UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi
Ulonyulo
Ukubhalisa kuLuhlu Lwabavoti
Ukubhalisa kuLuhlu Lwabavoti
INKCAZELO:
Phambi kokuba ungavota kulonyulo lukaZwelonke okanye looMaspala, kufuneka ube kanti ubhalisile kuLuhlu lwabavoti.
ULuhlu olu luqulethe iinkcukacha zomvoti ngamnye yaye lusisixhobo esibalulekileyo sokulungiselela uvoto. Umzekelo, luvumela i-IEC yazi ukuba bangaphi abantu abanokuvota kwingingqi nganye ukuze yona iqinisekise ukuba izikhululo zovoto zanele.
ULuhlu Lwabavoti lukwabalulekile ekunqandeni ubuqhophololo kuvoto.
IMIYALELO:
Ungakwazi ukubhalisa kuphela kwingingqi ohlala kuyo - oko kukuthi apho uhlala khona, okanye indawo oqhele ukubuyela kuyo emva kwexesha umkile.
Ukuze ubhalise, udinga ukuba:
Ube ngaphezu kwe-16 leminyaka ubudala.
Ukuya kubhalisela uvoto ngokwakho.
Ngummi woMzantsi Afrika.
Ube futhi ubonise incwadana yakho yesazisi (ID) enekhodi yokuvota, okanye isiqinisekiso esisasebenzayo sesazisi sexeshana.
Nangona ungabhalisa xa usiba ne-16 leminyaka uzelwe, ungavota kuphela xa une-18 leminyaka uzelwe.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ukutshintsha Iinkcukacha Zakho kuLuhlu looMaspala (IiNkonzo)
Uvoto Kulonyulo lweLizwe (IiNkonzo)
Ukujonga Ukuba Ngaba Ngokwenene Ubhalisile kuLuhlu Lwabavoti (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
