UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ubugcisa Nenkcubeko
Amaphepha-mvume
Amaphepha-mvume Okulungisa Izakhiwo Zasezimbalini
Amaphepha-mvume Okulungisa Izakhiwo Zasezimbalini
INKCAZELO:
Ukuze ube uyawuhlonipha umthetho iNational Heritage Resources Act, nabani na onomnqweno wokulungisa izakhiwo ezibalulekileyo kwiimbali zethu kufuneka athumele isicelo semvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa. Isakhiwo esibalulekileyo kwiimbali sichazwa njengesakhiwo esiminyaka ingaphezu kwamashumi amathandathu sikho.
Eli Bhunga Lijongene Nelifa Lemveli leNtshona Kapa linikezela ngamaphepha-mvume, ngokuthi liqwalasele imiba echaphazelekayo kweso sicelo kwakunye novavanyo lwefuthe lale nguqu kwindalo engqongileyo. Eli phepha-mvume ke liqwalasela imimiselo yezicwangciso zophuhliso kwakunye nokwahlula-hlulwa komhlaba ngokoMthetho Ojongene Nokusetyenziswa Komhlaba karhulumente wekhaya. Ngokuqinisekisa ukuba imiba yelifa lemvelo iyabandakanywa kuvavanyo lwefuthe lophuhliso olucetywayo kwindalo engqongileyo, abaphuhlisi bathi bakwazi ukuchonga nokufumanisa amaziko nezibonelelo zelifa lemveli. Yiyo ke le nto abaphuhlisi beya kukwazi ukuqhubekeka neentshukumo zabo zophuhliso ngaphandle kwamathandabuzo okuba imisebenzi yabo ingarhoxiswa ngenxa yokufunyaniswa kwesibonelelo selifa lemveli.
Le nkqubo yokunikezelwa kwamaphepha-mvume inikezela ingcaciso ngothotho lwezibonelelo zelifa lemveli:
inzululwazi ngezinto zakudala iziza zezidalwa zamandulo namatywe awa esibhakabhakeni izifundo zokuyila izakhiwo inzululwazi ngenkcazo ngeentlanga kwakunye nobugcisa bokuhombisa amangcwaba nemihlaba yokungcwaba, equka amangcwaba ezinyanya nawasebukhosini, aweenkosi zemveli kwakunye namangcwaba amaxhoba eempixano iindawo ekwakwenzeke kuzo izehlo ezibaluleke kakhulu ezimbalini, imihlaba kwakunye neempawu zendalo ezibalulekileyo kwinkcubeko yethu;
ilifa lemveli eliphilayo elayanyaniswa nelifa lemveli kwakunye nembali ebaliswayo, okanye izinto ezibalulekileyo kwinzululwazi iziza ezayanyaniswa nembali yamakhoboka oMzantsi Afrika ukuzika kweenqanawa.
IMIYALELO:
Faka isicelo sephepha-mvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa:
kwiNtloko yeBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa
Inombolo Yomnxeba: 021 483 9695 / 9696 / 9682
Izicelo zokufumana amaphepha-mvume kufuneka zenziwe kwiphepha elisemthethweni elilungiselelwe oku: Isicelo sokudiliza, sokonakalisa, sokudiliza umphambili, sokuchitha, sokuguqula, sokususa isakhiwo eso kwindawo yaso yesiqhelo, ukwahlula-hlula okanye ukutshintsha isomo socwangciso lwesiza selifa lemveli lesizwe, eselifa lemveli lephondo, indawo esakhuselweyo okanye isakhiwo esineminyaka engaphezu kwamashumi amathandathu sikho..
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Inkcubeko Nobutyebi Bendalo (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
