UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ushishino & Noqoqosho
Amashishini Amancinci
UKhuphiswano Lwamashishini
UKhuphiswano Lwamashishini
INKCAZELO:
Ukuba unoluvo olukhulu lweshishini, ungaluphuhlisa lube lishishini lokwenyani ngokuthi ungenele ukhuphiswano lwamashishini oluxhaswa liSebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho:
Ukhuphiswano lweZicwangciso zamaShishini
UKHUPHISWANO LWEZICWANGCISO ZAMASHISHINI
Olu khuphiswano lunamanqanaba amathathu aquka ukuphuhliswa kwesicwangciso seshishini, ukusakha nokusomeleza.
Abagqatswa bayakwazi ukufikelela kuqheliso noqeqesho oluvela kubantu bamashishini abanamava yaye bayaluvuyela uncedo lweminyhadala yarhoqo yothelelwano nabanini-mashishini amancinane kunye nee-SMME. Kangangokuba uya kuphuma kukhuphiswano unezicwangciso zeshishini eziphuculwe ngenyani kunye nobuchule bokuziguqula zibe ziinkampani zokwenene.
Ekupheleni kwenqanaba lokuqala, abagqatswa abafikelele kwinqanaba lokugqibela banikezela ngezicwangciso zabo kuluhlu lwamachule anamava nabizelwe ukuba ngabagwebi kukhuphiswano, nabathi baqwalasele izicwangciso zamashishini baze banikezele imali elibhaso engama-R500 000 kwabo bathe baphumelela.
Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, dibana nabo kwezi nkcukacha:
Inombolo engahlawulelwayo yokhuphiswano: 011 482 9697
Ifeksi: 011 388 0171
Ukungenela, okufuneka ukuba ukwenze kukubhala isicwangciso seshishini esingangephepha elinye, uchaze uluvo lwakho lweshishini, wandule ukusingenisa kwabakwaBusiness Beat.
Amangenelo aphumeleleyo aya kufumana i-R1000 ukukunceda ukuba uqale ishishini lakho. Uyakufumana kwakhona noncedo ngeengcebiso kwabakwaBusiness Beat isithuba seenyanga ezintathu.
Inombolo yomnxeba: 021 422 2884
Ifeksi: 021 422 4759
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Iinkqubo Zokuncedana Namashishini Asakhasayo Afikelele Kwiinkxaso-mali Nolwazi Kumashishini (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
