UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi
IPalamente yePhondo
Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Luluntu kwiPalamente yePhondo
Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Luluntu kwiPalamente yePhondo
INKCAZELO:
Uluntu luyakhuthazwa ukuba luthabathe inxaxheba kwiinkqubo zePalamente yePhondo. Ungathabatha inxexheba ngokuthi:
uvote kulonyulo wakhe umkhanya kwiinkqubo zepalamente ufake amangeniso okanye unikezele iintetho egameni legalelo ngemithetho esaqulunqwayo uzimase ze uthabathe inxaxheba kwiintlanganiso zoluntu.
IMIYALELO:
YINTONI LE IXOXWAYO EPALAMENTE
UKUTYELELA IPALAMENTE
Ukuba ufuna ukwakha umkhanya kwiinkqubo, ungatyelela iPalamente. Amaxesha neendawo zeentlanganiso zesigqeba esipheleleyo, iintlanganiso zeekomiti kwakunye neendibano zoluntu zikwachaziwe kwesi Sicwangcisi Seentshukumo zePalamente. IPalamente ikwanikezela nangethuba elifutshane lokutyelela esi sakhiwo.
UKUFAKA INGENISO
Ungafaka amangeniso abhalwe phantsi ePalamente ngawo nawuphi na umba ekucelwe igalelo kuwo. La mangeniso athi athunyelwe kwikomiti esebenza ngawo, ethi yona ifikelele kwizigqibo zokuba ubungqina obunikezelwa ngomlomo bamkelekile na.
Ingeniso ngalinye:
Khawukhe utyelele iwebsite yePalamente yePhondo ukuze ufumane iinkcukacha ngokwenza amangeniso
IZIBONGOZO
Usenakho nokufaka isicelo esibhalwe ngesandla okanye isikhalazo ePalamente ngokunga sisibongozo. Esi sibongozo singatyikitywa ngumntu omnye okanye lihlokondiba labantu.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IPalamente yeNtshona Koloni (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
