Intetho ngoBume beSizwe eka Mongameli woMzantsi Afrika, uThabo Mbeki: Ukuhlala Ndawonye kwePalamente
Februwari 2008
uSihlalo weBhunga laMaphondo eSizwe;
Oyintloko yethu kwezoBulungisa obekekileyo kunye namalungu eJaji zelizwe Jikelele;
Iintloko Zeenkonzo zethu Zokhuseleko;
iRhuluneli yeBhanki enguVimba;
Iinkulumbuso ezikhethekileyo kunye neZithethi zaMaphondo ethu;
uSihlalo wendlu yeSizwe yenkokheli zomthonyama kunye neenkokheli zethu zomthonyama ezibekekileyo;
Iintloko zamalungu karhulumente ezixhasa idemokrasi yethu yomgaqo-nkqubo;
Abaphathi-Jikelele kunye nezinye iinkokheli zeenkonzo zoluntu;
Abahlekazi, Abameli-Sizwe kunye nooSomakhonkco;
Iindwendwe ezikhethekileyo, izizalwane namaqabane;
Bantu boMzantsi Afrika:
Ndivumeleni kulomcimbi ongamphambi kokugqibela koKuhlala Ndawonye kwePalamente yesithathu kwingxoxo-mpikiswano yonyaka ngobume besizwe sethu, ukunqwenelela wonke Amalungu Abekekileyo ePalamente uNyaka oMtsha wovuyo nemveliso.
Ndiqinisekile ukuba u2008 uzakuba ngomnye unyaka ongasoze ulityalwe kwidemokrasi yethu, njengokuba sonke sisebenza kunye siqaphela umbilini wolangazelelo wabantu bethu ukufikelela impilo ebhetele kubo bonke. Nditsho oku ngoba, ngokuqekelela kwethu, akuqhelekanga ukuba isizwe sibizelwe ekupheleleni komsipha ngamnye womzimba waso opheleleyo ukufikelela iphupho. Kwaye lonto ngumyalelo ongunyazisiweyo othe imbali ithe yawunyakathisa kuthi Namhlanje.
Zonke ezindwendwe zibekekileyo, ezimele inkumbulo kunye nethemba, zisikhumbuza ngubukho bazo ukuba okwethu ngumsebenzi kukhuphiswano lokubaleka ugqatso lothathelwano eliqhubeka ngokuzalwa ngokutsha ukuze iphupho lempilo ebhetele kubo bonke lifezakale kubemi bonke boMzantsi Afrika. Ngenene, bamele umbhiyozo womoya ongenakoyiswa wabantu bethu, nokuphosa uxanduva kuthi sonke ukuziphatha ngeendlela ezingena kungcatsha okanye zidanise iinjongo zabantu.
Sesizawuqalisa unyaka ogcweleyo nowokugqibela wemali ngoku nowesithathu kwipalamente yedemokrasi norhulumente kamsinyane emveni koko siphinde sibambe kamsinyane uNyulo leSizwe sethu. uRhulumente uphinde wahlolisisa ibanga esele silihambile malunga nokufezekisa umyalelo osawunikwa ngabantu ngo-2004.
Ndonwabile ukuba ndithi senze lukhulu ukufezekisa izibophelelo esizenzileyo ebantwini ngo-2004. Nokuba kunjalo, kungalindelekanga, kuyabonakala ukuba sisenomsebenzi osashekileyo okumele siwenze kwelinqaku.
Njengokuba sisondele ekupheleni kwexesha lomyalelo wethu, uRhulumente uthathe isigqibo sokwazisa uluhlu leeNcam eZiphambili apho azawuthi akhangele kulo ngokukhethekileyo, ukusebenzisa ezi zinto njenge ndlela ekhawulezayo ephambili ukukhawulezisa inkqubela phambili ngokujongene nokuphumelela iinjongo esiziyalelwe ngabantu ukuba sizilandele.
Ngoovuyo, leNtetho yoBume beSizwe indinike ithuba lokunika ingxelo iPalamente kunye neSizwe kwiiNcam zethu eziPhambili ezinga-24 ezo, aMalungu aBekekileyo angazifumana kwiwebsayithi kaRhulumente phakathi kweveki ezayo.
Ukwaziswa kweeNcam eziPhambili kuchaza ukuba wonke amacandelo amathathu karhulumente, isizwe, amaphondo nasekhaya, kumanqanaba okuphatha okuphezulu balawuli, enza isifungo esiqatha ukuba sizakusebenzisa ithuba elifutshane elingaphambi kwethu ukuqhubeka ngokongeza Amandla okubheka phambili ekujongeni eyona njongo ebaluleke-ngokuphelelyo yempilo ebhetele ebantwini bethu bonke.
Indlela yethu epheleleyo yokuphatha yenza isibophelelo sokuba kwixesha eliphambi kwethu, izakwenza okusemandleni ukumelana nokubalulekileyo kakhulu - Ukwenza izinto ngokuNgaqhelekanga! Sithetha ngoKwenza izinto ngokuNgaqhelekanga hayi ngokuchaza iinguqu kwimigaqo-nkqubo yethu esele imiselelwe kodwa malunga nokukhawulezisa, ukufezekisa okusebenzayo nokunefuthe kulemigaqo-nkqubo kunye neenkqubo, ukuze impilo zabantu bethu siguqukele ukubeni bhetele, ngokukhawuleza kuna kade.
Ukuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka, sithathe amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba uQingqo-mali loNyaka, uMphathiswa wezeMali uzawunika ingxelo ekupheleni kwalenyanga esenza ulwabiwo olufanelekileyo ukusinika iindlela zokufezekisa iiNcam eziPhambili. Iindidi eziphambili zeencam eziphambili zezi:
ukukhawulezisa okuphambili kokukhulisa uqoqosho lethu nophuhliso;
ukukhawulezisa iindlela yokwakha amaziko okusebenza sidinga ukufikelela iinjongo zethu zoqoqosho noluntu;
ukuphuhlisa indlela esebenzayo yokungenelela kwethu okujoliswe kuQoqosho Lwesibini, nokuncothula ubuhlwempu;
ukuphucula igalelo leenkqubo zethu ngokujongana nendawo ebalulekileyo yemfundo noqeqesho;
ukukhawulezisa ukungenelela kwethu ekuphumeleleni injongo yempilo kubo bonke;
ukuhlaziya indlela yobulungisa yokulwa nobukrelemqa ukomeleza ukuchasa kwethu ubundlobongela;
siphinde siqhubeke ngokomeleza oomatshini bakarhulumente ukuqinisekisa ukuba bane sakhono sokumelana nezinyanzeliso ezibalulekileyo zophuhliso; kunye, ukuhlaziya iinjongo yethu kwindawo ezibalulekileyo malunga ngendlela yethu yobudlelwane bezizwe, kakhulu sikhangele eminye imiba yeAfrika kunye nobudlelwane base Mzantsi-Zantsi.
Ngaphezulu kwelinye ixesha, isimo esijongene nesizwe sethu nelizwe, kunye nemisebenzi esizibekele yona, ifuna ukuba sikhuthaze nokulungiselela abantu bethu bonke ukuba basebenze kunye, ukwenza zonke izinto ezimelwe ukwenziwa, beqonda ukuba ngokwenyaniso, sonke, kunye, siphethe ikusasa lethu ezandleni zethu!
Xa sisebenza kunye kwindawo zonke kwilizwe lethu, oku simele ukuqonda ukuba into esimele ukuba yiyo yile - Ukwenza izinto ngokuNgaqhelekanga!
Xa bendilungiselela leNtetho, omnye phakathi kwethu uye wandicebisa ukuba ilizwe lethu liye lahlaselwa yimimoya-yeyantlukwano ebhudla ngamandla eyenze ukuba kube nzima kakhulu ukubonela phambili ukuba ilizwe lethu lizakuba phi ngomso.
Yayi ngamaxhesha aphambili, yayi ngamaxesha anzima, yayingunyaka wobulumko, yayi ngunyaka wobuyatha, yayilixesha elithile elizibalula ngeziganeko kwinkolelo, yayilixesha elithile elizibalula ngeziganeko zokungakholwa, yayilixesha lokuKhanya, yayilixesha loBumnyama, yayintlakohlaza yethemba, yayibubusika bokuswela ithemba, sasinento yonke phambi kwethu, sasingena nto phambi kwethu, sasisiya ngqo sonke eZulwini, sasisiya sonke ngqo kwenye indlela - ngokufutshane, ixesha lalikude njengelixesha langoku, zade ezinye ezisemagunyeni ezinengxolo zanyanzelisa ukuba mazamkelwe, ebuhleni okanye ebubini, kwinqanaba eligqithileyo lokufanekisa kuphela."
Uzakubuza ukuba ingaba ndivumelana nesisicatshulwa, nokuba nam ndiyakholelwa ukuba singene kwixesha lesiphithiphithi, apho thina sonke singeke sikwazi kodwa silahlekelwe yindlela yethu, singaqinisekanga ngamanyathelo ethu, iinyawo zethu zingazinzanga, sinovalo ngengomso!
Impendulo yam kulombuzo ngokuqinisekileyo ngu-Hayi! Njengo Rhulumente wonke ndiqinisekile ukuba iziseko ezibonelele ngolwazi ilizwe lethu kwilizwe lethu ngoqhanqalazo kwiminyaka eli- 14 egqithileyo zihlala zisendaweni. Ziyaqhubeka ukusibonelela ngesisekelo esinamandla ekumele siqhubeke kuso xa sigcine amehlo ethu ekhangele kwimizamo eqhubekayo yenjongo yempilo ebhetele ebantwini bethu bonke. Ngoko simele ukuba siphinde siqinisekise ukuba sihlala sisemsebenzini xa sisoloko siqhubeka ukwenza esethu isizwe esiphumelelayo.
Ngoko ke, njengaMalungu wonke aBekekileyo, ndiyazi ukuba uninzi phakathi kwesizwe sethu lukhathazekile ngokuba ilizwe lethu lizakuba phi ngomso.
Baxhalabile ngoncedo olukhawulezayo kwisizwe sonke apho isizwe siye salahlekwa kukuphazamiseka okungalindelekanga kwizibonelelo zombane.
Bakhathazekile ngokuba Mhlawumbi ilizwe lethu liye loyikiswa ngesenzo esenzeke ngokwemisebenzi yobundlobongela yokutshisa oololiwe abasetyenziswa luluntu abathandathu eTshwane kwinyanga egqithileyo.
Nokuba besazi ubukho beqela elibusayo nokulihlonipha ukuba lilawule iindaba zalo, baxhalabile ukuba limele ukuqhubeka ukudlala indima yalo njengelinye labazobi abaphambili bedemokrasi, bengacaluli ngokwebala, ngokwesini kuMzantsi Afrika ophuhlayo.
Ngokungafihlisiyo kungaba kungabi nankathalo ukubethisa ngoyaba ezizinto kunye namanye amaxhala okanye siwachithe njengengxelo ende echitha ixesha okanye izikhalazo ngokufanayo nabaprofeti basentsomini. Umcelimngeni ophambili kukuba siziphendule ngokwendlela esa umyalezo ongowabo kuluntu lonke elizweni lethu nakwizigidi zezigidi eAfrika nakwezinye indawo kwihlabathi ezijongene elizwe lethu ngomdla omkhulu, ukuze sihlale singashukumi kwisisombululo sethu ukuqhubeka sakhe uMzantsi Afrika onike ithemba hayi ebantwini bethu bodwa, kodwa kwabaninzi abangaphandle kwimida yethu.
Ukufuneka koncedo olukhawulezileyo okuziswe kukuwa kwamandla ombane kusifakela umncelimngeni futhi nokubonelela ngethuba kwisizwe sethu ngobubanzi ukusabela ubizo ukuba sonke sibambane ekulweni nokusebenza ngomanyano ukuba sigvine ilizwe lethu lisebenza. Lento imele ukuchaza ukuba sonke sikwilixa loxanduva, kodwa xanduva olo lingafikeleleka. Kwaye ngqo lithuba lomcelimngeni, kwaye likwalixesha lamathuba!
Ngokuqinisekileyo, iingxaki apha zinkulu; ukuzoyisa kuzawudingeka ubuchule, kakhulu ekuboneleleni nasekugcineni umbane, kwakunye nokwakhiwa kwamanye amaziko abonelela ngamandla ombane. Kodwa xa singathi sonke sense ubambiswano oluliqilima ukuhlangabezana nalengxaki, sizaku phumelela - Ndiyathemba kakhulu ngokungenzekelanga... Eli asilo xesha lokukhombana ngeminwe, kodwa lokusebenza kunye ukufumana izisombululo."
Kwiveki ezimbini ezigqithileyo, Abaphathiswa beZimbiwa naMandla kunye Namashishini oLuntu baye bachaza intlobo yokuxakeka esijongene nayo nokuthi nabani na phakathi kwethu angenzani ukubuyisela isimo endaweni. Kwiveki ephelileyo aMalungu aBekekileyo aye anethuba okushukuxa lemicimbi.
Enyanisweni ukonyuka kwemfuno zombane eminyakeni emibini egqithileyo kuye kwangaphezulu amandla amatsha asinawo ngoku. Ukubonelela okuvelayo okunzima kwenza yonke lendlela ukuba ibe nkenene nakweyiphi na imeko echaphazela umbane okhoyo. Kwesisimo, simele ukunqamla ukuqhawuka kombane okungalindelekanga kwaye indlela esingenza oku ngayo ngokukhawuleza kukwehlisa iimfuno siqinisekise umlinganiselo obhetele ogciniweyo.
Njengorhulumente umsebenzi wethu kukuba ngoku sikhokele nokumanyanisa ilizwe emva kwempembelelo yokubaluleka kwamandla nto ezakunceda kulomcelimngeni. Phakathi kwezinye, simelwe ukusebenzisa obububi ukuqinisekisa ukuba amakhaya noqoqosho zisebenzisa kakuhle amandla.
Kukho amanyathelo azinzileyo umntu ngamnye, indlu kunye neshishini angawathatha. Aqaliswe liSebe leZimbiwa naMandla kwaye sihleli sivulele nayiphi na ingcebiso engathi nina, abakhaya bethu, ningasinika yona nokuba siyahlulahlule phakathi kwethu.
uRhulumente uzakuqalisa ukufezekisa impembelelo ukuqinisekisa ukukhanyisa okwaneleyo, ukufudumeza amanzi ngokusebenzisa amandla avela kwilanga nokulawula igiza ezindlini, kuquke nemigangatho yezindlu kwizindlu ezintsha kunye nezakhiwo ezintsha. Sicela izindlu ezingakwazi ukuqalisa kamsinyane ukucinga ngokufaka lemilinganiselo egcina amandla.
Umyalelo sele ukhutshiwe kwizakhiwo zonke zikarhulumente ukwehlisa intsebenziso yabo yombane kwaye ndiyacela zive ukhululekile ukuxela nokuhlaza abobanga kwenziyo.
Iinkcukacha zamanyathelo amanye okuzivolontiya nomyalelo kwiNkqubo yokuGcina Amandla sele zikhutshiwe Ngabaphathiswa kwaye zizakuhlaziywa emveni kokubonisana nabanikazi abahlukeneyo emveni koko zishicilelwe.
Kwi cala lokubonelela uEskom usebenza ngamandla ukuqinisekisa ukungenisa iiprojekthi zokusebenzisana noomatshini ngenxa yokuba kuxakekiwe. Sikwa thatha amanyathelo ukuphucula amandla okulungisa kaEskom. Sinamaqela asebenzayo ngexesha likaxakeka ajongene nomcelimngeni wobulunga bamalahle kunye nokubonelela ngamalahle okuvela emigodini yamalahle kwaye sisebenza nzima ukukhawulezisa ukwamkelwa kokwakhiwa kweprojekthi zogesi. Wonke lamanyathelo, ethatyathwe kunye nemilinganiselo yokonga umbane, kuwukhulisa ukuqiniseka nokonyusa imilinganiselo enguvimba.
Inzame yethu sonke nokucela uncedo sisazulu sethu ekuziphenduleleni kulengxaki. Amaqela asebenzayo ayasebenza kwindawo ezininzi. Kwiveki elandelayo Inkulumbuso Zamaphondo zizakuqalisa intlanganiso yazo kunye noSodolophu ukuyila nokufezekisa imilinganiselo yokonga amandla kooMasipala bonke elizweni ngobubanzi. Bazakuxhaswa ngamaqela enzululwazi avela kwi-EDI Holdings, iEskom kunye neAgente yeSizwe yaMandla Alingeneyo. iSebe laMaphondo noRhulumente basKhaya lizakulawula lomcimbi ngokuxhaswa ngamasebe abambiseneyo, Isebe leZimbiwa naMandla kunye Namashishini oLuntu.
uMphathiswa weZimali uzakunikela ngolwazi olubanzi kwingxelo yakhe yoQingqo-mali ngenkxaso urhulumente azakunceda ngayo kwimpembelelo yokulingana kwamandla nakwiEskom kwinkqubo yakhe yokwakha.
Sijongene nengxaki engxamisekileyo kodwa singoyisa lengxaki kwixesha elifutshane. Esisimo sixhokonxe ukuqonda okungena kunqandwa ukuba ilixa lombane wexabiso eliphantsi nomninzi lifike esiphelweni. Naxa kunjalo xa ukhangela ukufakwa kwamndla oomatshini bethu, phakathi kwexesha elide eyethu izakusala iyeyona isekhoyo phakathi kwezoqoqosho emazweni ambalwa enombane ofikelelekayo.
Siloqoqosho olwenziwa bubutyebi bezimbiwa. Simelwe ukuba siqhubeke sixhase ishishini lemigodi. Akunakuphikiswa ukuba xa siqhubeka kwindlela yethu yokukhula njengelizwe lemveliso, kuzawumele siqhubeke sixhase ishishini elihambisayo. Ngoku njalo kunyanzelekile ukuba wonke amashishini abenamandla awaneleyo. Ngenene amandla aneleyo ngokwawo abonelela ngamathuba ezoqoqosho.
Ngoko ke masisebenziseni lengxaki ikhawulezayo ukubeka izitena zokuqala zokwakha zamandla aneleyo alungele ingomso isengeke siyibethise ngoyaba. Masiqinisekise ukuba zonke izandla zisemngangathweni ukusombulula esisiphithiphithi esijongene naso, sikhuthazwa yindlela yethu ukuba izimo zethu zisibizela Ukwenza izinto ngokuNgaqhelekanga.
Ngenene, andinantandabuzo ukuba sizakuhlonela isifungo sethu kwiFIFA kunye naseluntwini lehlabathi labadlali bebhola ekhatywayo kunye nabathandi bayo ukudala zonke izimo ezidingekayo ukuze sisingathe eyona tumente ibalaseleyo kwiNdebe yeBhola yeHlabathi yeFIFA.
Into esiyifumana isinika ingqondo, ukucanda wonke amacandelo oluntu lwase Mzantsi Afrika kunye nabakunde ngaphandle, bemelwe yinkqubela yemihla ngemihla esiyenzayo malunga namalungiselelo ethu jikelele, yenye ye - Ukwenza izinto ngokuNgaqhelekanga: zonke izandla emngangathweni ngokujongene ne-2010! Kwaye simelwe kukuqiniseka ukuba siyayigcina lendlela.
Mandibuyele kwiiNcam eziPhambili besele ndizichazile.
Ukuqubeka ngokukhawulezisa uqoqosho lwethu nophuhliso sizawufezekisa uYilo lweNkqubo yokusebenza kwaMashishini. uRhulumente uzakuqhubeka ngenkqubo zethu zokwenza amashishini azimele nokuqhubeka sidale amathuba wokukhula nokudala-ingqesho. Kulombandela, iR2,3 billiyone sele ifakiwe kwinqingqo-mali ukulungisela inkqubo yokuqalisa amashishini kwaye R5 biliyone eyongeziweyo kumncono werhafu ngaphezu kweminyaka emithathu izakuxhasa inkqubo yamashishini.
Ukusebenza kunye namashishini nabasebenzi, sisawukwenza kamsinyane, uyilo olubalulekileyo oluphambili kumacandelo apho oluyilo lingekhoyo khona, njengase migodini kunye namancedo ezimbiwa, kwizinto zabathengi, sithegise ngenjongo yokukhulisa inkxaso kumashishini amancinci, ukwakha, amashishini engqondo, ezolimo nenkqubela zemfuyo.
Kwizinga loqoqosho elikhulu, sizakuqhubeka ukugcina isithombe sethu semali esixhasa ukukhula okuya phambili kwezoqoqosho kunye nophuhliso nokuphungula ubuzaza bethu bangaphandle.
Ukukhawulezisa inkqubo yokwakha amaziko sizakugqibezela uphuhliso loyilo lwamaziko adibeneyo, ngokucindezela okukhethekileyo kwamandla alingeneyo. Oku kuquke ukulawula iinkqubo zaMashishini kaRhulumente nokuveza wonke amaziko akhoyo, kuquke intlawulelo yothutho nolunye ulungiselelo lothutho, imibhobho yamandla, ulwazi nobuxhakaxhaka benzululwazi, izixhobo zendlela, amanzi nombane, zonke ngaxeshanye malunga nendawo zazo.
Ngaxeshanye, siceba ukubonelela ngosasazo olungasebenzise intambo zesiqhelo kwi- 50% yenani labemi ekupheleni konyaka. Okunamatheliswe koku izakuba luyilo lwemveliso ekuphuhliseni eMzantsi Afrika wewBhokisi zeSethi ePhezulu, ekulindeleke ukuba igqitywe phakathi enyakeni.
Sele ndiphawule ukucothoza oko urhulumente esenza izicelo zokugcina ubutyebi mayelana nemicimbi efana nembuyekezo yemihlaba, amaziko akhoyo kunye nefuthe lokuvavanya indawo apho ezi zingakwenza ekuhambeni kwexesha okanye yahlukanise izigqibo zabatyali-zimali, sense isigqibo, ngomoya wokwenza izinto ngokuNgaqhelekanga, umsebenzi uyaqhubeka ngokukhawuleza ukuseka isazulu sonxibelelwano apho abatyali-zimali abaphambili kunye norhulumente bangakwazi ukulandelela nokufumana ezinkqubo. Umsebenzi sele uqalisile.
Esazulwini senkqubo yoqoqosho lwethu yi, kwaye ifuneka ibe khona ngamaxesha wonke, ingcinga yokuba ingaba impumelelo yayo inceda ekuphuhliseni ubulunga bempilo yabemi bonke boMzantsi Afrika, isebenza njengesikhali esibalulekileyo kwiMfazwe yethu Ebuhlwempini nokukhawulezisa ukusebenza kwethu malunga okugcina iinjongo ezinjalo njengelinge lokwehlisa intswela-ngqesho nokuqhubeka sikhulisa injongo yempilo yabo bonke.
Kwinkqubo yokubonelela ngendawo ezisempilweni zokuhlala uluntu, siyakwazi ngoku ukubonelela ngamagumbi ezindlu angama-260 000 ngonyaka, kwaye isivumelano sele sifikelelelwe kunye neSALGA ukubeka ugunyaziso lomiselo lentlawulo yamatyala ekuthengisweni umhlaba ongahle ufumaneke ukuze inkqubo yezindlu iqhubeke.
Kunye nenkqubela siyangenelela kumaxesha ahlukeneyo ajongene nokwehliswa kobuhlwempu, siyaqhubeka ukuphucula indawana ezininzi ezinobuthathaka, okuquke ukwabiwa koMthetho oPhethe Ukusetyenziswa Komhlaba, nokugqityezelwa kwamatyala embuyekezo umhlaba, inkqubo zokuxhasa abo bazifumanela umhlaba, kunye nophuhliso nokufezekisa kwenkqubo ezimeleyo yokuphuhlisa iilali.
Le yeminye imicimbi esithi sijongane nayo ngokukhethekileyo phakathi konyaka, nokuqinisekisa ukuba sifikelela iinjongo esizibekele zona.
Kwaye enye iNcam ePhambili ebalulekileyo kukuchaza kabanzi icebo elibanzi neliphangaleleyo lokulwa nobuhlwempu elithetha ngokukhethekileyo kumacandelo enani loluntu lichaphazeleke kulo kakhulu sesisibetho. Oku kuquke abantwana, amakhosikazi, ulutsha, abantu abahlala ezilalini kunye nasezilokishini, abantu abanobulwelwe okanye izifo ezingapheliyo nobudala.
Phakathi kwezisombululo eziphambili kukho: ukwandiswa kwenkqubo yemisebenzi yoluntu, inkxaso yengqesho ukudala-emisebenzi ngqo phakathi kwamaqela akujongenwe nawo, ukuphuculwa kwesakhono sokufuna imisebenzi, ukuphuculwa kwemfundo noqeqesho, ukuphuculwa kweenkonzo kunye neempahla ekhoyo phakathi koluntu oluhluphekayo, ukungenelela phakathi kwamakhaya ahluphekayo, nokuqinisekisa ukusebenza kwamaziko axhasa amakhosikazi namanye amacandelo. Phakathi kwezinye, sizawukwenza izincomo boomatshini besini ukuze sikhulise amacandelo onke okunika amandla ebantwini abangamakhosikazi.
Kodwa sizawuvumelana sonke ukuba uluntu lwethu kunye namahlwempu kakhulu, abasayi kulindela amacebo neempikiswano kunye neendawo zoqeqesho - naxa oku kubalulekile. Nokuba kunjalo, ungenelelo oluninzi olufikelelwayo zizinto urhulumente esele ezenza naxa zingaphelelanga. Ngokunjali, ngomoya wokwenza izinto ngokuNgaqhelekanga, urhulumente uzimisele kulonyaka ukomeleza ukulwa ukuze kuveliswe izindlu esithile zabantu ngabanye abo basweleyo ngamandla ukuze kusetyenziswe olungenelelo oluzakunceda, phakathi kwesithuba sokungenelela, ukuphucula izidingo zabo kwezozindlu nganye.
Phakathi koku, sizawudinga Igumbi leSizwe leMfazwe leMfazwe Ngokuchasene noBuhlwempu ukuqoqa amasebe wonke afana neSebe lezeNtlalo, uRhulumente waMaphondo naseKhaya, uRhwebo naashishini, Ezolimo neMicimbi yeMhlaba, Imisebenzi yoLuntu kunye neMpilo kunye nolawulo lwamaphondo nasekhaya, ezakusebenza kunye neNGOs kunye noxanduva lokuvelisa ungenelelo oludingekayo phakathi kwezindlu esithile nokuzise benzisa ngokukhawuleza.
Kulonyaka sizawujongana nezinye izinto eziphambili ezona zibalulekileyo kulemfazwe yelizwe yokulwa imfazwe ngokuchasene nobuhlwempu, ukulwela ukufakwa kwemizamo yezentlalo kunye noqoqosho. Zona zezi:
ukuqinisa imizamo esele iqalisiwe ukonyusa uncedo lamashishini asebenza kunye namashishini amancinci kakhulu lawo aquke amakhosikazi, ngokunyathelisa ukubonelela ngoqeqesho kunye nemalike, okuquke ukubamanya namashishini asele ezinzile;
ukuqinisa iNkqubo eYandisiweyo yeNkozo zoLuntu leyo, ngokukhawulezisa iinjongo ezibekiweyo, iye yabonisa isakhono sokuqesha abantu abatsha abaninzi: lento iquke ukuthathwa kolutsha kwinkqubo yokuhlaziya amamziko akhoyo oluntu, ngokuphindeneyo kwinani labantwana ababhalisele uPhuhliso laBantwana besebancinci elingaphezulu kwa mawaka-600 000 ngokusebenzisa amaziko amatsha ali- 1000 anabasebenzi abangaphezulu kwa mawaka-3 500 abaqeqeshiweyo nabasebenzayo, nokonyusa inani labantu ababonelela ngeenkonzo zokugcina abantwana. Kulinganiselwa kwi R1 billion ngaphezulu kwesiseko ezakwabelwa iinkqubo eziwela ngaphantsi kwe EPWP; kunye, okukugqibela, ukungenisa indlela yemveliso ezizakufunyanwa ngurhulumente kuqala ezivela kumashishini amancinci, aphakathi kunye namancikane; ngokusebenzisa iAgente yoPhuhliso lwaMashishini aMancinci ibeka indlela esebenzayo ukuqinisekisa ukuba ixesha lokuhlawulwa elilinganiselwa kwiintsuku ezinga- 30 liyasetyenziswa.
Sizakuphinda sidibanise lenkqubo ukukhawulezisa uphuhliso lwendawo zabantu zokuhlala ezinokugcinwa, ngamandla aluqilima, njengomcimbi ophambili okhawulezileyo, ukukhawulezisa ukufikelelwa kwamanzi jikelele, ucoceko kunye nombane, ukuze ngo 2014, sibe nendawo zokuhlala ezisezingeni zoluntu kunye nokufikelelwa kweziinkonzo zizindlu zonke.
Sizimisele ukuweza umsebenzi kwisixokelelwano esibanzi sokhuseleko loluntu, esizakuncedwa ngokusebenzisana okusele kuqalisile kunye nabaxhasi bezoluntu.
Xa sibeka izandla zethu emngangathweni sizilungiselela Ukwenza izinto ngokuNgaqhelekanga sikwamele ukuqinisa impikiswano yesizwe kwimibandela esichazayo njenge sizwe.
Izinto ezinjalo ezimbini zifanelwe ukuchazwa kafutshane.
Eyokuqala kwezi sisicelo sokuba simele ukwenza isifungo esizawucengcelezwa ngabafundi kwiintlanganisela zabo zasekuseni, kunye neSithembiso soLutsha sicacisa ukuziphatha kwabantu kunye nomanyano lwabantu phakathi kwabemi bonke boMzantsi Afrika. uMphathiswa weZemfundo uzakuchaza kabanzi kwingxoxo-mpikiswano yesizwe malunga nalemiba kwiveki ezayo.
Enye into imalunga nobume belizwe namagama eendawo, nto leyo endinga indlela yokwenziwa ngaxesha nye ukucanda wonke amaphondo ukuze sikwazi ukudala isiseko sokubhala iinguqu esizikhankanyayo. Sizakufaka lenkqubela ngokusesikweni kungekudala, ikhokhelwe liBhunga laMagama oBume beLizwe loMzantsi Afrika kunye neekomiti zalo zamaphondo.
Xa besibhengeza kwindaba yobundlobongela eKuhlaleni Kunye ePalamente kunyaka ophelileyo, siye sonke sabonakalisa inxalabo enzulu singajonganga amazinga aphezulu obundlobongela kuphela, kodwa nokuba izinto sijeke zambi kakhulu ikakhulu kwicala lokubulala - nto leyo itsiba ngaphezulu indlela yokuphucuka soloko sazifumanela idemokrasi.
Ngokusesikweni, kunyaka ophelileyo siyesazifaka kwindlela yokunxibelelana namashishini kunye namanye amacandelo oluntu, ukwenza indlela ebanzi malunga nokulungisa ngokutsha indlela yobulungisa malunga nobundlobongela ngokupheleleyo.
Kulombandela, ngomoya wokwenza izinto ngokuNgaqhelekanga, iKhabinethi ivumile kwinguqu ezifunekayo ukuseka indlela yokulwa nobundlobongela yobulungisa entsha, yalamaxesha, esebenzayo futhi iguquliwe. Phakathi kwezinye izinto, lento izakuquka ukusekwa kwegqiza elitsha elizakulawula nokuphatha lendlela xa isangenayo, ukusuka kwisizwe ukuya ekhaya, idibanisa kunye iijaji zelizwe kunye nomantyi, amapolisa, abatshutshisi, iinkonzo zolule ko kunye neBhodi eNcedayo eSemthethweni, kunye namanye amangenela, kuquke nokugunyaziswa kweMibutho yaMapolisa oLuntu.
Njengokuba aMalungu aBekekileyo esazi, ezinye zezintsusa seziqalile; kodwa sinesiqiniseko sokuba, xa zithe zonke zenziwa ngokubambisana nangendlela yokucebisana, ifuthe lizakuba namandla kakhulu ekulweni kwethu nobundlobongela. Abaphathiswa beZobulungisa, uThintelo loBundlobongela kunye naMacandelo oKhuseleko bazakuchaza kabanzi ngeezinkcukacha phakathi kweveki elandelayo.
Sizakuphinda futhi, phakathi kwalonyaka, singenise iMithetho yeenguqu yeejaji ngokusebenzisana neejaji kunye noomantyi, sigqibe uyilo elijongene nokuqinisa ulawulo lokhuseleko kwimida, siphinde sinike impilo Kwiphepha Lamalungelo waMaxhoba, sikhangele ngokukhethekileyo kumba wezaphulamthetho eziziphindayo, siqhubeke ukufezekisa imilinganiso eyongeziweyo esungulwe kwizincomo zeKomishoni yeNyani noXolelwaniso.
Zisaziswa ngokubaluleka ukuqinisa ngokuchasene nobundlobongela obulugelelanisiweyo, kunye nezincomo zeKomishoni yeeJaji zikaKhampepe ngokusebenza nokumisela uLawulo lweMisebenzi eKhethekileyo kunye nokuqhubeka izibhengezo kulomba, kuquke nokuguqulwa kweNdlela yoBulungisa kuBundlobongela, sizakuthi ekupheleni kukaMatshi kulonyaka, sidibane nePalamente ngemithetho kunye neminye imicimbi engakagqitywa yemilinganiselo efunwayo ekuphuculeni kabanzi isakhono sethu ukulwisana nobundlobongela obulungelelanisiweyo.
Into ezakuqhubeka ukusazisa xa sithatha elinyathelo izakuba kukuzimisela okukhulu kukarhulumente ukulwisana nobundlobongela obulungelelanisiweyo nokwenza bhetele kulawulo, ukusebenza ngexesha noolawulo lokwenza-luqilima iagente zethu zomthetho.
Into ebaluleke kakhulu, impumelelo yethu ekulweni nobundlobongela kuxhomekeke ekubambisaneni kuthi sonke njengabemi abagcina-umthetho, sikhuthazwa yimigaqo yokubusa komthetho, ukuhlonela iijaji zethu nokusukela amalungelo alinganayo oluntu, nto leyo uMgaqo-siseko wethu usimanyileyo ukuba siyenze ezimpilweni zethu zemihla ngemihla kunye nakwinkcoko zethu.
Malungu aBekekileyo;
Sizakuqhubeka kulonyaka ngamalinge okuphucula oomatshini bakarhulumente ukuze bahlangabezane nezidingo zabahlali. Xa kukho utho, umoya wokwenza izinto ngokuNgaqhelekanga ulungelwe ukusebenza ebantwini ngabanye ngabanye abo banenyweba yokuba zizicaka zoluntu.
Kukho izinto ezilula kodwa zibalulekile eziphambili esizakuqala sizijonge, njengenxalenye okusebenzisana sonke ukuphucula umbutho knye namandla ombuso.
Okokuqala, kuye kwavunyelwana kumacandelo onke karhulumente ukuba ezona zikhundla zomsebenzi ezibalulekileyo zimelwe ukugcwaliswa kwisithuba seenyanga ezintandathu xa kuthe kwavela esosithuba. Isebe leNkonzo Zolunto noLawulo lizakubeka indlela yokulawula oku ukukhangela ukufezeka kwesisigqibo.
Okwesibini, ngoMeyi wonyaka nonyaka (kwaye ngaphakathi kwenyanga ezimbini zonyaka wezemali ukuqala korhulumente basekhaya) bonke abaphathi abaphezuu balungelwe ukuba babe sebefake Izivumelwano Zokwenza Umsebenzi wabo emagunyeni afanelekileyo. Iofisi yeKomishoni yeNkonzo Zoluntu izakwenza iindlela zolawulo kulombandela.
Okwesithathu, ngokubona ukuba Isebe leMicibi yaseKhaya lichukumisa undoqo ngobomi bomhlali ngamnye, kulonyaka sizakuqinisa ukufezekiswa koyilo lokuguqula izinto elamkelwe yiKhabinethi. Lento iquke ukuphuculwa kwezixokelelwano ze-IT, ukuqeqesha abasebenzi kwiindlela ezintsha, sincothule abenzi benkohlakalo nokuqalisa ukufaka ikhadi elitsha le-ID.
Ukukhula komsebenzi kwinkonzo zoluntu kukwaxhomekeke kubulunga bobukhokheli obuvezwa ngabaphathi bolawulo abaphezulu. Kananjalo, kubalulekile ukuphucula ukuzibophelela kwabasebenzi boluntu emisebenzini yabo - umsebenzi omelwe ukwenziwa ngabaphathi, izicaka zoluntu ngokwazo kunye nemibutho yabasebenzi.
Ukuqhubeka ngokubekekileyo ekuphuculeni iinkonzo esele ibonelelwe kumacandelo onzakeleyo umzekelo amagqala, amakhosikazi nolutsha, sizakuphinda sihlaziye amacandelo anyulelwe ukwenza lemisebenzi nokuphonononga amalungiselelo afanelekileyo, kuquka nokuxilonga amasebe karhulumente lawo asekelwe ukujongana nophuhliso lolutsha kunye nogunyaziso.
Malungu Abekekileyo;
Oku sizakukwenza, ngokukhuthazwa yinjongo efanayo yabantu belizwekazi kumdibaniso omkhulu ukusukela umanyano kwilizwekazi kwimingangatho yonke. Inyathelo elibalulekileyo kulombandela kukuhlanganisa amaziko ezithili kunye nemcimbi ejoliswe ekuphumeleleni umanyano lezithili.
Ngokufutshane, amaqela abandakanyekayo kwingxoxo-mpikiswano afikelele isivumelwano esipheleleyo kwimiba yonke emayela kwimicimbi ephathekayo emelwe ukuvezwa ngamaqela. Oku kuquke imibandela emayela noMgaqo-siseko, ukhuseleko, usasazo nemithetho yonyulo, neminye imicimbi ibisoloko ibambene eminyakeni emininzi. Imithetho efanelekileyo kulemicimbi sele yamkelwe yipalamente, kuquke nokulungiswa okubalulekileyo komgaqo-siseko. Into eseleyo, ngokunjalo, ngomcimbi wenkqubo omayela nexesha nangendlela yokuwisa umthetho wesivumelwano soYilo loMgaqo-siseko.
Ngoku njalo, sidibana neNtloko zasebuRhulumenteni noRhulumente zeSADC ngokuncoma amaqela Ngengxoxo-mpikiswano yaseZimbabwe ngempumelelo yawo encomekayo nokubakhuthaza ukusebenza kunye ukusombulula umcimbi oseleyo wenkqubo. Njengokuba bendiceliwe ziNtloko zasebuRhulumenteni noRhulumente zeSADC sihlala sikulungele ukwenza lula ingxoxo zaseZimbabwe. Ngaxeshanye, sinqwenelela abemi baseZimbabwe impumelelo kunyulo elimiselwe umhla wa-29 kuMatshi.
Kunyaka ozayo, sizakusingatha iKomfa yeNkumbulo ukuhlola ukufezekisa izigqibo zeKomfa yeHlabathi ngokuChasene noCalucalulo leyo yayibanjelwe kwilizwe lethu ngo-2001. siqinisekile ukuba, ngokuchazelwa kukubulala kwabo isibetho socalucalulo kunye nemiphumela ephanzisayo eqhubeka ukuyinyasha eluntwini, urhulumente nabantu behlabathi bazakusebenza kunye nathi ukuqinisekisa ukuba iKomfa yeNkumbulo izakuphumelela iinjongo zayo.
Oluxanduva lehlabathi-jikelele, kuquke nokusingatha Indebe yeHlabathi yeFIFA ka-2010, kusinika isibindi senkuluko ngethemba uluntu elinalo kwilizwe lethu njengomdlali oyilayo phakathi kwenzame ezibalaseleyo zoluntu lonke. Kodwa asimelanga ukuthabatha oku ngokungakhathali.
Nkosikazi eSisithethi, uSihlalo naMalungu aBekekileyo;
Xa sele nditsho konke endikutshiloyo, ndibuyela kumbuza: buyintoni ubume besizwe sethu xa singena ku- 2008!
Into endingayaziyo kwaye ndisitsho ngesibindi ukuba: nokuba yeyiphi imicelimngeni okwangoku, sisese lugqatsweni!
Ndikutsho oku ndinesiqiniseko esingagunqiyo ngokuba ndiqinesekile ukuba abemi boMzantsi Afrika banesakhono kwaye bazilungiselele ukujongana nomcelimngeni wembali - ukusebenzisa wonke umsipha womzimba wethu - ukusabela imicelimngeni yanamhlanje yesizwe, kuquke ezo zijongene nezoqoqosho lwethu, isimo sezoqoqosho nopolitiko eAfrika nakwezinye indawo ehlabathini, nokusebenzisa amathuba lawo ilizwe lethu liqhubekela kuwo eminyakeni engaphezu kweshumi elinesine esele ibonelele.
Ngezandla zonke emngangathweni, sizimisele ukwenza izinto ngendlela engaqhelekanga kwaye esebenzayo, sizakugcina inkqubo yethu yokwakha kwakhona nophuhliso siyise nakumazinga aphezulu.
Ndiyabulela.
