UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi
Ulonyulo
Uvoto Kulonyulo lweLizwe
Uvoto Kulonyulo lweLizwe
INKCAZELO:
Olu lonyulo rhoqo emva kweminyaka emihlanu. Zazisa ukuba ngubani oza kulawula ilizwe yaye umbutho wezopolitiko ngamnye uza kufumana izihlalo ezingaphi ePalamente. Zikwaxela ukuba ngowuphi umbutho wezopolitiko oza kuphatha iphondo ngalinye.
Ulonyulo lokuqala ngokwentando yesininzi lwalubanjwe ngonyaka ka-1994. Umbutho i-ANC yaphumelela ngokuzuza ama-63% evoti.
Ulonyulo lukaZwelonke lokugqibela ngokweNtando yeSininzi lwalubanjwe ngonyaka ka-1999 xa i-ANC yaphumelela ngama-66.35% evoti. Ungazijonga iziphumo.
Ulonyulo oluzayo luza kubanjwa ngonyaka ka-2004.
IMIYALELO:
Ukuze ube nako ukuvota kolu lonyulo, kufuneka kuqala ube ubhalisile kuLuhlu Lwabavoti. Ke ngoko uza kuba nako ukuvota kwisikhululo sokuvota esikwingingqi obhalisele ukuvota kuso. Ezinye iinkcukacha ngeendawo ezikuzo izikhululo zokuvota, indlela ekuvotwa ngayo, ziza kufumaneka ekusondeleni kwexesha lovoto.
Inkqubo yovoto isebenza ngolu hlobo:
Ungena kwisikhululo sovoto ze igama lakho likhangelwe kuLuhlu Lwabavoti ukuqinisekisa ukuba ubhalisile yaye awukavoti.
Unikwa iphepha lokuvota elinoluhlu lwawo onke amaqela ezopolitiko azigqatsayo
Uvota emfihlakalweni
Okokugqibela, ufaka ivoti yakho, ngokuthi ufake iphepha lakho elinevoti kwibhokisi ecikiweyo yokuvota.
Umnxeba: 021 409 5300
IFeksi: 021 425 6410
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ukubhalisa kuLuhlu Lwabavoti (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
