UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezezindlu
Iinkxaso-mali & Noncedo Lokuthenga Nokuzakhela Izindlu
Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo
Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo
INKCAZELO:
Abaxhamli abangena phantsi kwesi sigaba nabamkela umvuzo ongekho ngaphezu kwama-R3 500baya kuba selungelweni lokufumana imali-mboleko yezindlu elingana nexabisolemveliso elingama-R36&nbsp528 kwaye baya balindeleke ukuba bancedise. Olu lungiselelo sele lukho ngokumayela nesi sigaba luhlala lusebenza.Olo lungiselelo lumi ngale ndlela ilandelayo:
Abaxhamli abangamadoda abafikelele kwimanyaka engama-65 baze abo bangamabhinqa abafikelele kuma-60, kuqukwa nabaxhamli abafumene igranti yorhulumente, kungajongwanga budala babo, kwanemizi apho imivuzo efunyanwayo ngenyanga ingadlulanga kuma-R3&nbsp500, abayi kuncedisa nganto bona.
Abaxhamli abakhubazekileyo
Abaxhamli abakhubazekileyo nemizi efumana imivuzo engaphantsi kwama-R3&nbsp500 ngenyanga abangakwaziyo ukuzakhela izindlu ngenxa yemeko yokukhubazekwa kwabo, abayi kuncedisa nganto bona. Ugqirha kufuneka aqinisekise ukuba umntu lowo uya kukhubazeka ubomi bakhe bonke na ukuba anganenxaxheba ekwakheni indlu yakhe.
Abaxhamli abakhathazwa yimpilo
Abaxhamli abakhathazwa yimpilo, abangenakukwazi mpela okanye okwethutyana ukwakha izindlu zabo, abangafumani mvuzo ungaphezulu kwama-R3&nbsp500 ngenyanga, abayi kuncedisa nganto. Ugqirha kufuneka aqinisekise ukuba umntu lowo akayi kubanako, kangangesithuba esiya kuthathwa yiprojekthi leyo, okanye akanakube akwazi ukuzakhela indlu yakhe.
Inqanaba lokhubazeko
Ngokuhamba
Izinto zokunceda ekuhambeni
Ngokuhamba
Ngokuhamba
Ngokuva
Ngokungaboni
Ukusebenza okanye ukungasebenzi kwamalungu angasentla omzimba
Unendawana yokungakwazi ukushukuma/ akakwazi kushukuma/ ufe amalungu omzimba angasentla
Imimiselo eyodwa noxolelo luyasebenza kwisigaba ngasinye.
Injongo yokungangqinelani
Ukuba nendlu, 12m² nendawo egangathiweyo kunye nerempu emnyango
Kufuneka kubekho izinto ezibonisayo kwiintsinjana yocango
Kufuneka ucango olusongekayo kwigumbi lokuhlambela/kwelangasese, libe nobubanzi obuyimitha enye 1 m
Ezi zinto zizizinxaxhi zisebenza kuzo zonke izigaba zeMali-mboleko yeZindlu (iimali-mboleko, yeprojkethi eNxityelelanisiweyo, yomntu ngamnye,eyintlanganisela yeziko/yequmrhu,). Imali ekunxaxhwe ngayo ihlala ifana nokuba sithini na isixa-mali esiyimali-mboleko aselungelweni laso umfaki-sicelo.
IMIYALELO:
Ukuze ube nokuzuza kwenye yezi nguqu, kufuneka ufake isiqinisekiso sempilo yakho ndawonye nesicelo sakho seNkxaso-mali Yokufumana indlu.
UKUZE UFUMANE EZINYE IINKCUKACHA, QHAGAMSHELANA:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
INkxaso-mali Yokwakhelwa Komntu Ngamnye Indlu (IiNkonzo)
Iinkxaso-mali Zokuthenga Nokwakha Izindlu Ezayanyaniswe Namaphulo (IiNkonzo)
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo (IiNkonzo)
Inkxaso-mali Yophuhliso Emaphandleni (IiNkonzo)
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
