Isishwankathelo Isebe Lamashishini Oluntu, Ivoti 30 Intetho Kamphathiswa U-Alec Erwin Kwingqungquthela Yesizwe
AmaShishini aPhantsi kukaRhulumente State Owned Enterprises SOE anefuthe abaluleke gqitha kwimpumelelo yokuphuhliswa kwakhe nawuphi na urhulumente. Ukuntsonkotha namandla oqoqosho lwehlabathi lonke, amandla eemarike, nokuntinga kweendlela zokutyala imali ehlabathini lonke kucela umngeni kuwo onke amazwe njengoko etyhalela phambili enenjongo echuliweyo yokuphuhlisa uqoqosho. Nathi ke sigqibe kwelokuba sisebenzise ubunini bukarhulumente kwimimandla yezoqoqosho ephambili ukuqinisekisa injongo echuliweyo nezinzileyo.
I-SOE kufuneka ibe sengqiqweni ngokwezimali ize izinze ukuze kuququzelelwe ubuncwane kwiimarike ezinkulu zesizwe nezehlabathi lonke. Nangona isizwe sisenokubek' umnwe kwi-SOE ekuqaleni nakwezinye iimeko ezichaziweyo eziya kuthi ke zikwazi ukwandiswa ngokusuka kubugcisa bazo bezemali nakwiimarike eziphambili. Oku kufuna ukuba izimali zingahexi nobuchule bokubambisana kunye nemali yabucala.
Ukusebenza kakuhle kweenkqubo zokusebenza yenye into ebalulekileyo kwi-SOE. Ukusebenza kakuhle kweenkqubo zokusebenza kufuna isakhono sokulawula, senkqubo yabasebenzi nezobugcisa ekumgangatho omnye noqheliselo olusemagqabini. Xa ezi zinto zihamba kunye i-SOE inganefuthe elimandla kuqoqosho ngokutyalwa kwemali, iinkqubo zabasebenzi kunye nophando neenkqubo zophuhliso.
Kuba uRhulumente enqwenela ukukhuthaza inzuzo ngedayimani eMzantsi Afrika, iAlexkor sisixhobo sokwenza oku. Kodwa ke, ineendima ezimbini emele izidlale kwaye zombini zibalulekile ngenxa yezizathu zophuhliso. Eyokuqala kwezi kukuba yona njengesixhobo sezoqoqosho iquke i-Richtersveld Community kuphuliso lwayo lulodwa. Eyesibini yinjongo entsha kodwa ethi yona inxulunyaniswe nenjongo nto leyo eza kuzama iindlela zokuqoqoshwa kwamathafa edayimani eNamaqualand. Kodwa ke, ukuthingaza okujikeleze amabango omhlaba kubeka i-Alexkor kwingxingongo ezimalini nakwindlela yokusebenza. Ngoku lixesha lokuba kucac' icala kungenjalo kuya kunyanzeleka ukuba sibulale eminye yemisebenzi size sichithe iiasethi ezingengondoqo kwezoqoqosho.
Kuye kwamiselwa i-Infraco ukuze kuqinisekiswe ukuba siphuhlisa intsika yonxibelelwano ebalulekileyo. Asisakwazi ukukhuphisana nolwazi lomhlaba wonke lwezoqoqosho ngendlela ebiza kancinane, ethembekileyo kunye nefumaneka ngokuthe gabalala. Kukho amashishini engesinawo kuqoqosho lwethu kodwa ke awekho kuba sineendleko ezinabileyo angenakukwazi ukuzisingatha. Ukukhula koqoqosho lwaseMzantsi Afrika kugangatha ndawonye ngenxa yeendleko ezinabileyo ezigqagqeneyo nezixhomileyo.
Xa kuthethwa ngekamva, uDenel uza kuqhuba ukumiselwa kwamacandelo ezemveliso aza kuba ngoonozala bobugcisa bokuvelisa obuthe vetshe nolwazi olubanzi kwicala lezokuvelisa.
Umdla wezizwe ngezizwe uqhubeka ukhula kwaye apha ekuhlaleni uSASOL uye wathi thupha elokuba uqhuba iingxoxo nePBMR kwizicelo eziliqela ezitshis' ebunzi. Kuye kwenziwa inkqubela encomekayo ekuvisisaniseni iplani yenkqubo kaEskom PWR kunye neeplani zethu zeGeneration IV. Oku kuza kwandisa ukuba ubugcisa obubalulekileyo buziswe ekuhlaleni nto leyo eza kuvumela ukuba uMzantsi Afrika ukhuphisane uze ubambisane kweli xesha lamandla enyukliya litsha.
Amehlo onke ngoku aza kujolisa kwiimfuno zezimali nokwakhiwa ngokutsha kwecebo lokuguqulwa kukaSAA, loo nto eza kwenza uSAA azimele ngokwakhe exhomekeke kwingeniso yakhe. Ukuhlahlwa kwendlela enza ngayo izinto kuza kufuneka kona kwenziwe. Oku kuya kuquka ukwenza lula indlela eyakhiwe ngayo inkampani, kufakwe amahlakani kuze kuchithwe imisebenzi engengondoqo. Sekulungiselelwe indlela yokubonisana nemibutho yabasebenzi.
Nangona le nkampani ine-30% yonke kwimveliso yezinto ezisarhwayo, sithetha nje ivela malunga ne-2,5% kwifuthe loqoqosho lolu shishino, kwaye abantu abaqeshwe yiyo bayi-3.5%. Ngoko ke ikhabhinethi ilamkele elokuba inxalenye esaseleyo kaSafcol, iKomatiland Forests, ifanele itshatyalaliswe.
Ngowe-2006/07 iBhodi yabaLawuli yamkele iplani yokutyalwa kwemali eyi-R64,5 yewaka lezigidi yeminyaka emihlanu. Le plani yemiyaka emihlanu yokuqhutywa kwezinto iye yaphononongwa kwakhona ngowe-2007/08 kwaye imalunga ne-R78 yewaka lezigidi. Olu tyalo mali lwalujoliswe ekulondolozeni iinkqubo zokusebenza ezikhulayo ngokuthi kukhuliswe isikhono kwintsimbi yethu nemizila yamalahle, kuphuculwe ukwakhiwa kweziseko iindawo ekukhweliswa kuzo nokuphucula imibhobho esuka eThekwini isiya eRhawutini.
Sisebenza nale Bhodi sixakeke ngoku kukuqulunkqa ubuqabane kwindlela eliza kusebenza ngayo izibuko elitsha leekhonteyina elakhiwayo ngoku sithethayo kwizibuko laseNgqura kwaye siza kukhupha isaziso esineenkcukacha ngakumbi ngako oku kungekudala.
IIPROJEKTHI ZOKUBAMBISANA
Imibhobho enodaka esuka ePhalaborwa iyahlolwa sithetha nje.
IProjekthi yaseAfrika iza kukhangela amathuba aphambili kweli lizwekazi apho i-SOE eMzantsi Afrika inganceda inkqubo yophuhliso.
