UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezemfundo
Uncedo Ngemali Yokufunda
Iinkxaso-mali Zokufundela Ukuhlohla (Zinikezelwa Kubafundi)
Iinkxaso-mali Zokufundela Ukuhlohla (Zinikezelwa Kubafundi)
INKCAZELO:
Abafundi abaphumelela ibanga leshumi ze babe nomdla ekubeni ngabahlohli bezifundo Zezibalo Nenzululwazi bangafaka izicelo zokufunda isigxina kwiSebe Lemfundo leNtshona Kapa. Ezi nkxaso-mali ke zikwavulelekile nakubafundi abasele bekumaziko em fundo ephakamileyo abanomnqweno wokuba ngabahlohli kula macandelo.
Abafaki-zicelo kufuneka babe ngabantu abahlala isigxina kweli phondo leNtshona Kapa, babe nakho ukubonisa ukuba ngokwenene bayaludinga olu ncedo lwezimali ze bamkeleke kumaziko emfundo ephakamileyo abanqwenela ukufunda kuwo. Abantu abasuka kwiingingqi ebezisa kuhleleleka ngaphambili bayakhuthazwa ukuba bazifaka ezi zicelo.
Iinkxaso-mali ezi zinikezelwa phantsi komqathango wokuyibuyisa ngokusebenza le mali, ngamanye amazwi ke, abafundi abaxhamlayo kule nkxaso-mali kuya kufuneka basebenze njengabahlohli apha kwiNtshona Kapa isithuba seminyaka efikelela kuleyo bayifumene ngaso le nkxaso. Kuluxanduva lomfundi ngamnye ke ukuzifumanela umsebenzi wokufundisa, nangona eli Sebe nalo ke liyakwenza konke okusemandleni nje ukusifumana esi sithuba.
IMIYALELO:
Ngokwesiqhelo ke amaphepha okufaka ezi zicelo afumaneka ukusukela kwinyanga yeSilimela kunyaka ophambi kwalowo uphambi kokuqaliswa kwezifundo. Khawucele elinye lala mapepha ke kwi-ofisi yeenkxaso-mali okanye yoncedo-mali ekwisikolo okanye idyunivesithi yakho.
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2615
Izicelo ezi ke zidla ngokuvala ekupheleni kwenyanga yoMsintsi kunyaka ophambi kwalowo wokuliswa kwezifundo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Iinkxaso-mali Kwezemfundo (Zezootitshala) (IiNkonzo)
Uncedo Ngezimali: Izipho-mali neeMali-mboleko Zokufunda (IiNkonzo)
Uqeqesho Olunikwa Abafundisi-ntsapho Phambi Kokuqalisa Ukufundisa (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
