UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Iindaba
UMTHOMBO WEENDABA Icandelo loMphathiswa Wemicimbi Yenkcubeko, Ezemidlalo Nolonwabo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
ISebe Lemicimbi yeNkcubeko NeMidlalo sekumbovu ukuba lenze inkqubo yokumisa i-Ofisi ezimeleyo yeziBonelelo zeeMvumi, eza kuqwalasela imiba emayela namagcisa okwenza anobuncutshe.
Bonke abantu abakhoyo nabahlumayo kwimveliso yomculo bayamenywa ukuba banikeze ulwazi kwaneenkcukacha ukuze kudityaniswe uvimba wolwazi wephondo, oza kulawulwa yi-Ofisi yeziBonelelo zeeMvumi.
Abantu ababhaliswe kuvimba wolwazi baza kumenywa kwiNgqungquthela yeeMvumi zePhondo ngonyaka wama-2006, ukuze emva koko kwenziwe ubume benkonzo kunye nesicwangciso sokwenza se-Ofisi yeziBonelelo.
Imibutho kunye neencutshe ezizodwa zomculo ezingena kolu luhlu nakwezi ntlobo ezikhankanywe ngentla kufuneka banikeze olu lwazi lulandelayo:
Igama elipheleleyo nefani
Isiza sobuncutshe esiphakathi kolu shishino
Iinkcukacha zoqhagamshelwano kuqukwa: iposi yedilesi, i-imeyile kunye neenombolo zeefowuni.
Iwonga leNgqesho phakathi kweli shishini: sisigxina okanye likhesela
Xela ukuba ingaba unonxibelelwano lwehlabathi na - cacisa
Ulwazi ngawe kuqukwa: isini kunye nenombolo yesazisi
Amaphepha okubhalisa ayafumaneka kwiziko lethu, inkcukacha malunga nomba wokubhalisa uyafumaneka kwinqila ezikututshane ezithile. Ngolwazi oluphangaleleyo ningasifowunela.
QAPHELA: Uvimba wolwazi uza kusetyenziselwa ukunika ulwazi olululo kwiincutshe zomculo nakwabanye abanomdla kushishino lwezomculo, ukuze kwakhiwe ushishino lwezomculo nokuqinisekisa ufikelelo olulinganayo kwizibonelelo zolu shishino. Uvimba wolwazi uza kunceda ekuchongeni, ekuhlumiseni nasekuphuhliseni italente entsha ukuba ibe ziindwalutho zomculo noonozakuzaku bexa elizayo.
KUSETYENZISWENE KUNYE NEQELA LELI THUBA LEEMVUMI
Isebe Lemicimbi yeNkcubeko NeMidlalo
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
