UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
Ukuzibhalisa Njengomkhokeli Wabakhenkethi
Ukuzibhalisa Njengomkhokeli Wabakhenkethi
UBUME
IINKONZO
IINDABA
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Ukuba ungathanda ukusebenzela inkampani, iclose corporation, inkampani ethutha abakhenkethi phantsi kwesibhambathiso okanye ke uqeshwe njengomkhokeli wabakhenkethi, okanye ke ukuba ufuna ukuba ngumkhokeli wabakhenkethi ozimeleyo, kufuneka ubhalise kwi-ofisi yeli phondo yeSebe Lophuhliso Loqoqosho.
Ungabhalisa nokuba umtsha kweli shishini okanye imvume yakho yokusebenza kwakho sele iphelelwe lixesha.
Ukuba ungumkhokeli wabakhenkethi okanye ke wawusakuba ngumkhokeli wabakhenkethi weSATOUR ongekazibhailisi kule nkqubo intsha, kufuneka uqhagamshelane nomnye wabaqeqeshi/wabahloli abasemthethweni, oya kuthi akuvavanye. Ungathi ke emva koko uqhagamshelane neOfisi Yokubhaliswa Kwabakhokeli Babakhenkethi ekwiSebe Lophuhliso Loqoqosho likarhulumente wephondo leNtshona Koloni, ukuze aqukumbele ukubhaliswa kwakho njengomkhokeli wabakhenkethi osemthethweni.
IMIYALELO:
Inqanaba 1: Uqeqesho
Inqanaba 2: Ukubhaliswa
Inqanaba 3: Ukuzithengisa
Izikhalazo
UQEQESHO
UKUBHALISWA
Emva kokuqukunjelwa koqeqesho, kufuneka ubhalise kwiOfisi Yokubhaliswa Kwabakhokeli Babakhenketh ekwiSebe Lophuhliso Loqoqosho apho uya kunikwa inombolo yakho njengomkhokeli wabakhenkethi (yalapha eNtshona Koloni), ibheji yomkhokeli wabakhenkethi kwakunye nekhadi lokuzazisa.
Ukuze ube nokubhalisa kufuneka unikezele ezi nkcukacha zilandelayo:
Ikopi Eqinisekisiweyo Engqina Uvavanyo olwenziwe ngumbutho ongqinwayo yiTHETA okanye ke namphi na Umqeqeshi
Ikopi eqinisekisiweyo yePhepha Elisisiqinisekiso Soqeqesho esuka kuMqeqeshi/uMvavanyi othenjiweyo nowaziwayo yiTHETHA.
Ikopi eqinisekisiweyo yencwadana yakho yesazisi yalapha eMzantsi Afrika okanye ke incwadana yokundwendwela amanye amazwe okanye iPhepha-mvume Lokuba Ngumhlali Osisigxina okanye iPhepha-mvume Lokusebenza kweli lizwe.
Iikopi eziqinisekisiweyo zazo naziphi na iimpepha zokuba ngumkhokeli wabakhenkethi kwakho okanye ke ezazo naziphi na izifundo onazo.
Isiqinisekiso Esifungelweyo Soqeqesho Loncedo Lokuqala.
Isiqinisekiso esifungelweyo sazo zonke iilwimi ezingezo zeli lizwe ozaziyo neziza kusetyenziswa ekukhokeleni abakhenkethi.
Imifanekiso yakho emine elingana naleyo yencwadana yokundwendwela amanye amazwe (bhala igama lakho kumva womfanekiso ngamnye).
Kuya kufuneka nentlawulo yama-R240.00 kumntu ngamnye (zonke iitsheki kufuneka zihlawulwe kwiSebe Lophuhliso Loqoqosho).
UKUZITHENGISA
Xa sele uqeqeshiwe, wavavanywa ze wabhalisa, kuya kufuneka uzithengise njengommkhokeli wabakhenkethi obhalisiweyo ngokuthi uqhagamshelane neenkampani ezithutha abakhenkethi ukuze zikuqeshe.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
Inombolo Yomnxeba: 021 483 8734
Inombolo Yomnxeba: 021 483 3012
Imibuzo enento yokwenza nenkqubo yokuphinda kubhaliswe kwanezaziso zokutshintshwa kweedilesi okanye iinkcukacha zoqhagamshelwano, thetha noLinah Maqashu
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2960
Inombolo Yomnxeba: 021 483 9130
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Isicelo sokuba nguMnikezeli oQinisekisiweyo woQeqesho kwezoKhenketho noVavanyo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
