UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Isebe Lokhuseleko loLuntu iCandelo Loonobhala Lokhuselo Nokhuseleko
IiNkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Amapolisa
UBUME
IINKONZO
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
iZiko Elijongana Nezikhalazo Ngesipolisa leSebe Lokhuseleko Loluntu lijongana nezikhalazo ngokunikezelwa kweenkonzo, zikhalazo ezo zisuka kuluntu ngamaqumrhu esipolisa afana neNenkonzo Yesipolisa yoMzantsi Afrika kwakunye Namagosa Esipolisa kaMaspala. Eli Ziko lamkela izikhalazo ezinento yokwenza nokunikezelwa kweenkonzo kuphela, umzekelo ukuba akukhange kubekho mpendulo kwityala elithile okanye ukuba amagosa asebupoliseni aziphathe ngeendlela ezigwenxa. Amatyala amakhulu afana nokusweleka elugcinweni lwamapolisa ajongwa liCandelo Lolawulo Elizimeleyo Elijongana Nezikhalazo.
Xa izikhalazo sele zidluliselwe kwiZiko Lezikhalazo Ngesipolisa kuya kuthi kwenziwe uvavanyo okanye inyathelo lokuqala lophando ukuze kufumaneke ingqiniseko ngobunyani besikhalazo eso. Kuthi ke kwenziwe amalinge okusombulula le nyewe ngokuthi kusetyenziswane ze kungenelele naloo maqumrhu okanye abo bantu bachaphazelekayo nabasemagunyeni.
Ukuba ilungu elithile lequmrhu lesipolisa lithi lifunyaniswe linetyala lokungaziphathi ngenndlela eyiyo neyamkelekileyo, eso sigqibo siya kuthi sidluliselwe kuMkomishinala wePhondo okanye kumntu okanye iqumrhu elijongene noko ukuze liphande nzulu.
IMIYALELO:
IZIKHALAZO
Utsalele umnxeba icandelo lezikhalazo kule nombolo 021 483 4332.
Thumela ngefeksi iphetshana lokufaka isikhalazo eligcwalisiweyo kule nombolo 021 483 6026.
UKUNCOMA
Ukuba udinga ezinye iinkcukacha, nceda uqhagamshelane:
Umnxeba Wesinqe: 082 823 8164
La mabakala amaziko:
Amakhaya Abantu Abakhubazekileyo
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Ukubeka Iliso Nokuhlola (Isebe Lokhuseleko loLuntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
