xhosa.2010.yourceleb_athome
Uyakuthanda UKUPHEKA
UKUTHANDA kwam ukupheka kwaphenjelelwa likhaya endakhulela kulo kuba kwakusoloko kukho ukutya okushushu nevumba elimnandi lokutya - kwaye oko kusabalulekile kum. Indoda endincuma nayo iyazi ukuba xa isiza kwam iza kufika itye ukutya okushushu.
Ndiyakuthanda ukuba sekhitshini kuba ikhitshi lam livulekile, ngoko ndiyakwazi ukuncokola neendwendwe zam ndibe ndiziphekela isidlo esimnandi.
Ndinqwenela ukuba nekhitshi elikhulu, libe nekhawunta yokusebenzela kunye nestovu segesi kuba ndiyakuthanda ukupheka ngaso.
Ndineminyak' emithathu ndihlala apha kwaye ndiyayithanda le ndlu kuba isestayileni. Inamagumbi amabini okulala, nto leyo ithetha ukuba ndinendawo yokugcin' izihlangu nempahla yokunxiba!
Ngaphezulu inezinto endizithandayo. Kaloku abantu abaziintanga zam (abaneminyaka engama-40 evisayo kodwa ungaxeleli mntu!) bathanda ifenitshala yakudala, kodwa ke mna andingomntu wakudala.
Kwiminyaka edlulileyo bendiqokelel' ifenitshala yale mihla eyifaneleyo indlu yam. Enye ifenitshala ndiyenzelwe ngokukodwa, kwaye leyo iquka itafile yokutyela neetafilana ezincinane. Ndiyazithengela yonk' into oyibona apha.
Ndihleli kamnandi apha, qha ndikhe ndebelwa izitshixo endingazisebenzisiyo, emva koko ndebelwa ikhompyutha neselfowuni. Ngethamsanqa ndandingekho endlwini ngelo xesha! Leyo yinto eyenzekayo xa uhlala wedwa, kodwa andinako ukwenza ngakumbi kuba umsebenzi wam uyandihambisa kakhulu. Umntu wam ufika kathathu evekini kwaye ndiyathemba ukuba ngunyaka wokugqibela lo ndihlala ndedwa - sicebe ngolo hlobo!
Kungoku nje ndidlala emidlalweni emibini eboniswa eMarco Polo Theatre eSandton, kodwa xa ndisekhaya undifumana ekhitshini okanye ndithe zava esofeni.
Ndithi ndibukele iTV ndibe ndisebenza nakwilaptop yam. Ndiyathanda nokuphumla ngeglasi yewayini, kwaye andibi nesithukuthezi.
Ndibhala nencwadi yeeresiphi endikhe ndazipheka. Ndingayibiza ngokuthi There's A Diva In Your Kitchen kodwa andikagqibi ukuba ndiza kuyinika igama elithini.
Isofa engaphambi kwetafilana ezele iincwadi neemagazini zokupheka yiyo endiphembelelayo. Ndihlala kuyo naxa ndibhala iingoma zecwecwe lejazz endiza kulikhupha.
Kaloku mna andaneliswa yinto enye!
Ndifuna ukuba nomzi onamagumbi okuhlamba amakhulu anjengalawo uwabona kwiifilim! Ndifuna nokuba newadrophu yokugcina izihlangu neempahla zam endikwazi ukungena kuyo. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Andrea Caldwell
UTYELELWE EKHAKA YIBONA
ULucia Mthiyane ongumdlali wemidlalo yeTV neyeqonga uyakuthanda ukupheka izidlo eziluncuthu emzini wakhe oseBryanston
1. ULucia ufumana amacebo okupheka kwiincwadi zakhe zokupheka ezininzi.
2. Lixesha lokuphumla neglasi yewayini nokutya okuphekwe ekhaya.
3. Igumbi lokuphumla likaLucia lisenokuba lincinane, kodwa lihonjiswe kakuhle.
4. Itafile yegumbi lokutyela yenziwa ngokukhethekileyo uLucia.
5. Igumbi likaLucia lokulala lipholile kwaye lelenenekazi ngenene.
