UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
Inkxaso-mali esuka kwiNkqubo yoDanjiso lweNdlala
Inkxaso-mali esuka kwiNkqubo yoDanjiso lweNdlala
INKCAZELO:
Inkqubo yokudanjiswa kwendlala yasekwa ngurhulumente ekunciphiseni indlala eMzantsi Afrika. Icandelo lezokhenketho kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho lwabelwa ingxowa-mali yokuxhasa iiprojekthi eziluhlobo oluthile lwezokhenketho. Le ngxowa-mali ijolise:
ekudaleni imisebenzi kuphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi kwezokhenketho ekuphuhliseni imveliso entsha kwezokhenketho ekunikezeleni uqeqesho nolwakhiwo lwezikhundla ekuqinisekiseni ukuba ezi projekthi ziyagcinakala ixesha elide.
Kuphela ziiprojekthi ezisekelwe kuluntu kwimimandla nezingezizo ezomntu ngamnye ezinokuthi zifumane inzuzo kule ngxowa-mali. Kuphela ziitrasti zoluntu kwimimandla okanye iinkampani zeCandelo 21 ezimelwe ngokwaneleyo kwimimandla eziya kuthi ziqwalaselwe ekufumaneni le nkxaso-mali.
IMIYALELO:
Iinkcukacha ezigcweleyo zendlela emisiweyo yokhetho kule nkxaso-mali kunye nezicelo neenkqubo zovavanyo ziyafumaneka kule ncwadi, yeeNkqubo zeNkxaso kumaShishini ezoKhenketho, nepapashwe liSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho kunye neSebe loRhwebo noShishino. Xa ufuna iinkcukacha ezingezinye, qhagamshelana no-:
Inombolo yefowuni: 012 310 3846
Ifeksi: 012 320 4740
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho (IiNkonzo)
Isicelo seNkxaso kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini Aphakathi Namancinci (SMEDP) (IiNkonzo)
Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
