xhosa.2013.holiday comp
IMADIKWE River Lodge iselunxwemeni lomlambokazi iGroot Marico River kumda waseBotswana kwaye ivumela abatyeleli ukuba bonwabele ubuhle bendalo base-Afrika behleli kweli bhotwe lobuncwane.
Yakhiwe kumhlaba oziihekthare eziyi-75 000 ongenabungozi besifo secesina (imalariya), kumbindi weMadikwe Game Reserve, le ndawo inamagumbi okulala ali-16 kunye nendawo yokutyela eyakhelwe ngaphandle kwisiqithi somlambo.
Igumbi ngalinye lokulala lihonjiswe ngokwahlukileyo kwaye lineveranda yalo eyodwa eyenziwe ngamaplanga.
IMadikwe River Lodge iphisa ngeentsuku ezintathu zokulala, izidlo ezithathu kunye nemidlalo yolonwabo emibini (ukuhamba nibuka izilwanyana okanye nilandela imizila yazo) ngemini.
Lingakuphosi eli thuba lokonwabela ubuhle bendalo, ubone iintaka ezinemibala-bala nezilwanyana zasendle.
Indlela yokungenela
Zalisa ifom yokungenela ekweli khasi, okanye uthumele impendulo ngeSMS ku-35919. (Inye iSMS yi-R3.)[x]
Imibuzo: 014-778-9000; Websites
www.madikweriverlodge.com okanye
www.threecities.co.za Umxeba 031-310-6900.
Yonwa-bela ubuhle bendalo, iintaka noku-bona izilwa-nyana zasendle
UKHUPHISWANO
iintsuku ezi-3 ezixabisa i-R30 600
IFOM YOKUNGENELA
Zalisa uthumele kule dilesi: BONA/Madikwe River Lodge Competition, Box 32067, Mobeni, 4060.
Igama:..............................................................................................................
Idilesi: ..................................................................................................................................................................................... Ikhowudi: ................................
Umnxeba/Iselfowuni: ...................................................................................
(Nceda usinike inombolo yomnxeba ofumaneka kuyo emini.)
Umbuzo: Yakhiwe kunxweme lowuphi umlambo iMadikwe River Lodge- ..........................................................................................................
Umhla wokuvala: 27 Februwari 2009
IMITHETHO: 1. Nabani na unokulungenela olu khuphiswano ngaphandle kwabasebenzi bakwaCaxton neentsapho zabo, abaxhasi balo nabeenkampani ezibhengeza iimveliso zabo. 2. Isigqibo sabagwebi asinakuphikiswa kwaye akusayi kubakho mbalelwano ngaso. 3. Amabhaso akagqithiselwa komnye umntu okanye atshintshwe abeyimali. 4. Ngamangenelo akhutshwe kwimagazini kuphela aya kwamkelwa. 5. Baya kuphulukana namabhaso abo abantu abangawalandanga emva kweenyanga ezintandathu. 6. Abaphumeleleyo baza kuthatha iintsuku ezingezizo ezeeholide ezixakekileyo ngexesha elilungele bonke abachaphazelekayo. 7. Abaphumeleleyo baza kuziyela bazibuyele ngokwabo eMadikwe River Lodge. 8. Iziselo, ukutsala umnxeba nezinye iindleko ezingakhankanywanga baza kuzibhatalela ngokwabo abo baphumeleleyo.
