xhosa.2030.yourstories_crime
ULWAPHULO-MTHETHO
Babohlukene nomkakhe kwaye ezimisele ukutshata kwakhona - kodwa ngenxa yamatyala wayengenako ukuthwala iindleko zokuqhawula umtshato. Kodwa xa umkakhe wayengasweleka wayengafumana imali yakhe ye-inshorensi. Ngoko wenza iyelenqe lokumbulala
UJEFF LAMB ongumqhubi wetraki erhuqa iimoto wasePalm Beach, eFlorida, watsalela umnxeba amapolisa wawaxelela ukuba inkosikazi yakhe iswelekile, kwakunzima nokuthetha ngendlela awayekhathazeke ngayo.
Ngomhla we-15 kuJuni 2004, wagoduka wafika inkosikazi yakhe, uCathy ibethwe yabulawa.
Kwakukho igazi yonk' indawo. Phantse onk' amathambo emzimbeni kaCathy Lamb ayophukile, kodwa umbulali wayembethe entloko kakhulu, kuba "yayithambe" okwebhola eflethi.
Izinja zesi sibini ezimbini kwezintathu zazibethwe kakhulu nazo, de kwanyanzeleka ukuba zibulawe. Eyesithathu yafunyanwa egumbini lokulala itshixelwe, kodwa ingenawo nomkrwelo.
Amapolisa amangaliswa yiloo nto. Ngubani ongaqhekeza emzini onezinja ezintathu? Kaloku umqhekezi ubemel' ukukhetha umzi ongenabungozi.
Kwakukho nezinye izinto ezikrokrisayo, utsho uKim Bradley, owayengumcuphi weli tyala.
UJeff wathi emapoliseni alahlekile amacici egolide kaCathy. Loo nto ke yawenza acinga ukuba injongo yolo hlaselo yayikukuqhekeza. Ngenene kwakubonakala ukuba kukho umntu obehamba evula iiwadrophu needrowa indlu yonke, kodwa abacuphi bafumanisa ukuba ngamacici kuphela angekhoyo!
Oku ke kwakuthetha ukuba kukho umntu obezama ukwenza ngathi ubezokuqhekeza waze wabulala engaqondanga. Oko kwenza uJeff owayengumyeni womfi abengumrhanelwa wokuqala.
Iingcali ezihlola umzimba zona zafumanisa ukuba uCathy wabulawa phakathi kwe-4.30 nentsimbi yesi-5 malanga.
UJeff wathi wayesemsebenzini ngelo xesha - kwaye kukho abantu abanokumngqinela kuloo nto.
Abacuphi baqalisa ukukhangela abanye abarhanelwa. Baqala ngokukrokrela uJoey Steidel.
Kaloku yena wayesisinqanda-mathe sikaJeff kwaye wafika kanye emva kokufika kwamapolisa kwindawo yexhwayelo.
"Kwakungaqhelekanga ukubona umyeni ofelwe yinkosikazi ethuthuzelwa yintombi ancuma nayo," utsho uDetective Bradley.
Wathi akubuzwa ngaloo nto, uJeff wathi bebebuyelana nomkakhe, uCathy.
UJoey Steidel osisinqanda-mathe sakhe wayengayazi loo nto. Ngokokwazi kwakhe yena noJeff babeza kuhlala kunye.
Yena ubephi ngexesha lokugwintwa kukaCathy? Amapolisa afumanisa uyiweyitala kwivenkile yokutya ekufutshane kwaye abathengi abaninzi babembonile.
Athi amapolisa xa ejonga iselfowuni kaJeff afumana umrhanelwa wesithathu.
Yayilelinye ibhinqa elalithethe emnxebeni noJeff ngaloo njikalanga.
Emva nje kokubulawa kukaCathy, malunga nentsimbi yesi-5 emalanga, uJeff watsalela umnxeba ibhinqa elinguLisa, ekwafumaniseka ukuba lingummelwane wesinqanda-mathe sikaJeff.
ULisa wayetshatile enabantwana ababini kwaye wavuma ukuba naye wayethandana noJeff Lamb.
Enyanisweni babesandula ukubhaqwa ngumyeni wakhe kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo phambi kokubulawa kukaCathy.
URay ongumyeni kaLisa wathi emapoliseni: "Ndamshiyela umyalezo kwiselfowuni yakhe othi, ukuba uke waphinda walubeka emzini wam okanye asondele kusapho lwam ndiza kumbulala.
"Ndathi ndakwenza nantoni na ukukhusela usapho lwam."
Ngenxa yala mazwi uRay wazenza umrhanelwa wesine.
Kodwa abacuphi bakhawuleza bafumanisa ukuba uRay nowakwakhe banamangqina athi ayekunye nabo ngexesha lokubulawa kukaCathy, batsho bakhutshwa kuluhlu lwabarhanelwa.
Uphando lwamapolisa olujonga iselfowuni ukuba ibiwutsala iphi umnxeba, lwanceda abacuphi bakwazi ukubona ukuba uJeff wayekufutshane nendlu abulawelwa kuyo uCathy ukutsala kwakhe loo mnxeba.
Oko kwakuthetha ukuba wayexoka emapoliseni ukuba wayekude nendlu leyo de kwangentsimbi yesi-7 apho wafumana isidumbu sikaCathy.
Wathi inja yakhe, uBandit yayisegumbini elitshixiweyo ukubulawa kukaCathy.
Ingene njani, ingenela ntoni?
Khona kutheni inja kaJeff yona yodwa ingalimalanga, kodwa zibe ezikaCathy zibethwe kangaka?
Amapolisa aphanda nzulu ngakumbi ngoJeff aze afumana enye yeenjongo ezindala zokubulala - imali.
Kwiminyaka embalwa edlulileyo umqeshi kaJeff wamtyhola ngokuba imali emalunga
ne-R200 000. Wayibuyisa loo mali waze wavuma ukuhlawula
i-R60 000 ngaphezulu esisohlwayo ngezavenge.
Kodwa kwaya kusiba nzima ukwenza ezo ntlawulo.
Kwakhona amapolisa afumanisa ukuba i-inshorensi kaCathy ibiza kuhlawula uJeff malunga ne-R60 000 xa esweleka.
"Yayiyi-inshorensi encinane kodwa ndicinga ukuba uJeff wayethembe yona kwaye wayengakhathali nokuba uyifumene njani na," utsho uDetective Bradley.
Kwafunyanwa amachaphaza egazi likaCathy ezimpahleni zikaJeff awayezinxibe ngemini yokubulawa kwakhe.
Kwakhona umcuphi wafumana elinye lamacici awathi uJeff alahlekile epokothweni yakhe.
Emva kweenyanga ezimbini ebulewe uCathy, umsebenzi othile wafumana intsimbi kuphahla lwesakhiwo salapho uJeff wayesebenza khona. Kwathi kanti sesona sixhobo ekwabulawa ngaso.
UJeff Lamb wabanjwa phantsi kwesityholo sokubulala.
Amapolisa ayekholelwa ekubeni uJeff wayefuna ukuwuqhawula umtshato. Esi sibini sasike sohlukana iminyaka embalwa, saphinda sabuyelana. Kodwa kwakungekho nto itshintshileyo, kuba uJeff waqhuba nokungathembeki.
UCathy wayeyinyamezele le nto kodwa engayithandi.
Phofu wayembulalela ntoni? Kutheni wayengasuke aqhawule umtshato?
Isizathu sinye, yimali. UJeff wayehlawula i-R60 000 eyayisisohlwayo kwaye ukuqhawula umtshato kwakuza kumshiya engenamali ngakumbi kubenzima ukuhlawula elo tyala.
Amapolisa akholelwa ukuba uJeff wayezimisele ukuqala ubomi obutsha ngale mali kaCathy.
Ngenjikalanga yaloo mini wayesemsebenzini. Ngokutsho kukagxa wakhe uJeff wathi uyokutha ipetroli emotweni, wemka phakathi kwe-4.30 ukuya kwintsimbi yesi-5 emalanga.
Walinda uCathy wabuya emsebenzini, waze wamhlasela wambetha ngentsimbi wambulala. Wenza ngathi uphazamise umntu obegqekeza. Ukubetha izinja zikaCathy ayeke eyakhe kwaba yimpazamo.
NgoSeptemba ka-2006 uJeffrey Lamb wagwetywa ubomi entolongweni. [x]
Umbhali: Marissa Charles/Splash News
WABULALA
OWAKWAKHE
NGENXA YAMATYALA
UCathy noJeff Lamb ngamaxesha abo obumnandi.
Ibhedi enegazi eyayilele uCathy.
Isixhobo ekwabulawa ngaso. Safunyanwa kuphahla lwe-ofisi emsebenzini kaJeff.
UJeff wathi amacici kaCathy abiwe - kodwa kamva elinye lawo lafunyanwa epokothweni yakhe.
Iidrowa awazishiya zivuliwe uJeff ukuze kube ngathi uCathy ubulewe ngumntu obegqekeza.
Izinja ezingasekhohlo zezikaCathy kwaye zazibethwe kakhulu kwanyanzeleka ukuba zibulawe. Inja engasekunene yekaJeff kwaye yona yayingalinyazwanga.
