xhosa.1406.parenting
UMZALI OFANELEKILEYO
Ukunceda emsebenzini wesikolo
XA uMpho eza kuya nasebholeni emva kwemini ibande imini yakhe yesikolo. Ufik' ekhay' ediniwe kwaye elambile, ngelo xesha ke ukwenza umsebenzi wesikolo yinto yokugqibela ayicingayo. Kuvakala kuqhelekile oku?
Njengomama uyazi ukuba umsebenzi wesikolo ugqitywa ngokukhawuleza xa uncedisa, kunaxa uMpho ezenzela ngokwakhe.
Kodwa lumka! Ingaba uyamnceda umntwana wakho? Impendulo kulo mbuzo nguhayi. Kaloku xa kubhalwa uvavanyo, umntwana wakho uyakube eyedwa!
Kodwa ke zikho iindlela onganceda ngazo kumabanga aphantsi ungadange uwenze ngokwakho umsebenzi...
Iilwimi: Nceda umntwana wakho aphucule ulwazi lwakhe lolwimi ngokumkhuthaza ukuba afunde yonke imihla.
Makafunde akhwaze. Ngokuya ekhula uya kukhetha ukuzifundela yedwa - kodwa eyona nto ilungileyo kukuqwalasela amagama anzima ubone ukuba uyamelana na nawo.
Ukufunda akwandisi nje ulwazi lomntwana, koko kongeza kuphucule nesigama sakhe. Oku kuza kumnceda akwazi ukubhala izincoko kuba enamagama amaninzi awaziyo.
Ukupela: Le yeyona nto ungamnceda kuyo. Akugqiba ukufunda ikhasi, yiba "ngutitshala wokudlala" uze uthi makapele amagama akwelo khasi. Ukuze akonwabele qala ngamagama alula... oku kuya kumkhuthaza.
Xa umnceda ukulungiselela uvavanyo oluzayo lopelo-magama, mbhalele amagama ephepheni, kodwa ushiye izithuba aza kuzizalisa ngokwakhe umntwana. Umzekelo: FO_T_N_ _ _ (FORTUNATE).
Kubalulekile ukuba umntwana awabhale amagama angawatsho nje ngomlomo kuphela.
IMaths: Akunguye wonke umntu oyincutshe kwizibalo, kodwa ukuba umntwana wakho ufumene isiseko esisiso kumabanga aphantsi oko kuya kumnceda nakwixesha elizayo.
Ukusukela kwizibalo zikaGrade 1 (iitime table) eziphindwa rhoqo.
Xa umdala uyazibuza ukuba ikho na imfuneko yokumamela oku yonke imihla, kodwa yicinge le nto.
Yonke imihla senza izibalo zophinda-phindo ngaphandle komatshini wokubala. Siyakwazi. Nomntwana wakho ngokunjalo umelwe kukwazi, kwaye ungamnceda.
Izibalo zokudibanisa nokuthabatha nazo zibalulekile.
Linga lo mdlalo wonwabisayo...
Thatha amakhasi okudlala ususe anobuso (iking, iqueen ne joker).
Xa umntwana wakho usekumabanga aphantsi kakhulu ungawabeka ecaleni amakhasi anamanani amakhulu, kodwa ukuba ukuGrade 5 ukuya kuGrade-7 sebenzisa onke amakhasi ukuya kufika kwele-10.
Hlalani nijongane, beka ikhasi phambi kwakhe ukuze abone inombolo yalo. Ngokucotha beka elesibini phezu kwelo. Umntwana makakhwaze adibanise amanani akula makhasi atsho impendulo .
Umzekelo: 3 + 5 = 8 + 7 = 15 + 3 = 18 + 4 = 22 + 10 = 32, njalo njalo.
Xa ubona ukuba sele ekulungele ukudlulela ngaphambili - yenzani izibalo zokuthabatha. (Ukhumbule ke ukuwabeka kakuhle amakhasi ukuze inani lokuqala libe lilo elikhulu!)
Ngokuqinisekileyo ngolu hlobo uza kuluphucula ulwazi lwakhe lwezibalo. Ukuze ayonwabele ngakumbi mnik' ithuba naye akubuze okanye nibuze utata!
Ukufunda ezinye izifundo: Ziba lula ngakumbi ukuba umntwana unomdla kuzo. Kwaye ngokuya umntwana efunda malunga nesifundo, kukona kuba lula ukusiqonda.
Apha ke unganceda ngokumcacisela xa kukho into angayiqondiyo.
Mcele ukuba akucacisele ngokwakhe, abe ngutistshala wena ube ngumfundi.
Iiprojekthi: Musa ukumenzela umntwana iprojekthi yakhe - kuba okokuqala utitshala uya kuyibona xa ingenziwanga nguye!
Kodwa ungamnceda umntwana ayicwangcise iprojekthi... nithethe malunga nalapho angafumana khona ulwazi ngayo imifanekiso, nangeyona ndlela ilungileyo yokuyenza nikunye. Mncede nje ngokumcebisa, kodwa qiniseka ukuba naye uza nezakhe izimvo.
Oku kungalichitha ixesha elininzi, kodwa khumbula umntwana wakho uselula kwaye usayifunda yonk' into.
Awokugqibela: Sonke sifuna abantwana bethu babe nekamva eliqaqambileyo, ngoko esikwenzayo ngoku makulungiselele ingomso labo.
Umsebenzi womzali kukujonga ukuba umsebenzi wesikolo wenziwe.
Ngamany' amazwi, mamela xa efunda, uvavanye upelo, ujonge izibalo - kodwa musa ukumenzela!
Zibandakanye - uncedise, ukhuthaze kodwa okona kubalulekileyo konwabele oku!
BONA XHOSA July 2008
Ufuna umntwana wakho aqhube kakuhle esikolweni - kwaye ke nokuba awunalo ulawulo egumbini lokufundela, unako ukuthetha naye malunga nomsebenzi wesikolo wasekhaya. Kodwa ingaba oko kuthetha ukuba menzele umsebenzi wesikolo?
Umelwe kukumnceda uphele phi?
UBUSAZI?
Ukuphefumla umsi ophuma kumntu otshaya icuba emotweni kukona kuyingozi ngokuphindwe kali-10 kwimpilo yomntwana wakho kunomsi wecuba elitshaywa endlini
IINGCEBISO
Cwangcisa! Yenzani ikhalenda yokucwangcisa (ngasekunene) apho iprojekthi, uvavanyo nomsebenzi wexesha elizayo uza kubhalwa phantsi. Ngolu hlobo umsebenzi awusoze ulibaleke; iprojekthi ingahlula-hlulwa kuze kubekwe umhla wokugqiba umsebenzi ngamnye - kwaye umntwana uziva ephumelele xa umsebenzi ewugqibe ngexesha.
Qala ngezinzima. Qala ngeendawo ezinzima phambi kwezona zilula. Umzekelo, izibalo zithatha ixesha elide, kwaye umntwana abe ekuthanda ukufunda. Engqondweni yakhe, icala "elibi" lomsebenzi wesikolo lisukile, kushiyeke elonwabisayo.
Indawo. Qiniseka ukuba umntwana wakho uwenzela endaweni engenaziphazamiso umsebenzi wakhe wesikolo. Umntwana ngamnye umelwe kukuba nendawo eyodwa, kude ne-TV nengxolo yabanye.
BONA XHOSA July 2008
Sunday
Monday
Tuesday
Wednesday
Thursday
Friday
Satuday
20
13
27
6
Bhala i-oral
Phanda nge-Egypt
Gqiba iprojekthi ye-Egypt
14
21
28
7
Yenza amagama + amakhasi
Cwangcisa' iprojekthi
ye-Egypt
Imini yokungqibela yeprojekthi ye-Egypt
15
22
1
8
29
Zilungiselele i-oral
Yenza kwakhona upelo
Bhala iprojekthi ye-Egypt
16
23
30
2
9
Jong'
upelo
10
17
24
3
I-Oral yesi-Xhosa
Uvavanyo lopelo
Bhala cocekileyo
25
4
11
18
Ila-yibrari-uphando nge-Egypt
Ncama-thelis' zonk' izinto
12
19
26
5
Ibali elimnandi...
Ukufundela umntwana wakho yeyona ndlela ilungileyo ongalungiselela ngayo ingomso lakhe. Imenzela lula kwezinye izifundo zakhe kwaye akonwabele ngakumbi kwiminyaka ezayo...
BONA XHOSA July 2008
IINCWADI ZOKUQALA UKUFUNDA
Umntwana wakho uza kuyithanda imifanekiso emikhulu eqaqambileyo kuse kude nokuba akwazi ukuthetha kwaye ixesha olichitha naye umfundela umsingethe lelona xesha lihle lokuzisondeza kuye. Uza kufunda ukukwazi ukuyibona imifanekiso yezinto azibonayo imihla ngemihla.
Khetha iincwadi ezinemifanekiso emikhulu, enemibala nemibhalo engephi. Amakhasi atyebileyo ngawona kulula ukuwatyhila, ukuze umntwana wakho azityhilele.
Iincwadi ezenziwe ngamalaphu nazo zilungile, ziyahlafuneka, angazixhwitha, azishwabanise, azimanzise kwaye ziyahlambeka. Akukho mfuneko yeencwadi ezininzi kuba abantwana abakhawulezi ukudikwa kukuphinda-phinda into enye.
ABANGAPHANTSI KWEMINYAKA EMI-5
Zininzi iincwadi zabo zemifanekiso ezikhoyo. Ukuze ufumane ezininzi, yiba lilungu lethala leencwadi engingqini yakho.
Khangela ezinamabali alula, nemifanekiso ecacileyo enemibala eqaqambileyo apho umntwana eza kubona izinto aziqhelileyo.
UKULUNGISELELA UKUKWAZI UKUFUNDA
Abantwana benza izinto kwiminyaka ehlukahlukeneyo, ngoko ke ukuba umntwana womelwane wakho olingana nowakho sele ekwazi ukufunda, musa ukumxhesha umntwana wakho. Okubalulekileyo kukumlungiselela ukukwazi ukufunda, endaweni yokumfundisa ukufunda. Khuthaza umdla ezincwadini - nokukwazi ukubona ukumila kwezinto noonobumba. Biza unobumba ngokucotha, uze uthi ngaxeshanye umntwana makamkhombe unobumba encwadini.
Musa ukuzikhathaza ngokuphinda-phinda ibali elinye. Ukufunda kukumamela, uqonde uze wonwabele ukwazi okuza kulandela.
OKOKUGQIBELA...
Ungamxheshi umntwana enze nangakufuniyo.
IINGCEBISO NGOKUFUNDA
Qala ukumfundela umntwana esazalwa. Oku kukhuthaza ubudlelwane phakathi kwakho nosana lwakho lukwazi nokukhawuleza ukuthetha.
Qiniseka ukuba nikwindawo ezolileyo engenangxolo naziphazamiso.
Dlala nomntwana wakho, ngokumfundela umana ukutshintsha amazwi ulinganise abadlali bebali, ulinganise nangesandla, umdlalise ngokumwola ngakumbi. Abantwana abaninzi bayakukuthanda ukulinganisa nabo... bazakhele awabo amabali.
Mfundele rhoqo phambi kokulala.
UKUTHENGA ISITULO SOSANA
BONA XHOSA July 2008
UKUBA unayo imali nendawo, isitulo seentsana esiphakamileyo sakuwenza amaxesha okutya abelula. Naku omawukuqwalasele phambi kokuthenga...
Ukukhululeka: Umntwana uza kuchitha ixesha elininzi esesitulweni sakhe, ngoko ke qiniseka ukuba indawo yokuhlala esitulweni ithambile kwaye sinendawo yokweyama. Abantwana bayakuthanda ukugungqa ngoko qiniseka ukuba unendawo eyaneleyo yokushukuma, neyokuba akhule naso. Indawo yokubeka iinyawo kuhle ukuba nayo ibekho.
Ukuphakama: Ingaba uyakwazi ukusehlisa usenyuse? Oku kubalulekile kwabanye oomama.
Ukusicoca: Ukutya kwabantwana kungena naphi! Ngoko qiniseka ukuba akukho kona zininzi, apho ukutya kungazifihla khona. Ubuninzi bezi zitulo benziwe nge-PVC ngoko ke kulula ukuzosula. Ezinye ziyohlukaniswa ukuze zihlanjwe.
Itreyi: Ingaba itreyi iyasuka ukuze ufikelele emntwaneni? Ujonge nobukhulu bayo.
Ukusigcina: Izitulo zabantwana zisoloko zithatha indawo eninzi, ngoko cinga ngendawo oza kusigcina kuyo. Ingaba siyasongeka? Ingaba kulula ukusiphakamisa? Ingaba sisebenzisa amavili xa usityhala? Ukuba kunjalo, vavanya iziqhoboshi.
Ukhuseleko: Khetha isitulo esizinzileyo esinesiseko esibanzi. Masibe namabhanti okhuseleko, kubekho ibhanti elihamba phakathi kwemilenze ukuz' umntwana angatyibiliki awe.
Ukutya okulungileyo
Abantwana bayabathanda abantu, ngoko ke qhelani ukuhlala ndawonye njengosapho xa nisitya.
Luvumel' usana lwakho lungcamle ukutya okwahlukeneyo.
Khumbula: abantwana bathanda ukukuva ukutya - ngokukubamba ngezandla, bakumunce, bakukhothe, bade bakucubhe - phambi kokuba bakutye.
Abany' omama abakwazi kungamsuli umntwana xa ezingcolisa ebusweni nasezandleni xa esitya. Myeke! Oko kungamenza aphelelwe ngumdla. Myeke umntwana - nokuba uzingcolise kangakanani - mcoce akugqiba ukutya.
Xa umntwana sele ekwazi, myeke azityise ngokwakhe. Ayiphumzi wena nje kuphela loo nto, koko inika nomntwana wakho ithuba lokuba akwazi ukuzimela, akwazi nokuzenzela izinto - njengokufaka icephe elinokutya emlonyeni kuba oku kuthabatha ithuba ukukufunda.[x]
OKWASIMAHLA! Kweemveliso zakwaJust for Baby
Iimveliso zakwaJust For Baby zilungiselelwe umama oyikhathaleleyo impilo yosana lwakhe, kanye njengoko ekukha-thalele nokufumana izinto zexabiso ngemali yakhe. Uluhlu lwakwaJust For Baby lunohlobo oluqholiweyo nolungaqholwanga lwe-aqueous cream nePetrolium Jelly, ibaby talc kunye nebaby oil.
Ukuze ube sethubeni lokuzuza esakho kwizixa ezingama-20 eziphisayo ezixabisa i-R200 sisinye, thumela igama lakho nedilesi kwi- BONA/Just For Baby Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060 okanye iSMS ethi JUST FOR BABY ku-35919.(ISMS inye ixabisa iR3)
