UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Iindaba iSebe likaRhulumente Wephondo leNtshona Koloni Lidiza Inyanga yoMdumba Njengeyempilo Yokubeleka iSebe likaRhulumente Wephondo leNtshona Koloni Lidiza Inyanga yoMdumba Njengeyempilo Yokubeleka
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
UGqr Manto Tshabalala-Msimang, uMphathiswa weSebe lezeMpilo wesizwe ubhengeze ukuba ukuqala ngo-2006, inyanga yoMdumba iya kubekelwa bucala njengenyanga Yempilo Yesizwe Ephathelele Ekubelekeni. Umxholo Wesizwe wango-2006 uthi, "Sindisa Isizwe, Yomeleza Impilo ephathelele Ekubelekeni'.
Indawo ezihlala abantu kungoku nje zijongene nengxaki yokwanda kwezihlo zokukhulelwa okungafunekiyo nokungacetywanga, kuqukwa nokukhulelwa kwamantombazana asanda kufikisa ebuntombini ( i-10% yeentsana ezizalwayo zizalwa ngala mantombazana), izifo ezosulela ngesondo, kuqukwa neNtsholongwane kaGawulayo. Ngo-20 okwakaloku nje. Ngoko ke amaqabane/ abalingani bayabongozwa ukuba bazisebenzise ezi ndlela zikhoyo zocwangciso-ntsapho zifanelekileyo nezifumaneka kumaziko abo empilo, ukuzikhusela bona nokukhusela abanye kananjalo.
Imicimbi eyahlukeneyo ilungiselelwe ukuba yenziwe ngoFebruwari 06, apho kuya kube kubhiyozelwa iNyanga yeMpilo kananjalo nokukhuthaza ndawonye nokomeleza impilo ephathelele ekuzaleni kunye nononophelo lwempilo. Oku kuquka:
Iiveki Ezimbini Zoqeqesho Ngokubeleka: 13-26 kweyoMdumba
Imiyalezo ephambili kolu ngenelelo ibandakanya:
Ukufa kwababelekayo kungacutheka xa ubani emana esiya eklinikhi ebonelela ngononophelo ngaphambi kokubeleka xa iinyanga zisembalwa.
Umhlaza wesibeleko ungathintelwa ngokukhangelwa / uhlolwe kwiklinikhi ekufuphi nawe.
Ukunyangwa kwezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo kungagqibela ngokuzinqanda iingxaki zempilo ephathelele ekuzaleni.
Ukubandakanyeka kwamadoda kwimpilo ephathelele ekuzaleni kungenza umahluko noko.
Iinombolo ezingahlawulelwayo zefowuni ezingaceda uluntu ukuba lukwazi ukufika:
URhulumente wePhondo leNtshona Koloni uzibophelele ekuphumezeni Iminqweno Yophuhliso kule Nkulungwane, ngokuthi agxininise ekuyisiphuleni neengcambu zayo intlupheko, aphumeze imfundo eyeyona nto ingundoqo, akhuthaze ulingano ngokwesini awaxhobise namabhinqa, anciphise inani lokufa kwabantwana, aphucule impilo yabakhulelweyo/yokuba ngumzalikazi ukulwa isifo uGawulayo neNtsholongwane yakhe nokuqinisekisa ngemeko ezinzileyo.
Uluntu luya kwazi ukufikelela kwiinkonzo zempilo ephathelele ekuzaleni apho kuqukwa khona neenkonzo zocwangciso-nzala, impilo yabakhulelweyo/yobuzalikazi, ukukhangelwa komhlaza wesibeleko nowebele, ukukhutshwa kwezisu, uGawulayo neNtsholongwane yakhe kunye nezifo ezisuleleka ngesondo.
Ucwangciso-ntsapho
Ukucwangcisa usapho kuyeyona nto ibisoloko iqhubeka ixesha elide kwezempilo kuzanywa nokulwa uGawulayo neNtsholongwane yakhe. Ukuqinisekisa umgangatho wenkonzo yeyona ntsika yokuphucula ezempilo, ukuphuhlisa nokukhusela amabhinqa, amadoda, abo bakwixesha lokufikisa kunye nabantwana. Ucwangciso-nzala yeyona ndlela yokunceda iintsapho kunye nabantu ekunqandeni ukukhulelwa okungeyomfuneko. Imingeni ekujongenwe nayo ngokuphathelele kuGawulayo nentsholongwane yakhe ndawonye nokufa kwabakhulelweyo neentsana akungethiwa kuqwalaselwe ngokupheleleyo zingekaqiniswa iinkonzo zocwangciso-nzala. Umgaqo-nkqubo Wocwangciso-ntsapho ke ngoko ujolise, phakathi kwezinye izinto, ekuxhobiseni amabhinqa, ukubandakanyeka kwamadoda kwimpilo ephathelele ekuzaleni kwanemfuneko yokuba amadoda namabhinqa athi ezikhethela indlela yawo yempilo ephathelele ekuzaleni abe ekwenza oko enolwazi.
Zikhona kwaye ziyafumeneka iindlela ezahlukeneyo zocwangciso kwiikliniki zoluntu kweli phondo. Ezo ndlela ziquka iipilisi zocwangciso, izitofu nezixhotyana zocwangciso ezifakwa esibelekweni, kukho iikhondom zamadoda nezamabhinqa kanti kukwakho nohlobo lokucwangcisa ngokunqanyulwa kwenzala, oko kwenziwa ngokusikwa okanye ukubotshwa kwemibhojana ehambisa imbewu emadodeni ze kusikwe okanye kubotshwe imibhojana evela kwisiyilelo-maqanda kumabhinqa, kananjalo likwakho nechiza locwangciso-ntsapho ngokungxamisekileyo. Uthintelo oluntlantlo-mbini - ukusetyenziswa kweentsilathi kuphela, oko kusenziwa ngendlela echanekileyo kwanengatshintshiyo, okanye kusetyenziswe ikhondom kunye nolunye uhlobo locwangciso (apho kusetyenziswa ichiza locwangciso-ntsapho lokungxamisekileyo kwimeko yengozi), yeyona nto ibethelelwayo ukuthintela ukukhulelwa okungeyomfuneko kananjalo nezifo ezosulela ngesondo kuqukwa neNtsholongwane kaGawulayo.
Umhlaza wesibeleko yeyona nto iwathumela kwantsonga nyawana amabhinqa aseMzantsi Afrika. Uphando ludandalazise ukuba ngokomlinganiselo liba linye ibhinqa ubuncinane kumabhinqa angamashumi amathathu ananye eMzantsi Afrika aye ahlaselwe ngumhlaza wesibeleko ngexesha lawo lokudla ubomi. Ukukhangelwa komhlaza uze ubhaqeke msinyane kwenziwe nonyango ngokusika/ngokutshisa ukunqanda ukunwenwa komhlaza, yeyona nto ibekwe phambili kwezempilo kwiSizwe siphela. Ngokwezikhokelo zomgaqo-nkqubo, wonke umntu olibhinqa kufaneleke ukuba akhangelwe izihlandlo ezithathu mahala xa ekwisithuba seminyaka engama-30, engama-40 nengama-50 eminyaka yobudala. Le nkonzo iyenziwa kuwo onke amaziko ezempilo.
Ukukhutshwa Kwezisu
Umthetho iChoice on Termination of Pregnancy Act (No.92 of 1996) ichaza ithi umntu olibhinqa nokuba ukweyiphi na iminyaka ofuna ukukhupha isizu, angakwenza oko ngokufaka isicelo kugqirha okanye kunesi oqeqeshiweyo, xa ekwisithuba seeveki ezilishumi elinambini ekhulelwe. Singakhutshwa isisu kwiiveki ezili-13 ukuya kwezingama-20 zokukhulelwa, ukuba sele zingaphezu koko iiveki, oko kuthetha ukuba ungakho umngcipheko wengozi emzimbeni, engqondweni yakhe, ekuhlaleni nakuqoqosho lwezempilo. Ibhinqa elingasafuniyo ukuba kube sabheka phambili ukukhulelwa kwalo kufuneka liye kwiklinikhi ekufuphi nalo.
Ukufumana ezinye iinkcukacha dibana:
Imibuzo ingabhekiswa:
Usekela Mlawuli: Wemicimbi Yenzala, Wesebe Lezempilo Lephondo Lentshona Koloni
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2684
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
