UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezemfundo
Uncedo Ngemali Yokufunda
INKCAZELO:
Iimfuno zale Nkxaso-mali Yokufunda
Ezi nkxaso-mali ke kootitshala abasele benezifundo ezingu-REQV 11, 12, 13 okanye u-14 abaqeshwe isigxina leli Sebe Lemfundo leNtshona Kapa. Inkxaso-mali le ihlawula izifundo neencwadi kulo naliphi na elinye lala macandelo ezifundo alandelayo athabatha iminyaka emibini:
Isatifiketi Esiphambili Kwimfundo Yobugcisa Bokusebenzisa Iikhompyutha, Ubuchule Nenkcubeko, Inzululwazi Yehlabathi, okanye Inzululwazi Yobomi (ezivuleleke kubafaki-zicelo abasele benenqanaba lemfundo u-REQV 13 okanye u-14)
Imiqathango Yokunikezelwa kwale Nkxaso-mali
Iinkxaso-mali zokufunda ezi zinikezelwa phantsi komqathango wokuba umntu lowo uza kusbenzela eli sebe, ngamanye amazwi ke, kuya kufuneka uhlale usebenza apha kwiNtshona Kapa njengomfundisi-ntsapho isithuba seminyaka oxhaswe ngayo ngezimali leli sebe.
IMIYALELO:
Indlela Yokufaka Isicelo iSebe Lemfundo eli liya kuthumela incwadi yalo echaza yonke into ngale nkxaso-mali kwizikolo apho liya kube ligaya izicelo kootitshala abanokuba nomdla ngexesha elifanelekileyo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Uncedo Ngezimali: Izipho-mali neeMali-mboleko Zokufunda (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
