UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Izikhokelo Zokuvota Kulonyulo looRhulumente Bamakhaya luka-2006
Ndivota Nini?
Wonke ummi woMzantsi Afrika obudala buyiminyaka eli-18 nangaphezulu nokubhaliseleyo ukuvota angavota ngomhla wokuqala kwinyanga yoKwindla ka-2006. Ukuba akubhalisanga, akuyi kuba nakho ukuvota kolu lonyulo.
Ndivota Phi?
Uya kuvota kweso sithili wabhalisela ukuvota kuso.
Ukuze ube nokufumanisa ukuba ubhalisile ngokwenene:
Ukuze ube nokufumanisa ukuba ungavota phi na:
Uya kudinga incwadana yakho yesazisi eluhlaza efakwe ikhowudi yokubhalisa.
Oomaspala abakhulu bathi bahlulwe babe zizithili zooceba ezimbini. Abantu abakumabhunga oomaspala anezithili zooceba baya kuvota kathathu kolu lonyulo loomaspala luka-2006 ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba bamelwa kuwo onke amanqanaba karhulumente wommandla wabo:
Uvotele iBhunga Likarhumente Wekhaya kube kanye: Le voti ke yeyombutho. Umbutho ufumana abameli kwiBhunga lalo Rhulumente.
Ivoti enye enye kwiBhunga Lesithili: Le voti ke yona iya kumbutho oya kukumela kwiBhunga likaMaspala Wesithili. Amabhunga Ezithili ajongana nolawulo lwesithili eso sinamabhunga ekhaya amaninzi.
Ivoti enye yoMgqatswa Wesithili: Le voti ke yeyomntu, umgqatswa wesithili, onokuzigqatsa ezimele okanye phantsi kobutho wakhe.
Ivoti enye yoMbutho: Le voti ke yeyombutho oza kukumela kwiBhunga Lenqila. Umbutho ngamnye ufumana inani lezihlalo kwiBhunga Lenqila ngokweevoti ezifumeneyo.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana:
Inombolo Yomnxeba: 0800 11 8000
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
