakhona ezi nkokeli zintsha zikwangabameli bePhondo kwicandelo labasebenzi ekubhaleni nasekufundeni amanani abazelweyo, ababhubhileyo nabagulayo eNtshona Koloni. Ngoku sesiqeshe abantu abangama-46 ekubeni izikhundla ezikhoyo zingama-53. Kwezo zingama-46 ama-31 eepesenti ngama-Afrika, iipesenti ezingama-45 ngabeBala, abeLungu baziipesenti ezingama-24. Kwezo zikhundla zingama-46 ngo-2004 sibe nenkqubela yokuba ne-9% engabantu ababhinqileyo, kanti ngoku sebeyile kuma-33% abantu ababhinqileyo. Apho urhulumente kufuneka ekhawuleze wanabameli kusebantwini abakhubazekileyo okanye abayimilwelwe. La manani eemeko zabantu azise umahluko kwiimeko ezitenxileyo nezizodwa endaba phantsi kwazo eminyakeni emibini egqithileyo, ingakumbi kwiimeko apho um-Afrika wayemnye kuphela endandinaye njengenkokeli. Kwezi zikhundla ziseleyo sakuzama ukuphucula inkqubo yabameli ingakumbi abeBala kunye nabantu ababhinqileyo nangona loo nto singazokuyinyanzelisa.
Ukugqibezela
Isithethi sithi, oyena ndoqo wohlahlo lwabiwo-mali lwam lwesithathu njengeNkulumbuso beluzungeleze iPGDS, ezingqondweni ndilungiselela iNtshona Koloni kuChumiso ngendlela yokwaBelana. Oku kungenzeka kuba sesiqalisile ngeminye kwimisebenzi enzima yokuguqula imimiselo kweli Phondo.
Kanti nokuba siyathetha apha namhlanje, okukhawulezileyo esimele ukuba sikwenze kuyankenteza kulo lonke eli Phondo. Ebantwini abaninzi kusagquba ubuhlwempu, ukungaqeshwa, ubundlobongela nezifo eziphuma apho. Kukho amadabi emihla ngemihla phakathi kwabemi abaqhelekileyo nabanye abanje ngamapolisa kunye nabo banenkolelo yokuba iimeko zokuhleleleka nokuhlupheka kwabo zibanika ilungelo lokwaphula umthetho. Ndibhekisa kwizikrelemnqa, abanamashishini okuthengisa iziyobisi, kwakhona ndibhekisa kwendinovelwano ngabo ngenxa yomsebenzi oyingozi abaxakeke nguwo, lowo wokukhusela thina nangona bezuza imivuzo ephantsi kakhulu. Malunga nogwayimbo olusemthethweni lokufezekisa iinjongo ezithile, kukho abasuke baziphatha ngendlela esenze samangaliswa asathemba nokuba bangakwazi na ukugcina into ekuthiwa lixabiso kweli Phondo. Andiyithandabuzi into yokuba xa sikhokelwa ngamapolisa, sakuqhubela phambili ekukhuseleni iinkokeli zethu, abemi beli lizwe, abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke mihla le, ukuhluma kwethu, konke oko kokhuselwa kulwaphulo-mthetho.
Isithethi sithi, eminyakeni edlulileyo ibe mininzi imingeni kwinjongo yethu yokwenza eli Phondo libe liKhaya Lethu Sonke. Inkqubo yonyulo lukaRhulumente womMandla iyibuyisele emva imvisiswano ebiphakathi kweentlanga nokubumbana koluntu ebesisoloko sifuna ukulwakha. Iziphumo zonyulo nobumbano olungenasizinzo zisisoyikiso kuzinzo ebelusekwe nzima kweli Phondo. Okubalulekileyo kukuba likhona ithinzi lamacala amabini achaseneyo, ukuzithi gu bucala nokwahlukana eNtshona Koloni.
Ingaba oku kuthetha ukuba seyiwe phantsi yaye ayisenakuzameka injongo yeKhaya Lethu Sonke? Xa uNkosi Albert Luthuli le njongo waqala ngokuyifezekisa ngezigalo, kangangeminyaka engamashumi amathathu kwaqalisa imbubho ebuhlungu yabantu elizweni. Xa kusetyenziswa ubuchule bukaGramsci bokuba elo themba lifezekiswa emva kweminyaka emininzi, kufuneka thina sibambane ngamandla kusetyenzwe nzima ukuze siziqinisekise ngeKhaya Lethu Sonke.
Ngokunjalo sakubhiyozela iminyaka engamashumi amahlanu okugxalathelana koomama kwi-Union Buildings, oko kukuthi izakhiwo zikaRhulumente. Asizokwanela ukubonisa ukunganeliseki kwabo njengabantu ababhinqileyo ababephantsi koRhulumente weNgcinezelo, siza kubeka ilungelo labo lokuba ngabemi abafaniswa nqo nabanye abantu nabaza kumanyaniswa noluntu kude kube ngunaphakade.
Kule mibhiyozo yomibini, amaSebe kaRhulumente wePhondo asebenza nzima ezimisele ukunikezela ngento endiyithathe njengenxalenye yePhulo lokuBulela kulutsha nakumakhosikazi. Ngoku ndibiza le Ndlu, abemi nemibutho yeli Phondo ukuba kunyulwe abo - nokuba sekukudala babhuba okanye basaphila - nyulani kulutsha nakumakhosikazi, abo nikholelwa ekubeni bayifanele imbeko enokuboniswa yiNtshona Koloni kubemi bayo ukuze umzekelo oqulathe amagama abo siwuphakamisele phezulu njengeempawu zenkululeko, zomanyano lwethu neentsika zeKhaya Lethu Sonke.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
