UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IPalamente yeNtshona Koloni
IPALAMENTE YENTSHONA KOLONI: UBUME
UBUME
IINKONZO
IINDABA
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
IPalamente yePhondo leNtshona Koloni:
Yenza imithetho ejongene neNtshona Koloni kuphela.
Idlala indima ebalulekileyo ekubeni liliso kuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni kwanokuqinisekisa ukuba lo rhulumente uyaphendula futhi ukhokelwa ziimfuno zoluntu.
Ifaka igalelo kwimiba yesizwe ngokuthi ibe yingxenye kwi- Bhunga leSizwe lamaPhondo.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye inokugqiba ekubeni noMgaqo-siseko wephondo layo ukuba izithathu ezibini zamalungu ayo ayavuma. Kusenjalo, umgaqo-siseko wephondo kufuneka uhambelane noMgaqo-siseko wesizwe njengoko kungqinisisiwe yiNkundla yoMgaqo-siseko. UMgaqo-siseko wePhondo leNtshona Koloni waqala ukusebenza ngo-1998.
NgokoMgaqo-siseko wesizwe, amaphondo anganawo amagunya okuwisa imithetho neyokulawula ngaxesha-nye nenqanaba lesizwe likarhulumente, phakathi kweminye imiba:
ezolimo amaziko ongcakazo, imidyarho, ungcakazo, ukubheja imiba yenkcubeko imfundo kuwo onke amanqanaba, ngaphandle kwemfundo yeedyunivesithi neyeeteknikoni indalo engqongileyo iinkonzo zempilo ezezindlu umgaqo-nkqubo weelwimi ulondolozo lwendalo iinkonzo zobupolisa ezosasazo kwiphondo uthutho lukawonke-wonke ucwangciso nophuhliso lwemimandla ukumiselwa kwemithetho yeenqwelo-mafutha ezotyelelo uphuhliso lweentengiso noshishino iinkokheli zomthonyama uphuhliso lweengingqi ezisezidolophini nezisemaphandleni amaphepha-mvume okuqhuba izithuthi iinkonzo zentlalo-ntle.
Amaphondo akwanawo namandla afunyanwa ngawo kuphela kuthotho lwemiba ethile, equka:
imizi yokuxhelela iinkonzo zezithuthi zezigulana amaphepha-mvume okuthengisa utywala imithombo yendalo engeyiyo imithombo yendalo yesizwe ucwangciso lwephondo imiba yenkcubeko yephondo elo ukuzonwabisa kwanezinye iintshukumo zelo phondo iindlela nezithuthi zephondo.
Ekwenzeni imisebenzi ngokwemiyalelo yomgaqo-siseko wesizwe nowephondo leNtshons aKoloni, iPalamente yeNtshona Koloni imele abantu beli phondo yaye isisikhundla sokushukuxwa kwemiba yeli phondo.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
