UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ushishino & Noqoqosho
Amacandelo Oshishino
INKCAZELO:
Ukukhula kweentshukumo Kwibala le-Oli elikwingingqi ekude nje nonxweme oluseNtshona yeAfrika kuza namathuba abaluleke kakhulu kwiNtshona Koloni noMzantsi Afrika. Indawo esikuyo ngokomhlaba (ngokobufutshane namabala e-oli), indawo yokushishina ephuhlileyo, amandla okushishina kwanamaziko nezixhobo zamazibuko ezifanelekileyo (eKapa naseSaldanha Bay) zenza iNtshona Koloni ibe yeyona ndawo ifanelekileyo yokushishina kwiinkampani zangaphandle.
Izakhono eNtshona Koloni
Imbali
Ukwenziwa ibe sesikweni
Ubunini Nobume beBhodi
Iinkqubo Neenzuzo
Iimpumelelo
Inkxaso-mali kaRhulumente
IZAKHONO ENTSHONA KOLONI
INtshona Koloni ikwindawo entle:
Yokunikezela iinkonzo ze ilungise iinqanawa zamabala e-oli.
Yokwakha amaqonga nemilinganiselo.
Izixhobo zokubonelela ngeemveliso.
Yokunikezela ngoqeqesho neenkonzo zabasebenzi.
Ukubonelela ngeemveliso ezisebenzisekayo.
IMBALI
UKWENZIWA IBE SESIKWENI
Kuluvuyo kuthi ukwazisa ukuba eli nyathelo sele lisebenza ngokusesikweni njengenyathelo leli shishini (iNkampani Yesahluko wama-21) eliya kuqhutywa ngentsebenziswano ngamashishini karhulumente nawabucala. Le Nkampani ibizwa ngokuba yiCape Oil and Gas Supply Initiative (iCOGSI ngamafuphi) iya kujolisa ekuphuhliseni ze ibeke iNtshona Koloni njengeqonga elibonelela ngeenkonzo ze-oli nerhasi kwi-Afrika.
Emva kwenkqubo ebivuleleke kuluntu yokuchongwa nokuvotelwa kwaba phathji kweli shishini, izithuba zeBhodi ezisibhozo zagcwaliswa. Ezinye izithuba ezine zezabalawuli abachongwe ngenxa yezikhundla zabo abachongwa zezinye iinkampani ezingamahlakani eCandelo Loluntu. UMlawuli Oyintloko noMncedisi Wakhe nabo sele bechongiwe njengabaqeshwa abasisigxina bale nkampani ukuze balawule ukufezekiswa kwenjongo yamaphulo neenkqubo zayo.
UBUNINI NOBUME BALE BHODI
Nangona urhulumente eya kudlala indima exhasayo nje, eli shishini lona ngokwalo liza kuyithathela kulo imisebenzi njengabalawuli beli nyathelo futhi limenyiwe lizame ukufumanisa ukuba ukufezekiswa kweminqweno yeli phulo. IBhodi Yabalawuli imile ngolu hlobo:
Abasebenzi Neenkampani Ezinikezela Ngeenkonzo
Iimpawu zentsebenzo Nothutho
Ukulungiswa kwezikhephe
Ubunjineli Nolawulo Lwamaphulo
Ukubumba Nolwakhiwo
Izikhundla zeli Shishini
URhulumente wePhondo leNtshona Koloni
Izikhundla Zemisebenzi iBEE Nophuhliso Loshishino
Uphuhliso Loqeqesho Nezakhono
Ummeli Woshishino Kunxweme oluseNtshona
IINKQUBO NEENZUZO
Iinkqubo esele ziyinikiwe inkxaso-mali:
Ingxowa-mali yokuqinisekisa: ukunikezela ngesikhundla solwazi esisesbenzayo sababoneleli beenkonzo ngokuthi kubekwe iliso ekunakanweni nasekuqinisekisweni kobunyani.
Inkqubo Yophuhliso Lwabanikezeli Ngeenkonzo: ukuncedisa kwiinzame zokufumana iziqinisekiso ezikwimigangatho ethe kratya.
Iphulo Lezikhundla: inyathelo lokutsala umdla wokuhlaziywa ze kwakhiwe nezikhundla ezikude kufuphi nonxweme.
Ingxowa-mali yokufumanisa ukuba iphulo eli liya kusebenza na: inkxaso-mali yembewu eyenzelwe izifundo zokujonga ukuba lingaphumelela na eli phulo ukuphucula izixhobo zezibuko eli (ngentsebenziswano no-Eskom).
Inkxaso yemali ephuma kurhulumente nabanye abaxhasi
Umsebenzi noxanduva olucacileyo ukuphuhlisa olu shishino ze kugxininiswe kumathuba aza nalo
Amandla okuzinikela enzelwe ukumelana neemfuno zeli shishini, nangenkxaso karhulumente
Indlela karhulumente yokunikezela ngeenkonzo ephucukileyo
Iqonga elingenamkhethe ukwenzela ukuba eli shishini likwazi ukwakha amatyathanga entsebenziswano ze liqinisekise nokuvela kwamathuba okuthungelana namanye amaqumrhu
Ukonyuka kokusebenza ngokukhuphisana kweli shishini ngokweenkqubo ezifana nezi zingentla apha.
IIMPUMELELO
Ezinye zeempumelelo zeli nyathelo kokuba libe sesikweni:
Uthotho lwamaxesha okuthumela ngempumelelo akhokelele ekunyukeni kakhulu koshishino kwiinkampani zeli phondo
INKXASO-MALI KARHULUMENTE
URhulumente wePhondo leNtshona Koloni kunye neSixeko saseKapa bafumanise ukubaluleka kolu shishino kuqoqosho lwabo ze bakhuphela Icogsi izigidi ezintathu zeerandi. Le mali iya kusetyenziswa kwezi nkqubo zikhankanyiwe phezulu apha, futhi iya kulawulwa yiBhodi yeCOGSI noMlawuli Oyintloko. Ikwabekelwe ukuxhasa nokunyusa inkxaso-mali esuka kuRhulumente Wesizwe nakwabanye amaxhasi.
IMIYALELO:
Inombolo Yomnxeba: 021 483 3859
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ulwazi Ngamacandelo oRhwebo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
