UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezendalo Engqongileyo
Iziqinisekiso Namaphepha-mvume Okusebenzisa Indalo Engqongileyo
Amaphepha-mvume okuqhuba elwandle kwaneZiqinisekiso zokuSebenza Ngeendawo Zokudlala ngamaPhenyane
Amaphepha-mvume okuqhuba elwandle kwaneZiqinisekiso zokuSebenza Ngeendawo Zokudlala ngamaPhenyane
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Isebe eli lijongana ngokwalo nezicelo zamaphepha-mvume okuqhuba elwandle ngeenjongo zophando lwezenzululwazi, ukusebenza ngokuzonwabisa, ushishino ngabatyeleli kwanokufumana indlela yokungea kumhlaba wabanye abantu ukuba ayikho enye indlela yokungena kuloo ndawo. Eli Sebe likwajongana nezicelo zeemvume zokusebenza kwiindawo zokudlala ngamaphenyane.
Izicelo ezi zihlolwa ngokwemigaqo yoMthetho woLawulo lweNdalo yeSizwe Engqongileyo, ka-1998, kugxininiswa kakhulu kumhlathi u-24 walo mthetho, ngophando, uhlolo kwanonxibelelwano lweziphumo ezidibanisa okungqonge indalo ngenxa yeentshukumo ezifakelwa isicelo eso. Isebe liyaqinisekisa ukuba ezi zicelo zihlanganiswe nezinye izicelo ezisondeleleneyo, ezizezi: isivumelwano sokuqeshisa ngokwemigaqo yoMthetho iSea Shore Act, ka-1935, okanye isicelo se-EIA apho ukwakhiwa ngaphantsi kwendawo amanzi aphezulu akuyo ifakelwa isicelo.
Ngokusekelwe kolu hlolo, isigqibo siya kwenziwa liSebe leMicimbi yeNdalo Engqongileyo noCwangciso loPhuhliso nokuba isicelo eso sigunyazisiwe okanye akunjalo.
Isigqibo esibhalwe phantsi sibizwa ngokuba yi-Record of Decision (ROD). Eli ke liphepha elisemthethweni elixela elubala imiqathango efunekayo ukukhusela impilo yabantu kwanendalo engqongileyo. Ukuba intshukumo leyo igunyazisiwe, mhlawumbi iphepha-mvume okanye isiqinisekiso sokusebenza sikhapha I-Record of Decision nayiphi na ekulungeleyo oko.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana no-:
Inombolo yomnxeba: 021 483 2994
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Indawo Yokuhlala, Ukukampa, Ukwenyuka Iintaba kwakunye Namaziko Okubamba Iingqungquthela zaseNtshona Koloni (IiNkonzo)
Ukunikezelwa Kwamaphepha-mvume Olondoozo lweNdalo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
