UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezothutho
Izithuthi, Iingozi & Nokhuseleko Ezindleleni
INKCAZELO:
IMIYALELO:
Ndingafumanisa ukuba ndinesohlwayo sendlela endingekasihlawuli?
Zeziphi ezi ntlobo zahlukeneyo zezohlwayo zendlela?
Ndingawujonga ndiwuqinisekise phi umfanekiso othatyathwe yikhamera yesantya?
Ndingasihlawula njani isohlwayo sesiphoso sam sendlela?
Ndingasihlawula na isohlwayo sesiphoso sam sendlela kumatshini webhanki?
Ndingasihlawula emva kwexesha elingakanani isohlwayo sam sesiphoso sendlela?
Ndingasifaka njani isikhalazo ngesohlwayo sesiphoso sam sendlela?
Kwenzeka ntoni xa ndingasihlawuli isohlwayo sesiphoso sam sendlela?
NDINGAFUMANISA PHI UKUBA NDINESOHLWAYO SESPHOSO SENDLELA?
Tsalela iCandelo Lemibuzo Ngemiba Yendlela `ngexesha lomsebenzi (ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, ngesibhozo ekuseni ukuya kutsho ngecala emva kwentsimbi yesithathu malanga) kule nombolo. Ukuba ungathanda ukufumana iphepha elichaza konke ngesohlwayo sakho. Kuya kufuneka uziyele ngokwakho kweli sebe lezendlela.
Ukuba ukrokrela ukuba isebe lezendlela likuthumela izohlwayo zeziphoso zendlela kwidilesi yakho endala, nceda uthumele idilesi yakho entsha ngefeksi (eyokuhlala neyeposi) , ndawonye nencwadana yakho yesazisi kwiCandelo Lokubhaliswa Kwezithuthi kule nombolo 419 1676.Yibhalise ngeSebe Lonxibelelwano. Tsalela iCandelo Lokubhaliswa Kwezithuthi kule nombolo yomnxeba 400 4900 nangaziphi na iinkcukacha onokuzifuna ngalo mba.
ZEZIPHI EZI NTLOBO ZAHLUKENEYO ZEZOHLWAYO KWIZIPHOSO ZENDLELA?
Umyalelo Okunyanzelisa Ukuba Uvele Ngokukhawuleza Enkundleni ukhutshwa xa igosa lendlela ekhuphela umqhubi-sithuthi ecaleni kwendlela ukuze amnike itikiti elinesohlwayo ngenxa yezi ziphoso zilandelayo: isiphoso asenze ngelixa aqhubayo (umzekelo, ukuqhuba ngesantya esingamkelekanga okanye okanye ukudlula izibane zendlela zimvalele), isiphene esikwisithuthi sakho (umzekelo, isibane sangemva esophukileyo/esingasebenziyo), iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi eliphelelweyo okanye ukuqhuba isithuthi ngaphandle kwephepha-mvume lokuqhuba.
A iTikiti leCandelo 341 likhutshwa xa umqhubi-sithuthi ebanjwe yikhamera esaphula umthetho wendlela (umzekelo, xa eqhuba ngesantya esiphezulu ngendlela engamkelekanga) okanye xa igosa elo lendlela likhupha eli tikiti engekho umqhubi lowo esithuthini (eli ke litiki elimbala upinki elinikezelwa xa umqhuni ethe wapaka ngokungekho mthethweni, efunywenwe enecwecwe lephepha-mvume lokuqhuba eliphelelweyo, njalo-njalo).
NDINGAWUJONGA NDIWUQINISEKISE PHI UMFANEKISO OTHATYATHWE YIKHAMERA YESANTYA?
Ukuze ube nokuyibona imifanekiso kuya kufuneka wazi:
Inombolo-mbhalo yesithuthi sakho
Inombolo yomfanekiso lowo, obonakala kwitikiti olithunyelweyo.
NDINGASIHLAWULA NJANI ISOHLWAYO SESIPHOSO SAM SENDLELA?
Ukuba uhlawula ngaphambik kosuku lokugqibela oluchazwe kwitikiti elo lakho, ungasihlawula isohlwayo sesiphoso sakho ngetsheki, ngemali eziinkozo okanye amaphetshana okwenza iintlawulo aseposini:
Intlawulo ingenziwa ngokuthi umntu aziyele buqu kwisebe lezendlela okanye (fumana idilesi kwesi sikhundla sinamasebe Ezendlela ooMaspalas) okanye ke uyithumele ngeposi kule dilesi:
Ngenxa yobuzaza bobuqhetseba nobusela kwicandelo leeposi, ayikhuthazwa tu into yokuba umntu athumele imali eziinkozo ngeposi.
Ukuba unomnqweno wokuhlawula ngosuku lokugqibela lokuhlawula okanye emva kolu suku,, ungakwenza oku ngokuthi uhlawule imali eziinkozo okanye ngetsheki eqinisekiswe yibhanki kwinkundla ekhankanywe kwelo tikiti (fumana ke idilesi kwesi sikhundla sineeNkundla zooMaspala). Kuya kufuneka uye ngokwakhe xa uhlawula esi sohlwayo, kwishumi elinesine leentsuku emva kosuku lokugqibela lokuhlawula. Ngolu suku lweshumi elinesine ke, ityala lakho liya kuchotshelwa enkundleni.
Ukuba akunamnqweno wakulihlawula eli tyala, kuya kufuneka uye kuvela enkundleni, ngokwakho, ngosuku obekelwe ukuvela ngalo enkundleni ngeenjongo zokuya kuzithethelela. Ukuba akuyi kuzithethelela, inkundla iya kukhupha isigunyaziso kokubanjwa kwakho uvalelwe kwesimnyama.
NDINGASIHLAWULA ISOHLWAYO SESIPHOSO SAM SENDLELA KUMATSHINI WEBHANKI?
LINGAKANANI IXESHA ENDINALO NGAPHAMBI KOKUBA NDIHLAWULE ISOHLWAYO SAM SESIPHOSO SENDLELA?
Kuxhyomekeka ekubeni ufumene oluphi na uhlobo lwesohlwayo, Isigunyaziso Sokuba Uvele Enkundleni Ngokungxamisekileyo okanye iTikiti leCandelo le-341, unesithuba esiphakathi kwamashumi amathathu eentsuku neenyanga ezine sokuhlawula itikiti lakho lesiphoso sendlela.
Isigunyaziso Sokuba Uvele Enkundleni Ngokungxamisekileyo linosuku oza kuvela ngalo enkundleni yaye uneentsuku ezingamashumi amathathu zokuhlawula ukususela kusuku elikhutshwe ngalo eli tikiti, ukwenze oko kwisebe lezendlela elikhankanywe kwitikiti kwisigunyaziso eso. Ukuba uthi ulihlawule eli tikiti ngosuku omele ukuvela ngalo enkundleni, kuya kufuneka ukwenze ngokwakho oko enkundleni.
Ukuba uthi ufumane iTikiti leCandelo le-341, uneentsuku ezingamashumi amathathu ngaphambi kokuba isebe lezendlela likhuphe "iSaiziso Esiphambi Kwesigunyaziso Sokuvela Enkundleni", oya kuthi emva kokukhutshwa kwaso ube nezinye iintsuku ezingamashumi amathathu ngaphambi kokukhutshwa kwalo myalelo ukugunyazisa ukuba uye kuvela enkundleni.
Emva kokukhutshwa komyalelo wokuvela enkundleni, unezinye iintsuku ezingamashumi amathathu zokuhlawula itikiti lakho kwiSebe Lezendlela elikhankanywe apho. Emva kokudlula kwala mashumi amathathu eentsuku, unelinye ishumi elinesine leentsuku oliphiwayo lokuba uhlawule eli tikiti kwinkundla ekhanknywe kuloo myalelo.
Ngoko ke lilonke, unamalunga neenyanga ezine zokuba uhlawule isohlwayo sakho emva kokufumana itikiti leCandelo le-341.
INGABA NDINGASIFAKA ISIKHALAZO NGESOHLWAYO ENDISITHUNYELWEYO?
Ukuba unomnqweno wokufaka isikhalazo ngesohlwayo sendlela osinikiweyo, thumela incwadi ecacisa izizathu zakho, ndawonye nekopi yeso sohlwayo sakho, kwiSebe Lezendlela laseGallows Hill. Usenakho kanti nokuzithumela ngefeksi ezi nkcukacha kule nombolo: 021 421 6607. Uya kuthi ufumane incwadi ke ekwazisa ngokuba eli sebe liyifumene incwadi yakho kwisithuba esimalunga neenyanga ezintathu emva koko.
uMlawuli Wemicimbi Yendlela Yendlela uya kuthi akuthumele le ncwadi yakho kwinkundla efanelekileyo. uMtshutshisi Woluntu okuloo nkundla uya kuthi asiqwalasele esi sohlwayo, nto leyo ithabatha ubuninzi iintsuku ezimbini, ze emva koko athumele isigqibo sakhe kuMlawuli Wemicimbi Yendllela, oua kuthi yena asibhale phantsi asigcine ezincwadini. Le inkqubo ke ithabatha malunga neeveki ezintathu. Xa ihlanganiswa yonke le nkqubo ithabatha iiveki ezintandathu.
Usenakho kanti nokuqhagamshelana noMtshutshini Woluntu ngokuthi uye ngqo kwinkundla ekhankanywe kweso sohlwayo. Ukuba uthe wafumana umyalelo okubizela enkundleni, kufuneka uqhagamshelane noMtshutshisi Woluntu ngaphambi kosuku lokuvela kwakho enkundleni.
KWENZEKA NTONI XA NDINGASIHLAWULI ISOHLWAYO SAM SESIPHOSO SENDLELA?
Ukuba, umzekelo, wohlwaywe ngempazamo, ungaya kubhena ngalo mba enkundleni ngosuku obizelwe ukuya kuvela ngalo enkundleni kuloo myalelo.
Ukuba akuyi kuvela uzithethele enkundleni, inkundla iya kukhupha umyalelo ogunyazisa ukuba ubanjwe uvalelwe kwesimnyama, ngetyala lokudela inkundla.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Iintlawulo Zezohlwayo Zendlela: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
