UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ushishino & Noqoqosho
Amacandelo Oshishino
Iinkcukacha Ngokuqulunqa Imigaqo-nkqubo Neenkqubo-maqhinga Zokulwa Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo Emisebenzini
Iinkcukacha Ngokuqulunqa Imigaqo-nkqubo Neenkqubo-maqhinga Zokulwa Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo Emisebenzini
INKCAZELO:
Ezona Ntshukumo Nezikhokelo Zisemgangathweni
Ukubandakanyeka kukaRhulumente Wephondo
Iinkcukacha Zoqhagamshelwano
Uchaza indawo emi kuyo inkampani ethile ngentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo ze futhi ubeke nezikhokelo ezicacileyo ngokuba le ntsholongwane noGawulayo ziya kulawulwa njani na kwindawo yokusebenzela.
Uhambelanisa impendulo yaloo ndawo yokusebenzela nesikhokelo sezomthetho sesizwe.
Uqinisekisa ukungabi namkhethe.
Ubeka imigangatho yeendlela zokuziphatha ezilindeleke kubo bonke abaqeshi nabaqeshwa.
Useka ubunye kuloo nkampani.
Ubeka umgangatho wonxibelelwano ngalo mba wentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.
Wazisa abaqeshwa ngoncedo abanokufikelela kulo.
Uvakalisa ukuzinikela ekumelaneni nomba wentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.
Uqinisekisa ukuhambelana nokuthobela iintshukumo ezilolu hlobo zesizwe nezamazwe angaphandle.
Eyona miba ibalulekileyo ekufuneka iinkampani zibe zicinga ngayo kumba wentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.
Ukunakanwa nokuthatyathwa kwentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo kwentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo njengomba wendawo yokusebenzela kuba ibeka esiichengeni amandla okuvelisa, amandla okuza nengeniso kwakunye nentlalo-ntle yabaqeshwa neentsapho zabo. Indawo yokusebenzela, njengenye yezona ndawo zibalulekileyo kuluntu ekuhlaleni, inendima ebaluleke kakhulu emele ukuyidlala kwiinzame zokhuthintela ukosuleleka yile ntsholongwane.
Ukudalwa kwesikhundla senkxaso ukuze abaqeshwa abaphla nentsholongwane kaGawulayo babe nakho ukuqhubekeka besebenza phantsi kweemeko eziqhelekileyo kwiindawo abaphangela kuzo de babe kanti abasakwazi kusebenza, bebekwa phantsi ngulo bhubhane.
Ukunakanwa nokuqondwa kwenyaniso yokuba intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo unefuthe elibi kakhulu kumanina - futhi oku kufuneka kuthatyathelwe ingqalelo ekuqulunqweni kwemigaqo-nkqubo neenkqubo zeendawo zokusebenzela.
Ukunakanwa konxibelelwano, ukubandakanywa kwanokukhuthazwa kwabo bonke ababandakanyekayo kulo mba njengeyona migaqo emele ukuba ngindoqo wowo wonke umgaqo-nkqubo nenkqubo yentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.
Ukunakanwa kwenyaniso yokuba intsholongwane kaGawulayo iyathinteleka kwanokuba indawo yokusebenzela kufuneka iqulunqe amalinge asebenzayo okunqanda ukosuleleka yile ntsholongwane.
uMgaqo-nkqubo Nenkqubo Yasemsebenzini Yokulwa Nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo kufuneka Ube Uqulethe:
uphicotho novavanyo lwentsholongwane kaGawulayo noGawulayo kwinkampani yakho iinkqubo zokulumkisa ngenetsholongwane kaGawulayo noGawulayo iinkqubo zokuya kuzivavanyela le ntsholongwane kaGawulayo kwakunye neenkqubo zoncedo neengcebiso uqeqesho nemfundo ngentsholongwane kaGawukayo/noGawulayo ukusasazwa kweentsilathi ukukhuthaza unyango lwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga kunye nesifo sephephas iinkqubo ezilawula uthintelo-kosuleleka ukudala indawo yokusebenzela apho abasebenzi abaphila nale ntsholongwane bamkelekileyo kuyo iinkqubo zokuhlala uphilile kubasebenzi abachatshazelwayo yile ntsholongwane noGawulayo ukunikezelwa kwamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo okanye ke ukuthunyelwa kumaziko aya kubanika ezi nkonzo imfundo nezilumkiso ngala machiza adodobalisa ulwamvila lwale ntsholongwane kwakunye neenkqubo Zokufundisa nokulumkisa uluntu ngeengzo eziza nala machiza onyango uncedo neengcebiso kwakunye nezinye iindlela zenkxaso yoluntu kubasebenzi abaphila nale ntsholongwane ukuhlaliswa kwiindawo ezisemgangathweni kwabasebenzi abaphila nale ntsholongwane izicwangciso-maqhinga zokujongana nokumelana neendleko ezingunobangela-ngqo nezo zingathanga ngqo zentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo monitoring, evaluation and review of the programme.
EZONA NTSHUKUMO NEZIKHOKELO ZISEMGANGATHWENI
Indlela Eyiyo Yokuziphatha yeSebe Lemicimbi Yabasebenzi Kweyona Miba Ibalulekileyo Yentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo Nengqesho
IMIYALELO:
UKUBANDAKANYEKA KUKARHULUMENTE WEPHONDO LENTSHONA KOLONI
iSebe Lophuhliso Loqoqosho likaRhulumente wePhondo weNtshona Koloni libonelela ngezi nkonzo zilandelayo ezinento yokwenza nemigaqo-nkqubo neenkqubo zokulwa nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo kwiindawo zokusebenzela:
Ukubeka iliso kwanokukhokela inyathelo lokulwa nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo eNtshona Koloni, ngokuthi kuhlsnganiswe onke loo maqumrhu asele ekho, amatsha kwakunye nalawo aseza kubakho nabandakanyekayo.
Ukojolisa kumashishini amakhulu abucala eli phondo, kumba wokuquinisekisa ukuba imigaqo-nkqubo yokulwa nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo emisebenzini sele ikho. (La mashishini ke kuya kufuneka anikezele ngeengcebiso ekuqulunqeni nasekuqinisekiseni ukusebenza nokuthotyelwa kwemigaqo-nkqubo neenkqubo zokulwa bhubhane emisebenzini).
Ukuhlola nokuvavanya oko bekusele kwenziwe kwicandelo loshishino labucala. Apho iintshukumo ezizizo nezisemgangathweni ze zaphunyezwa eli candelo likhuthaza imizi-mveliso ukuba yabelane ngoko ibisoloko ikwenza neminye imibutho ze ikhuthaze namajelo eendaba ukuba iwaveze eluntwini la manyathelo.
Ukuza nezilumkiso nokunikezela inkxaso kumashishini asakhasayo ngokwamanyathelo neempumelelo zeenkampani ezinkulu. Imibutho eneenkqubo ezingenzulwanga kuyaphi (mibuitho leyo ingamashishini asakhasayo, aphakathi nakwinqanaba elisezantsi) ingafunda kumava (ezona mpumelelo neempazamo) zamashishini anemigaqo-nkqubo neenkqubo esele kudala zikho futhi ingakuqonda ukubaluleka kwala manyathelo. Uphando lubonakalisa ukuba abanini bamashishini asakhasayo baziva bengenamandla okanye magunya kwincandelo lokulwa nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo. Abayazi ukuba le ntsholongwane igqugqisa kangakanani na kubasebenzi babo, abakwazi ukumelana nokunonophela umqeshwa ophila nentsholongwane kaGawulayo, nokuba bangeza njani nezilumkiso ngale ntsholongwane kwanokuba bangabafundisa njani na abasebenzi babo
Ukhuthaza iinkampani ukuba zithenge izixhobo ezipheleleyo zokulwa nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo, eziveliswe yiManyano Yamashishini aseMzantsi Afrika Ekulweni Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo (iSABCOHA ngamafuphi), ngokunika ingqalelo nokuhlonipha iintshukumo zamazwe ngamazwe. Ezi zixhobo zigqibeleleyo inika amashishini asakhulayo, ingakumbi asakhasayo, aphakathi nakwinqanaba elisezantsi, amaqhinga angadli kakhulu empokothweni okuphumeza iinkqubo zawo zokulwa nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana:
Inombolo Yomnxeba: 021 483 9163
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IXABISO:
iSebe Lophuhliso Loqoqosho lunikezela ngeenkonzo simahla futhi lijolise kumashishini nakubasebenzi.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
