UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Imiba
Ukunikezelwa Kweziqinisekiso Namaphepha-mvume
Ukunikezelwa Kweziqinisekiso Namaphepha-mvume Okusebenzisa Izithuthi
UKUNIKEZELWA KWEZIQINISEKISO NAMAPHEPHA-MVUME OKUSEBENZISA IZITHUTHI
Amaphepha-mvume Okuqhuba (IiNkonzo)
Umthetho umisela ukuba kufuneka imana ukuhlaziywa qho ngonyaka iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho. Ngumsebenzi wakho wena njengomnini-sithuthi, kukuqinisekisa ukuba liyahlaziywa iphepha-mvume lakho lokuqhuba ngaphambi kokuba liphelelwe. Ukuba ngaba alihlaziywanga kuya kufuneka wohlwayiwe. 
Ukubhaliswa Kwesithuthi (IiNkonzo)
ISicelo Sokubhala Iimviwo Zephepha-mvume Lokufunda Ukuqhuba (IiNkonzo)
Ngaphambi kokuba kwenziwe isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, kufuneka ube iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba. Ulifumana eli phepha-mvume xa ufundela ukuqhuba isithuthuthu esibukhulu bungaphezulu kwe-125 CCs, inqwelo-mafutha, iminibus, isithuthi esincinci esithutha iimpahla, okanye isithuthi esikhulu xa ungaphezulu kwe-17 leminyaka ubudala. Ungalifumana iphepha-mvume lokufundela ukuqhuba izithuthu ezibukhulu bungange-50 CC ukuya ... 
Ngaphambi kokuba ubhalise isithuthi ebesikhe safakelwa izinto, kufuneka ufumane isiqinisekiso se-Weighbridge. 
IZiqinisekiso Zokususwa Kwamakhwiniba Kwizithuthi (IiNkonzo)
Ukuba ngaba inombolo yenjini yakho okanye yomzimba wesithuthi itshintshiwe, kufuneka ufumane isiqinisekiso esinika ubungqina bokuba akukho khwiniba ngaphambi kokuba usibhalise isithuthi sakho. 
Ukuhlola Isithuthi Ukuba Sikulungele Na Ukuba Sendleleni (IiNkonzo)
Isiqinisekiso sokulungela indlela kwesithuthi singafumaneka kuso nasiphi na isikhululo sokuvavanywa kwezithuthi sabucala okanye saseburhulumenteni. 
Amaphepha-mvume Ezithuthi Ezithwala Imithwalo Enobungozi Nezinye Izithuthi (IiNkonzo)
Kufumeneka iphepha-mvume lesithuthi esithwala imithwalo enobungozi nezinye izithuthi. Imfuneko yamaphepha-mvume ixhomekeke kubukhulu nakubunjani bomthwalo lowo okanye isithuthi eso. 
Iinkcenkce Ezizodwa Zeenombolo-mibhalo Zeenqwelo-mafutha (IiNkonzo)
Abanini-zimoto bangafaka isicelo xa befuna amaphepha-mvume eenombolo-mbhalo abazithandayo. 
IiNkcukacha Zokubhaliswa Kwezithuthi (IiNkonzo)
Ukuba ufuna iinkcukacha ezimalunga nobhaliso lwezithuthi kufuneka udibane neziko lobhaliso lwezithuthi. Iingcombolo zesithuthi azinakukhutshwa kodwa zonke ezinye iinkcuckacha zingaqinisekiswa. 
IZicelo zeNombolo Yokuthengisa iiMoto (IiNkonzo)
Abavelisi/abayili, abakhi nabo bazisa izithuthi kweli lizwe bangaziqhuba iimoto ezingabhaliswanga beziqhuba ngenombolo yokuthengisa izithuthi. Oku kuvumeleke kuphela ... 
Ukubhaliswa Kwabenzi Beepleyiti Zeenombolo-mbhalo Zezithuthi (IiNkonzo)
Ukubhaliswa Kwabavelisi, Abathumeli-mpahla kweli Nabenzi beziThuthi (IiNkonzo)
Sonke isithuthi ezenziwe apha eMzantsi Afrika okanye eso senziwe kwelinye ilzwe ze sathunyelwa kweli kufuneka sibhaliswe ngaphambi kokuba sithunyelwe kwindawo yentengiso okanye sithengiswe. 
Ukubhaliswa KweeNqwelo-mafutha Kumaziko Ovavanyo Lwezithuthi (IiNkonzo)
Zonke izikhululo zokuhlola izithuthi kufuneka zibhaliswe zibekwe ngokomgangatho ngaphambi kokuba zifumane iziqinisekiso ezifanelekileyo zokuba zikulungele ukuba sendleleni. 
Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
Bonke abaqhubi boMzantsi Afrika kufuneka babe namaphepha-mvume okuqhuba izithuthi akhangeleka njengecredit card. Eli phepha-mvume linikezelwa ngoko nangoko emva kokuba umqhubi ephumelele izifundo zokuqhuba. 
Izicelo Zokufumana Iphepha-mvume Lokuqhuba Ngobuchule (IiNkonzo)
Ukuqhuba iindidi ezithile zezithuthi kufuneka umntu abe nephepha-mvume elisemthethweni Lokuqhuba Ngobuchule ngaphezu kwaleyo anayo yokuqhuba. 
Izicelo Zamaphepha-mvume Okusebenza Ngokuthutha Uluntu (IiNkonzo)
Ngaphambo kokuba uthuthe abantu usenzela ukufumana inzuzo, kufuneka ube nalo iphepha-mvume lokuthutha uluntu. 
IZicelo Zokuvula Amashishini Okufundisa Ukuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
Bonke abantu abafundisa ukuqhuba kufuneka babhalise. Ukufumana iphepha-mvume lokufundisa ukuqhuba, kufuneka kuthi kwakuphandwa kufunyaniswe ukuba awuzange wabandakanyeka kulwaphulo-mthetho, ufumane nencwadi kagqirha ngobume bempilo yakho, ze uluphumelele novavanyo lomntu ofundisa ukuqhuba. 
Ukubhaliswa kweZiko Elivavanyela Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
Ukuba ngaba ufuna ukuvula iziko eliza kujongana nokuhlola abantu abasafuna amaphepha-mvume okuqhuba, kufuneka ubhalise kuMphathiswa weZothutho. 
Izicelo Ezimalunga Nokusetyenziswa Kweendlela Zikawonkewonke (IiNkonzo)
Uluntu lungafaka izicelo zokusebenzisa indlela zikawonkewonke ekwenzeni imicimbi yalo ofana nemidlalo. 
IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya (IiNkonzo)
Uluntu lungazifaka izicelo zokwenza imibniso-bhanyabhanya ezindleleni zikawonkewonke. Ukuvunywa kwesicelo kuya kuxhomekeka ekubeni indlela leyo iphantsi komaspala okanye kwephondo na. Ungadibana neKomishini iCape Film okanye ii-ofisi zeZibonelelo zeNdlela zePhondo ukuze kubonwe ukuba ngaba indlela leyo iphantsi komaspala okanye phantsi kwephondo kusini na. 
UMhloli Wesithuthi Nowobhaliso Lwamaphepha-mvume Okuqhuba Iinqwelo-mafutha (IiNkonzo)
Abahloli beelayisenisi, abavavanyi bezithuthi, abahloli bamaphepha-mvume okuqhuba, amagosa endlela nabaphathi kufuneka babhaliswe. 
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
