xhosa.1991.protect
GREAT STOCK!
BONA - August 2005
XA ungenamali mhlawumbi uphelelwe ngumsebenzi uzama iindlela zokunciphis' inkcitho - kodwa kufuneka ujonge izinto ezibalulekileyo zethutyana nezexesha elide ukuze ungabinangxaki yemali ngoku nakwixa elizayo.
Umzekelo, abantu abaninzi bayakhawuleza ukuyeka ukuhlawul' imirhumo yeepolisi zabo zotyalo-mali. Loo nto iyenza maxongo imeko yakho yezemali endaweni yokukongela imali.
Awukwazi ukubona izinto eziza kwenzeka ebomini bakho ngomso nokuba ungaceba ngononophelo olungakanani na, ngokutsho kukaJanine Greeff, oyimanejala yonxibelelwano kwiMetropolitan Retail.
Xa uhlangabezana nengxaki thetha nabantu abaluncedo abaza kukunceda ukhusele imali yakho oyityalileyo ukuze ungalahlekelwa kakhulu yimali.
"Ukungahlawuli umrhumo omnye kuluchaphazela kakubi utyalo-mali lwakho," ulumkise ngelo uGreeff.
Nazi iingxaki ezingavela:
t Makhulu amathuba okuba iphelelwe ipolisi yakho.
t Xa uyeka ipolisi lingekafiki ixesha layo ungahlawuliswa uze ufumane imali encinane kunaleyo ubuyilindele.
t Xa ixabiso lemali liphantsi libe lingekafiki nexesha lepolisi yakho ufumana imali encinci nangakumbi yaye neepolisi ezinemali eqinisekisiweyo ebuyiselwayo ziyalahlekelwa yiloo mbuyiselo xa ingasahlawulwa imirhumo.
Ukungahlawuli imirhumo yakho akuthethi kuthi ipolisi ivaliwe kuba ungakwazi ukuphinda uyihlawule xa ivuma imigwaqo yepolisi yakho.
Kungani ubeka ikamva lakho lemali esichengeni zibe zikho eziny' iindlela ongazisebenzisa ngaphandle kokuyiyeka ipolisi yakho"
UGreeff uthi abathengi abasengxakini yezezimali kufuneka bacinge iindlela abangazisebenzisa okanye bathethe nabacebisi bezezimali kungenjalo baqhagamshelane neMetropolitan Life Contact Centre ukuze bafumane uncedo.
"Kubalulekile ukuzinik' ixesha usenz' isigqibo ngeepolisi zakho onazo njengamhla wawuzithatha. Xa usenz' izinto ngongxamo aziphumeleli," utshilo.[x]
NGOLWAZI OLUZELEYO: Tsalela iMetropolitan Life Contact Centre ku-0860-724-724.
Inqaku lentengiso elixhasiweyo
Indlela ongazikhusela ngayo iipolisi zakho ngamaxesha kaxakeka
Ncuma noxa kunzima
BONA XHOSA - July 2007
Hlangula ipolisi yakho!
UJanine Greeff weMetropolitan Retail ucebise ngelithi xa usengxakini yemali ungalukhusela utyalo-mali lwakho okanye ulusebenzise ukuze lukuncede .
Yihlawule uyigqibe:
Ukuyihlawula uyigqibe ipolisi kuxela ukuba uzihlawule zonke izavenge ebezifuneka ukhusela imali yakho oyityalileyo.
Thethana ngomrhumo wakho:
Xa ipolisi yakho inobungozi notyalo-mali ungakwazi ukuhlawula imirhumo ephantsi - buza kumcebisi wakho wemali ukuze ucacelwe.
Xa ufuna imali:
UGreeff uthi ungayiboleka imali kwipolisi yomnikelo (endowment). Ungayithengisa ipolisi yomnikelo. Xa ufuna imali ngokukhawuleza le ndlela iyakunceda uyifumane imali.
Nokuba uyixakekele kangakanani na imali kufuneka uboleke imali ethile kwipolisi yakho ungayivali ukuze ukwazi ukuqhubeka nokuhlawula imirhumo kutyalo-mali lwakho.
