UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
UBUME
IINKONZO
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
UMgaqo-siseko unikezela ngezi ntlobo zoxanduva koomaspala:
ukuziswa kwenkonzo yombane amanzi asetyenziswa emizini ilindle nendawo ecocekileyo uziso manzi ukuthuthwa kwelindle iinkonzo zokucima umililo iinkonzo zempilo zomasipala izigqibo malunga nemihlaba iindlela zengingqi izithuthi zorhulumente wengingqi ushishino lwasezitratweni izilarha kwaneemalike ezithengisa ukutya okutsha iipaki neendawo zolonwabo amathala eencwadi namanye amaziko oluntu ukhenketho lwakweli
AMAGUNYA OOMASPALA
OoMasipala beNqila banikwe umyalelo wokuba bajongane:
Ukuwisa imithetho yoomaspala (imithetho nemimiselo yezixeko) ngayo nayiphi na imisebenzi abanoxanduva lwayo. Imithetho yoomaspala ayinakungquzulana nayiphi na imithetho kazwe-lonke.
Ukuphucula uhlahlo lwabiwo-mali nezicwangciso zophuhliso. Minyaka le uHlahlo Lwabiwo-mali kufuneka luwisiwe, luchaze ukuba imali iza kuvela ze isetyenziswe njani. Umaspala ngamnye kufuneka aphucule esakhe iSicwangciso Sophuhliso Oluhlanganyelweyo (IDP).
Ukukhupha iintlawulo zeenkonzo nezinye iirhafu, umzekelo: irhafu yezakhiwo.
Ukuhupha iintlawulo zeenkonzo ngokusetyenziswa kweenkonzo zikamaspala ezifana namanzi, umbane namathala eencwadi.
Ukukhupha iintlawulo kubantu abaphula imithetho yoomaspala, umzekelo: iintlawulo zezothutho okanye iintlawulo zokungcolisa ngokulahla inkukuma apho kungafanelanga.
Ukuboleka imali. Ibhunga lingaboleka imali kuba lifuna ukwenza umsebenzi wophuhliso okanye omnye nje umsebenzi yaye livumelekile ukuba linikezele ngempahla kamaspala njengesiqinisekiso sokuba liya kuyihlawula loo mali.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
