xhosa.1994.headaches
Xa intloko ingathi IZOGQABHUKA
SONKE sibanazo iintloko ezibuhlungu kakhulu, kodwa sinako ukuzithomalalisa okanye ukuzithintela xa sicinga yaye sicwangcisa. Zimbini iindidi zeentloko ezibuhlungu, ebuhlungu ngokungephi nekuhlasela ngamandla. Intloko ebuhlungu ngokungephi yeyona ixhaphakileyo kwaye iquka...
INTLOKO EBUHLUNGU AMAXESHA NGAMAXESHA
Le yintloko ebuhlungu kakhulu ngamaxesha ngamaxesha kwaye ihambisana neziny' iimpawu ezinjengokuba nesicaphu-caphu nokungaboni kakuhle.
Ngokutsho kweHeadache Clinic, ubuhlungu busuka emithanjeni ehambis' igazi ebuchotsheni nasentlonzeni yentloko, umqala nemihlathi. Xa izihlunu zezi ndawo ziqina, imithambo " ibabuhlungu."
Olu hlobo lwentloko ungaluthintela ngokunyanga ukuqina kwezihlunu okwenza imithambo ibebuhlungu.
Ukuyinyanga: Iipilisi ezithomalalisa iingqaqambo zinganceda ezinjenge-Ibuprofen neVoltaren, ngoko linga zona kuqala. Xa zingakuncedi, gqithela kwezifumaneka ngomyalelo kagqirha ekuthiwa yitriptan. Zintlanu iindidi zetriptan ezifumaneka kweli. Xa ukhawuleze wazisebenzisa ziya kukunceda. Xa kungekho mtyhi yiya kwagqirha.
INTLOKO YOXINZELELO
Le intloko iqala ngasemva ukuba buhlungu yaye xa ikuphethe kubangathi kukho ibhanti obotshwe waqiniswa ngayo entloko. Le ke ibangelwa luxinzelelo nenkxalabo emandla.
Ukutya itshokholethi neemveliso zobisi kungakwenza ube nale ntloko, ukanti uphando lubonisa ukuba iphatha abantu abathanda ukusel' izinto ezinecaffeine njengekofu, ize ibaphathe xa bengayiselanga.
Unyango: Iipilisi ezithomalalis' iintlungu njenge-aspirin, iParacetamol okanye i-Ibuprofen iya kuyinyanga xa ingakuphathanga kakhulu. Kodwa xa ikuhlasela kabini ngeveki ithuba elingaphezulu kweentsuku ezimbini, kufuneka ufumane amayeza okuyithintela.
INTLOKO EKUTHI NKQE
Le yintloko ekuthi nkqe okwexeshana izihlandlo eziliqela ngemini kwaye ikuhlasele iinyanga eziliqela iphinde ithi shwaka. Le intloko ayixhaphakanga njengezinye kwaye ingasuswa luhlobo oluthile lokutya. Le ntloko ihlasela amadoda ikakhulu kunamabhinqa.
Unyango: Ngokutsho kweHealth24.com le ntloko iyaphela xa ikhawuleze yanyangwa. Iyayithomalalisa i-ergotamine tartrate, ukanti ungayisebenzisa netriptan.
INTLOKO YESAYINASI
Ngokutsho kweHeadache Clinic izinto ezingevaniyo nawe ezibangela "iingxaki zesayinasi" azidli ngakubangela olu hlobo lwentloko ebuhlungu. Oko ke kwenza amayeza ozithengela ngokwakho angancedi nganto.
Unyango: Ngokutsho kweHeadache Clinic kubalulekile ukufumana ukuba unentloko ngenxa yesayinasi na ngaphambi kokuba usebenzise unyango. Oko kungaxilongwa ngugqirha oyingcali yendlebe, impumlo nomqala. Unyango lwayo ke luquka ukunyangwa kosulelo lwesayinasi, ukuvula iimpumlo nokuthomalalisa iintlungu.
Unyango lwale ngxaki ludla ngokuhamba nonyango lwentsholongwane yesayinasi.
INTLOKO EYENZIWA KUKUDINWA KWAMEHLO
Le ntloko ibangelwa bubuhlungu bezihlunu ezilawula ukuhamba kwamehlo nemithambo ezizisela igazi.
Unyango: Ayibangelwa kukungaboni kakuhle. Kufuneka uxilongwe owona nobangela uze unyangwe.
UTHINTELO
Yiba nencwadana obhala kuyo iindidi zentloko ebuhlungu ukuze ikuncede ekuqondeni uhlobo lwentloko ekuphetheni wazi nokuba ibangelwa yintoni. Kuyo ungabhala uhlobo lwentloko ekuphetheyo nokuba iqale ngeliphi ixesha, ubutye ntoni, ubulele kanjani nezinto obuzenza ukuze ubenentloko.
Bhala nokuba ikuphathe ixesha elingakanani nokuba uyinyange ngantoni. Oko kuya kukunceda uyazi intloko ekuphetheyo nokuba ungayithintela njani.
Ubomi obusempilweni busoloko bunceda.
Xa ibangelwa luxinzelelo, funda ukumelana nayo ngonyango okanye umthambo wentamo. [x]
BONA XHOSA June 2008
INQAKU LEMPILO
Wonk'umntu ubanayo intloko ebuhlungu ngamaxesha athile, ukanti abanye ibahlasela ngaphezu kwabanye. Nantsi indlela yokumelana nobuhlungu bayo... Kubhale uThandi Zulu
INTLOKO EBUHLUNGU KAKHULU
Zikho iintloko eziba buhlungu kakhulu nezidla ngokuba ziimpawu zezifo ezibulalayo ezinjengebrain aneurysms (ukuceketheka kodonga komthambo wegazi ubengathi uza kugqabhuka wophele ebuchotsheni), amathumba asebuchotsheni, istrowukhu nosuleleko lobuchopho olunjengemeningitis okanye i-encephalitis.
Ngoko intloko ekuhlasela ngamandla ngequbuliso nehambisana nefiva, ukuxhuzula, ukubhideka nokushiywa ziingondo zifuna unyango olukhawulezileyo.
Ezinye ezifun' unyango olugxamisekileyo kuxa zihamba nokutshintsha emzimbeni njengokungathi uzakufa icala, ukungaboni kakuhle, ukungakwazi ukuthetha okanye ukuma nokulibala. Intloko ebuyelelayo emntwaneni nakumntu ongaphezulu kwama-50 eminyaka ifuna unyango olugxamisekileyo.
NGEZINY' IINKCUKACHA:
Headache Clinic: 011-484-0933 TNS Clinic: 031-904-1613
BONA XHOSA June 2008
