UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
Isicelo seNkxaso kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini Aphakathi Namancinci (SMEDP)
Isicelo seNkxaso kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini Aphakathi Namancinci (SMEDP)
INKCAZELO:
I-SMEDP yinkqubo yokufumana umnikelo oyimali eziinkozo nokunikezelwa koncedo kushishino olunxulumene nezokhenketho eMzantsi Afrika. Uncedo lunikezelwa kwiiprojekthi ezintsha okanye ezandisiweyo. Oku kulandelayo yimizekelo yeeprojekthi ezinokuthi zonyulwe:
Amashishini abonwa njengakudidi lwalawo abonelela ngeendawo zokuhlala zexeshana nje elingephi, umzekelo, iihotele, iindawo zokuhlala ofumana ibhedi nesidlo sakusasa, iiloji kunye nezindlu ekuhlalwa kuzo ngexesha leeholide.
Abasebenzi bezokhenketho abanceda kuphela abakhenkethi.
Amashishini aneziporo ingakumbi ecaleni kwentaba okanye izporo zabucala, iindlela ezisebenza ngeentambo zombane ezisemoyeni, izithuthi ezihamba emanzini amadama, awamachibi kwanawezinye iintlobo.
Inzuzo kule nkqubo yenkuthazo iquka:
Umnikelo oyimali eziinkozo engatsaelwa rhafu kwiminyaka emibini nosekelwe kwixabiso lwenzaliso-mali kwizakhiwo, ifenitshala, izixhobo neenqwelo-mafutha.
Umnikelo oyimali eziinkozo owongeziweyo kunyaka wesithathu kumashishini xa umgangatho okanye izinga leMivuzo yaBasebenzi xa ichazwa ngokwexabiso lomsebenzi, lingangamashumi amathathu ekhulwini (30%).
Inkuthazo ebukhulu bungama-R3 050 000 rhoqo ngonyaka kumashishini anenzaliso-mali kwizakhiwo, ifenitshala, izixhobo neenqwelo-mafutha.
IMIYALELO:
Fumana incwadana yolwazi nephetshana lezicelo kwiSebe loRhwebo noShishino (DTI) uze uyigqithisele kwi-DTI ukuze ivavanywe.Xa ufuna iinkcukacha ezizezinye, nceda uqhagamshelane:
Inombolo yomnxeba: 012 310 1288 / 1279
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
IDesika yoNcedo lwabaRhwebi kwezoKhenketho (IiNkonzo)
Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino (IiNkonzo)
INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
