xhosa.2007.katlego
Sincokole noKeketso weTV
UKatlego Danke usenokuba udlal' indawo yomfundi owayephambene "wanyangwa" kwiTV, kodwa ebomini bokwenene uyayazi into ayifunayo...
kubhale uDOUG GORDON
kufote uPETER WHITFIELD; iinwele nemakeup yenziwe nguFAITH SEUOE; umnxibisi nguMARINA WALSH; umlungelelanisi nguPATRICIA McCRACKEN
KUMNCEDILE uKatlego Danke ukudlal' indawo yomlinganiswa onguKeketso. Lo mlinganiswa owayeligeza wenze uDanke onama-27waziwa njengomnye wabalinganiswa abaselula abazibaluleyo kwimidlalo yeTV kweli.
Kodwa uDanke uyavuma ukuba uziv' ekhululekile njengokuba sele eyekile ukuba ngumfundi ophambeneyo.
Ngoku uyakwazi ukumshiya ngasemva estudiyo umlinganiswa amdlalayo kwiBackstage.
UKatlego akanamdla nangokuzenzel' imali ngokuba nomtsalane kwakhe emadodeni. Kungoku nje uzithengel' umzi wakhe kwaye uthi uya kuze ayifumane indoda emfaneleyo ngeny' imini naza kuzinza nayo.
Kodwa uthi akangxamanga: akahendwa kukubona indoda enemali. Uthi akafani namabhinq' athi kuba eziindwalutho asebenzise oko ukutsal' amadoda anemali ayichitha ewathengela le naleya.
"Anditshatanga kwaye andifuni ndoda ecaleni kwam ukuze ndizibone ukuba ngenene ndilibhinqa. Andiwafuni amadoda acinga ukuba ndiza kuwawela kuba eneemoto ezintle, esazana nabantu abaphambili yaye esenza imisebenzi ephezulu," utsho.
"Ngaba ukudlala kwam kwiTV kuthetha ukuba kufuneka ndiziphathe ngokungathi ndingowaseHollywood" Kaloku andithengisi ngomzimba wam mna. Ndiyayihlonipha indoda ethetha nam njengomntu olinganayo nayo, endihlekisayo, nendenza ndingonqeni ukuphinde ndidibane nayo.
"Iyandidika indoda engazenziyo ezo zinto, nokuba kungaba yindoda ezibona iphezulu kangakanani."
UKatlego uthi emva kweminyak' emine edlal' indawo kaKeketso uzibona sele kukho izinto abafana ngazo, kodwa uthi kwezothando abafani tu.
UKeketso wafika kwiBackstage ngo-2002 engumlandeli kaKaybee onomona ngaye - wayengumfundi oselula owayephambene kukuthanda le mvumikazi kangangokuba wade wayixhwila wayigrogrisa nangokuyibulala.
"Indawo endandiyidlala yayisoyikisa kwaye izinto ezazisenziwa nguKeketso zaba neempembelelo eluntwini ngelo xesha. Abantu babengazi nokuba ulibhinqa elithanda amanye na nelithe phithi nguKaybee, okanye wayengumlandeli wakhe omkhulu waseVulindlela College owayeshiywa ziingqondo," utsho uKatlego.
UKatlego wafunda ukuba abalandeli "baphambaniswa" kanjani ziintandane zabo emva kokuba uKeketso wasiwa kwisibhedlele sabantu abagula ngengqondo. Ababukeli balo mdlalo babecinga ukuba lo mlinganiswa uphambene kulo mdlalo nasebomini bakhe bokwenene.
"Abantu babesuka bahambele phaya xa ndisondela kubo kumaziko eevenkile. Abanye babendibhambatha engalweni bathi 'Owu, torho'," ukhumbula atsho uKatlego.
"Ndandiqala ukubona ukuba abantu bambona kanjani umlinganiswa endimdlala kwiTV xa engaphandle kwestudiyo. Kwakufuneka ndizikhuphe iingqondo zabantu kuloo nto.
"Ngoko wathi uKeketso akubanjwa avalelwe waza wakhutshwa kwiBackstage, ndaya kudlala komny' umdlalo. Oko kwandinika ithuba lokuba ndibonise ukuba ndiyakwazi ukudlal' omny' umlinganiswa."
Ukudlal' ithutyana kwi-7de Laan ekuSABC 2 kwabonis' ukuba uKatlego uyathandwa ngenene. Emva koko wabuyela kwiBackstage sele enguKeketso ongumfundi ophilileyo.
Ababukeli balo mdlalo baza kubon' izinto ezintsha eziza kwenzeka eVulindela.
Omnye umhlobo wakhe uza kugetyengwa, kuza kufika abadlali abatsha abanomtsalane - kuyo yonke loo nto uKatlego useza kubalasela ngokwenza ababukeli basoloko bejonge ngabomvu isiqendu salo mdlalo esilandelayo.
"Eli linqanaba lesibini lebali likaKeketso yaye libonis' ukuba uyakhula. Ngoku uzithembe ngaphezu kwakuqala kwaye akoyiki mntu," utsho uKatlego.
"Ukuba ngumlinganiswa wemidlalo yeTV akungomsebenzi ozinzileyo; ndineminyak' emine ngoku ndidlala kwiBackstage, kodwa kuxa ndiwubona umsebenzi wam ukhuselekile ukuba ndingatheng' umzi."
UKatlego uhamba ngemoto encinane yaye akakuthandi ukuthenga ukutya esekuphekiwe, ngoko uyaziphekela ekhaya.
"Ndiya kumatheko amajelo eendaba kuba kuyinxalenye yomsebenzi wam, kodwa ndiyakuthand' ukukhawuleza ndilale kunye nencwadi endiyifundayo.
"Phakathi neveki ndiphangela ngo-6.30 kusasa ndize ndifote iziqendu zomdlalo iiyure ezili-12.
"Ndingathanda ukufuman' indoda endifaneleyo endingatshata nayo, kodwa ukuphangela kwiTV kwenza kubenzima ukudibana nayo.
"Ukuza kuthi ga ngoku babini abafana endikhe ndancuma nabo - owokuqala ndandiseKapa ndifund' eyunivesithi, ukanti owesibini kungoku sendidlala kwiBackstage.
"Uthando lwethu lwalungantsokothanga nomfana wokuqala. Nokuba ungadlala iindawo zothando ezininzi emdlalweni weTV, alufani nakubomi bokwenene. Qho xa ndidibana nomfana, ndisoloko ndizibuza ukuba ngaba ubona mna na nokuba ubona uKeketso," utshilo. [x]
Andifuni ndoda ukuze ndibe libhinqa elipheleleyo
BONA XHOSA - November 2005
BONA XHOSA - November 2005
EKHOHLO: "Umama uya kuvuya kukundibona ndingowasetyhini wenene. Usoloko ekhalaza ngokuba ndingathi ndiyindoda," utshilo ehleka uKatlego. (Itophu: Stuttafords; isacholo somqala namacici: Attitude)
KUDE EKHOHLO: "Ndiyazithand' iinwele ezolulekileyo. Ndiseneenwele eziphothekileyo ndandingaboni stayile simbi esingandifanela, kodwa ngoku akusenjalo!" utsho uKatlego. (Itophu, ijini nesacholo somqala: Woolworths; izihlangu: Europa Art)
