IZIQULATHO
INTSHAYELELO 1
NOBUMELWANE OBUNGCONO 3
SINGASIXINANISA NJANI ESI SIXEKO SETHU? 3
INTSHAYELELO
Ngalo lonke ixesha iKapa liyatshintsha kwaye liyakhula. Ukuze kuqinisekiswe ukuba lihlala liyindawo esemgangathweni yokuhlala, ukusebenza neyotyalo-mali kwakhona ikwayindawo yabakhenkethi, kufuneka libenezicwangciso nemigaqo-nkqubo eya kuthi inike isikhokelo kolu hlumo notshintshintsho ukuze lwenzeke ngeyona ndlela ifanelekileyo.
Uxinaniso luthetha nje ukusebenzisa iindawo ezikwiidolophu ezishokoxekileyo ngendlela eyiyo; ngamanye amazwi, ukufumana indawo yokuba abantu bahlale yaye basebenze eKapa. Oku singakwenza eKapa ngokuthi sakhe izindlu ezincinci edolophini, kunye nangasemva kwiiyadi zabantu (ezidla ngokubizwa ngokuba zi-'flethi ezingemva eyadini'), nezindlu ezidibeneyo, nezindlu ezinamanqwanqwa amabini, neeflethi ezakhiwe zabheka phezulu apho oko kunokwenzeka.
KUTHENI KUFUNEKA SIXINANISE?
Ukuxananaza kwedolophu kunobungozi kwizicwangciso zexesha elide zozinzo lweKapa. Njengokuba isixeko sinabela ngaphandle, sitshabalalisa umhlaba wokulima kwakunye nezityalo nezilwanyana eziluncedo, kunye nendalo ebukekayo.
Isixeko esixananazayo sikwathetha ukuhamba imigama emide ukuya empangelweni kwakunye nakwiindawo zokufunda, ezolonwabo kunye nezinye iinkonzo. Izithuthi zikawonke-wonke azifikeleli kuwo wonke ubani nanjengoko kwezinye iindawo abantu bengebaninzanga kakhulu ukwenzela abanini-zithuthi ushishino olwaneleyo; kambe ke, kuba iindawo ezithe saa zinyanzelisa ukuba kusetyenziswe iimoto, kusoloko kuzele izithuthi ezininzi ezindleleni yaye nomgangatho womoya esiwuphefumlayo uyehla.
Ngaphezu koko, iindawo ezingenazindlu zininzi zibiza imali eninzi yaye azibi nampumelelo inkulu ekuhambiseni iinkonzo nezibonelelo kuluntu; amathuba akhoyo ayamoshwa anikwe abantu abathile yaye nezibonelelo zifikelele kubantu abambalwa.
UXINANISO LWENZA UBUDLELWANE NOBUMELWANE OBUNGCONO
Xa indawo ixinene, kubakho iintlobo ezahlukileyo zezindlu ezilungele ubomi beentlobo ezahlukileyo obufunwa luluntu.
Ingxinano yenza ukuba kube lula ukunikeza ngezibonelelo ezinqongopheleyo zesiXeko yaye icutha neendleko zezibonelelo
Ingxinano inceda ukukhusela indalo ngokuthi idibanise uluntu ezidolophini nasezilokishini ze kulondolozeke iindawo ezihlala nezikhulela indalo
Ingxinano yenza ukuba iindawo zikhuseleke, nanjengoko kukho 'amehlo nendlebe' ezininzi ezitalatweni; abaphuli-mthetho bathanda iindawo ezithuleyo nezingahambi bantu.
Ingxinano ivumela ukuba zibe ninzi iintlobo zezithuthi ezinokusetyenziswa ngoba abantu abaninzi benza ukuba lubekho ushishino lwezithuthi zikawonke-wonke
Ingxinano ibonelela ngobomi obungcono kubantu abangakwazi ukuqhuba, abafana nabantu abadala, abantwana okanye abantu abakhubazekileyo
Indawo exineneyo yenza ukuba uluntu lusondelelane, lufikelele lula kwizikolo, emisebenzini, kwipaki nakwiinkonzo
SINGASIXINANISA NJANI ESI SIXEKO SETHU?
Ukwakha izindlu ezingasemva eziyadini okanye zidityaniswe
Ukunyusa inani leeflethi ngokwakha eminye imigangatho okanye kunyuswe ubungakanani besakhiwo
Ukuhlanganisa iipropati ezingenanto okanye esele kwakhiwe kuzo, kuphinde kwakhiwe ze kongezwe ezinye izakhiwo
Ukwakha kwimihlaba engasetyenziswayo okanye esetyenziswe kancinci
Ingaba oku kuthetha ukuba makubekho izakhiwo ezide yonke indawo? Iilokishi ezixineneyo nezimdaka? Izakhiwo ezide ezingaqhelekanga phakathi kwezindlu?
Injongo yeSicwangciso soXinaniso lwesiXeko saseKapa kukubonelela abantu abamkela imivuzo eyahlukileyo nabaphila ubomi obahlukileyo. Asinguye wonke ubani onokukwazi ukuhlawula ipoma lendlu elikumhlaba omkhulu - yaye asinguye wonke ubani ofuna ukuhlala kwindlu enjalo!
Kweminye imimandla, izakhiwo zinemigangatho emi-3 ukuya kwemi-5 ziya kuhambelana nabantu abahlala kuloo mmandla; kweminye imimandla iiflethi ezinde sele zikhona ngoko ke esinye isakhiwo esikwafana neso asizi kugxekeka. Kwizindlu ezindlu ezisezidolophini, sele zikho izindlu zesibini 'ezifihlakeleyo' yaye akubikho nto ziyitshintshayo kubume baloo ndawo.
Kweminye imimandla, kuya kulunga izakhiwo ezinemigangatho emide; ukanti kwezinye, kuya kulunga izakhiwo ezixonyezelelweyo (ezincinci) ezininzi yaye oko kuya kwenzelwa ukugcina inkangeleko yommandla lowo ingatshintshanga.
Xa sishwankathela, isicwangciso esi sinenjongo yokunyusa ingxinano kwisixeko sonke nokuchonga iindawo ezilulungeleleyo uxinaniso.
Ixabiso lezibonelelo zendalo
Kufuneka sikhusele yaye silondoloze izibonelelo zethu zendalo, singazilungiseleleli zona kuphela kodwa silungiselele nabantwana abaseza kuzalwa, ngenxa yokuba imimandla yendalo ibonelela abantu ngeenzuzo ezininzi, ezibandakanya umgangatho ophuculiweyo wobomi nempilo.
Imimandla yendalo ephethwe kakuhle ibonelela ngamathuba olonwabo nawemfundo kwakunye nesivuno ukanti nangokhenketho olujolise kwindalo yaye yaziwa ngokunyusa ixabiso leepropati emelene nazo. EKapa, ukhenketho lelinye lamashishini abalulekileyo ekuphakamiseni amathuba ezengqesho.
Imimandla ephambili enamathuba amahle ezoqoqosho
Umbindi wedolophu yaseKapa, i-Bellville ne-Claremont/Wynberg ngamaziko angundoqo edolophu yaye afanele izakhiwo ezinemigangatho emi-4 ukuya kweli-15. Le mimandla idla ngokuba kufuphi neendlela zezithuthi zikawonke-wonke kwakunye nezibonelelo zolonwabo namabala oluntu avulekileyo.
Imimandla yeSithili enamathuba amahle ezoqoqosho
Izakhiwo ezinemigangatho emithathu ukuya kwesixhenxe zizo eziya kulungela la maziko akule mimandla.
Iindawo zoluntu nezinomtsalane
Le mimandla ifanele izakhiwo ezininzi ezixineneyo ukuba nje ezo zakhiwo azilichaphazeli kakubi ixabiso lezakhiwo ezilapho, ilifa lemveli okanye indalo engqonge loo ndawo yaye zilandela izikhokelo zolwakhiwo lwemimandla ekufuphi namalwandle.
Iinkxalabo eziye zaphakanyiswa malunga nesi sicelo:
Ingxaki zezithuthi ezininzi nendawo yokupakisha iza kunyuka
Ummandla lo uza kuphulukana nemithi yawo kunye neegadi
Kuza kunyuka ulwaphulo-mthetho ngenxa yeemoto ezininzi ezipakishiweyo
Izindlwana ezincinci ziza kuhlisa umgangatho wale ndawo
Iipropati ezikulo mmandla ziza kuhlelwa ngumgangatho wazo
Izibonelelo neenkonzo zikamasipala azizi kukwazi ukuthwala lo mthwalo
Isigqibo: Ewe makwakhiwe ngoba...
Ulwakhiwo olu aluzi kuyichaphazela inkangeleko yalo mmandla
Izakhiwo ezi zinomtsalane yaye zizakhiwo eziwufaneleyo ummandla osedolophini - aziphumanga caleni, endaweni yoko, ukusuka esitalatweni, esi sakhiwo sikhangeleka njengezindlu ezimbini endaweni yezindlwana ezisibhozo
Umphuhlisi-sakhiwo uza kwenza iindawo zokupakisha iimoto ezaneleyo, kwisakhiwo nasesitalatweni
Kuseza kubakho imithi emininzi kulo mmandla
Ezi zindlwana zinemigangatho emibini - noxa ukucanda kuvuma ukuba kungakhiwa izakhiwo ezide kunezi
Kudla ngokubakho ulwaphulo-mthetho olungephi kummandla onabantu abaninzana
Kukho izibonelelo ezaneleyo yaye iinjineli nazo ziyavuma ukuba izibonelelo ezikhoyo zikamasipala ziza kukwazi ukuyithwala le ndawo
Umhlaba onexabiso eliphezulu uya kuthi usetyenziswe ngempumelelo
Olu lwakhiwo nophuhliso luza kuvumela abantu abongezelelekileyo ukuba nabo bazuze kulo mmandla ukwindawo enezibonelelo ezilulutho
Uxinaniso kulo mmandla luza kucutha isidingo sokuhamba imigama emide ze lucuthe neemoto ezininzi ezihamba ezindleleni.
