UYILO OLULUNGISELELWE UKUTHATYATHWA KWENXAXHEBA LULUNTU
UMTHETHO KAMASIPALA OPHATHELELE KWIZAKHIWO/UMHLABA
INTSHAYELELO
YAYE NJENGOKUBA uMasipala: uMthetho woLawulo lweMali kaMasipala, wama-2003 (uMthetho wama-56 wama-2003) kunye noMasipala: uMthetho woLawulo lweMali kaMasipala, wama-2003 uMthetho woKhutshelo lweMpahla kaMasipala usebenza kukhutshelo nokuthengiswa kwezakhiwo / umhlaba othile eziselungelweni loomasipala nokunikezelwa ngoomasipala kwamalungelo okusebenzisa, ukulawula izakhiwo / umhlaba othile;
YAYE NJENGOKUBA iSixeko saseKapa sifuna ukuqwalasela imiba ethile eyongezelelweyo ngokubhekiselele kwizakhiwo/umhlaba kumthetho kaMasipala;
Nokokuba ngoko umiselwe siSixeko saseKapa ngolu hlobo:
ISALATHISO
IINKCAZELO
UKUFUNYANWA KWESAKHIWO / KOMHLABA KUNYE NAMALUNGELO KWIZAKHIWO / KUMHLABA
AMABANGO AMISELWEYO
UMHLA WOKUQALISA
UKURHOXISA
IINKCAZELO - Kulo mthetho kamasipala, ngaphandle kokuba akuhanjelwana nobume -
ukuvala" ngokubhekiselele kwisitalato sikawonke-wonke okanye indawo kawonke-wonke kuthetha ukuvalela zonke iinjongo okanye kwiinqwelo okanye kubantu abahamba ngeenyawo kuphela;
umasipala" uthetha umasipala weSixeko saseKapa;
ingingqi kamasipala" ithetha ingingqi ephantsi kwegunya nolawulo lukamasipala;
indawo kawonke-wonke" ithetha nawuphi na umhlaba okanye isahlulo ngoko esiboniswe kwisicwangciso esamkelweyo, kumzobo okanye imaphu njengendawo kawonke-wonke apho ubunini obunjalo busezandleni zikamasipala;
isitalato sikawonke-wonke" sithetha a nasiphi na isitalato esithe nangaliphi na ixesha -
i sasetyenziswa ngaphandle kokuphazanyiswa luluntu ngesithuba esimalunga namashumi amathathu eminyaka;
ii sabhengezwa okanye sasetyenziswa ngokunjalo ngumasipala okanye nawuphi na ugunyaziwe ofanelekileyo;
iii Sakhiwa ngumasipala; okanye iv Sakhiwa ngumntu ongomnye ngaphandle komasipala yaye siphantsi kwamagunya kamasipala;
b nawuphi na umhlaba, onazo okanye ongenazo izakhiwo kuso, oboniswe njengesitalato:-
i nakusiphi na isicwangciso secandelo okanye umzobo owamkelweyo ngumasipala okanye omnye ugunyaziwe ofanelekileyo ze kusetyenzwe kuso; okanye ii nasiphi na isicwangciso okanye umzobo njengoko uchaziwe kwicandelo le-15 loMthetho woCando loMhlaba, we-1997 uMthetho wesi-8 we-1997, obhaliswe okanye ofayilishiweyo kwiofisi yoMgcini-ncwadi weNcwadi yesiGqibo okanye iofisi yoNocanda Jikelele.
Ngaphandle kokuba umhlaba onjalo ukwisicwangciso esinjalo okanye kumzobo uchazwe njengesitalato sangasese.
UKUFUNYANWA KWESAKHIWO/UMHLABA KUNYE NAMALUNGELO ESAKHIWO/OMHLABA
UMasipala unakho ukufumana isakhiwo/umhlaba kunye/okanye namalungelo esakhiwo/umhlaba ngaphakathi okanye ngaphandle kwengingqi kamasipala waso ngendlela yentengiso, ukuhluthwa, ummiselo wokuthand' ukwazi, umnikelo, isipho, ingqeshiso okanye nangayiphi na indlela.
Umasipala unakho ukuhlutha isakhiwo/umhlaba kunye/okanye unakho ukuthatha ilungelo lokusebenzisa isakhiwo/umhlaba okwethutyana ngaphandle kokuba amagunya anjalo aya kusetyenziswa kuphela ngokusetyenziswa kwamalungelo okwenza iinguqu ezifunekayo ngokuhambelana nezibonelelo zoMthetho wokuHlutha, we-1975 uMthetho wama-63 we-1975, okanye nawuphi na omnye umthetho ofanelekileyo, ngaphandle kokuba uhlutho olo lunjalo luya kuba ngeenjongo zoluntu okanye lusemdleni woluntu yaye kuxhonyekekwe kwintlawulo yembuyekezo.
Ubunini bezakhiwo/umhlaba apho uluntu lwengingqi kamasipala lunakho okanye lunganakho ukufumana ilungelo elifanayo ze zonke iindawo zikawonke-wonke kunye nezitalato zikawonke-wonke, kunye nomhlaba obandakanywe kwiindawo ezinjalo kunye nezitalato ube phantsi kwegunya likamasipala.
Umasipala unakho ukuvala iindawo zikawonke-wonke kunye nezitalato zikawonke-wonke okanye nasiphi na isahlulo sezo ndawo ezinjalo okanye izitalato kuphela emva kokuba:-
a epapashe iinjongo zakhe zokwenza njalo; yaye b enike ingqwalasela kunye nokuchithwa kwayo nayiphi na inkcaso engenisiweyo, ukuba ikho, ngokuhambelana kunye nopapasho olunjalo ze kubhalwe phantsi izizathu zalo ngoko.
Nangona izibonelelo zomhlathi a, umasipala unakho ukuyivala okwethutyana indawo kawonke-wonke okanye isitalato sikawonke-wonke.
Nangona nawuphi na umthetho ophilisayo, isakhiwo/umhlaba oselungelweni likamasipala awusayi kuba nokufunyanwa nanguwuphi na umntu ngommiselo.
UMHLA WOKUQALISA
Lo mthetho kamasipala uya kuqala ngomhla wopapasho.
UKURHOXISA
Lo mthetho kamasipala, ukususela kumhla wokuqaliswa, urhoxise uMthetho kaMasipala oNxulumene noLawulo lweSixeko saseKapa ophathelene neSakhiwo / umhlaba opapashwe kwiGazethi yePhondo 5988 womhla wama-28 kuFebruwari wama-2003.
