IKHWELO LOKUBA KWENZIWE IZICELO ZONCEDO-MALI
KWEZOBUGCISA NENKCUBEKO
ISebe lezoQoqosho noPhuhliso lwezeNtlalo leSixeko saseKapa lihlaba ikhwelo kwiMibutho engeNkcubeko okanye kumaZiko abonelela ngeenkonzo kumaCandelo obuchule bokuFunda nokuBhala kunye nangezaMafa eqhubekeka kulawulo lukamasipala weSixeko ukuba yenze izicelo zoncedo-mali.
Le nkqubo yenkxaso-mali ithi ixhase imibandela ephambili esisicwangciso-qhinga seSixeko. Le mibandela iphambili iquka ukuHluma/ukuKhula kwezoQoqosho ngokuBambiseneyo noPhuhliso, ezeMpilo, uPhuhliso lwezeNtlalo noLuntu, ezoKhenketho noBuhlakani. Uqeqesho nophuhliso okuqhubekeka ngokweeprojekthi kuya kuthi kubelulutho kwisicelo sakho.
Iziphakamiso kufuneka zibhekiselele kwiprojekthi kwaye zijoliswe kule mibandela ilandelayo:
Ubuchule bokuFunda nokuBhala uBhalo lwemidlalo yosasazo, ukubalisa amabali, incwadi enemifanekiso
Uphuhliso lwezamafa iMbali echazwa ngomlomo, uKhenketho olujoliswe kwiNkcubeko, uLwazi ngezamafa
Bonke abafaki-sicelo kufuneka bebonakalise amava aqinisekisiweyo.
Abafaki-sicelo kufuneka beyile ibhajethi enakho ukusebenza njengoko izimali zikumlinganiselo othile ongekho ngako kwaye ibhajethi le kufuneka iyilwe ngokubhekiselele kwiprojekthi.
Abafaki-sicelo kufuneka bebhalise njengombutho onganjonganga-nzuzo. ibezii-NPO, NGO, ephantsi kweCandelo-21, lamaQumrhu. Imibutho kufeneka ithathele ingqalelo malunga noMgaqo-nkqubo wethu ongeZibonelelo-zoncedo, othi ufumaneke xa wenze isicelo sawo. Amaxwebhu abubungqina kufuneka equke isatifiketi sokuba unguMbutho ongajonganga-
Inkqubo yokungeniswa kwezicelo.
UMPHATHI WESIXEKO
