xhosa.1987.arv
Uzithengela
isigwebo sentambo
UZINHLE Mahlaba akazange akholwe xa edibana nebhinqa angalaziyo lathi kuye: "Ndiyazi sisi wam uyazifuna ezi pilisi." Latsho lincumile laza lasondela kuZinhle lamwola.
"Ndaziva ndonwabile ngaphakathi. Kaloku ndandineenyanga ezine ndifakwe kuluhlu lwabantu abalindele iipilisi ezithomalalisa ulwamvila lukagawulayo (iiARV), suka kwathi gqi lo sisi wayendinika uncedo olukhawulezayo lokuzithenga," utsho uZinhle. Ukuthenga ezi pilisi emntwini kufana nokutheng' impahla ebiweyo kwaye oko kukwenza ube nesandla kulwaphulo-mthetho - ukanti kuthiwa zithengwa ngabantu abaneHIV/AIDS eMpuma Koloni naseMpumalanga.
Babeka ubomi babo esichengeni ngokuzithenga ngemali efikelela kwi-R200 benethemba lokuba ziza kubanceda.
Kaloku xa uzithenga ngondlela-mnyama uthenga ezo zikhoyo ngelo xesha xa unemali, ukanti iiARV ezisemthethweni uzinikwa simahla kwaye uyaqeqeshwa ukuba uzisebenzise ngendlela ethile elungele wena.
Kutheni ulindiswa nje"
"Ndakhe ndacinga okomzuzwana ukuba ndingumama ofanele akhulise unyana oneminyaka emihlanu nentombi eneminyak' emithathu," utshilo uZinhle waseMpumalanga.
"Umsakwethu ungumongikazi eJozi kwaye uyazama ukundikhuthaza. Kodwa ndandizibuza ukuba ndiya kuze ndizifumane ndisaphila na ezo pilisi xa ndisiva ukuba bangama-35 000 abantu abakuluhlu olulinde iiARV.
"Ndiyazi ukuba bakho abantu abaphelelwe ngumonde njengam. Ndeva nasezindabeni ukuba kukho abantu abasuka lee eGraaff-Reinet baye eBhayi bafike baqeshe ematyotyombeni kuba befuna ukufakwa kuluhlu lweeARV khona. Uphinde uve uSekela-Mphathiswa wezeMpilo esithi kukunyhashwa kwamalungelo ethu oluntu ukungazifumani iiARV - uze uzibuze ukuba wenza ntoni ukulungisa loo nto."
Nangona kunjalo zimbini izinto ezenza uZinhle waqhubeka nokulinda.
"Xa ndingaya eNelspruit ukuze ndikhawuleze ndizifumane iiARV bekuza kundenza ndishiye abantwana bam bodwa," utsho.
Eny' into eyamenza walinda sisilumkiso asinikwa ngumsakwabo.
"Abantu bebemcela ukuba anyuse amagama abo eluhlwini lokulinda okanye abathengisele iipilisi. Wala ukwenza oko kuba esithi kukho abantu abaziyo abaswelekayo ababetheng' iiARV ngondlela-mnyama. Uthi abo bantu babulawa kukungazisebenzisi ngendlela iipilisi, ababulawanga kukuba zingasebenzi."
Oko kungqinwe nanguVuyiseka Dubula weTreatment Action Campaign.
"Kufuneka ukuqeqeshelwe ukusebenzisa iiARV. Kaloku zona azifani neepilisi ozisebenzisa nje okwethutyana, uzisebenzisa ubomi bakho bonke. Olo qeqesho ke aluthabathi iyure okanye imini enye.
"Uya kaninzi kwiziko lempilo elikuqeqeshayo isithuba seeveki ezintathu okanye ezine.
"Ufundiswa ngoncedo neengozi zazo, indlela yokubona ukuba umzimba wakho uzamkela njani, nokuba ufanele ulufune nini uncedo. Umntu okuthengisela zona ke ngondlela-mnyama akanalo ixesha lokukufundisa ezo zinto zibalulekileyo."
Iipilisi ezinyangayo
"Xa ukwinkqubo esemthethweni yokusebenzisa iiARV uba yinxalenye yeqela elinika inkxaso kwaye uyazi ukuba ufanele uqhagamshelane nabani xa unengxaki. Kungaba yintloko engaqhelekanga ebuhlungu, isisu esihambisayo esingapheliyo, okanye nayiphi na ingulo," utsho uDubula.
"Umntu okuthengisele iipilisi ke umfumanaphi xa unengxaki".
"Xa uyolanda ezinye eklinikhi, uyaxilongwa ukuze kubonwe ukuba ziyakunceda na, ukuze xa zingakuncedi zitshintshwe.
"Umntu ke ofun' ukwenz' imali akazenzi ezo zinto kwaye kubalulekile ukwazi ukuba iiARV ozisebenzisayo ziyakusebenzela na okanye azikusebenzeli."
"Amajoni omzimba ayayeka ukusebenza xa abantu beneCD4 ephantsi egazini labo," utsho uGqr. Gillian Tarr weAIDS Care, Training & Support Community Clinic eWhite River okhathazekileyo ngokuthengiswa nokuthengwa kweeARV.
"Ukuqalisa ukusebenzisa iiARV kuvuselela amajoni omzimba kugxothe nezifo ezisemzimbeni wakho njengeTB negcushuwa. Yiloo nto kubalulekile ukuba abantu abazisebenzisayo basoloko bephantsi kweliso kuba ezo zifo zifanele zinyangwe ngokukhawuleza," utsho uGqr. Tarr.
"Xa uzisebenzisa ngendlela iiARV ozinikiweyo ziyenza iHIV/AIDS ibe sisifo esilawulekayo njengesifo seswekile."
UVuyiseka uyibethelele into yokuba "iiARV ezisetyenziswa ngomnye umntu azisebenzi komnye". Imeko yomntu ngamnye kufuneka iqwalaselwe ngunompilo kuba ubukhulu bomzimba wakhe buya kuchaza ukuba iipilisi aziselayo azininzanga na zize zimbangele ezinye iingxaki.
Iipilisi ezibulalayo
Kukho uloyiko lokuba kuza kugqibela kukho iHIV engeva yeza njengeTB.
"Yiloo nto kufuneka ungaphosi nolunye usuku ungazisebenzisi iiARV kuba uziva ungamnandanga okanye kuba unesicaphu-caphu," utsho uVuyiseka.
Ukwathe ukuphelelwa zezi pilisi abe engekho umntu ozithenga kuye okanye kuba ungenamali yokuzithenga kuba neziphumo ezifanayo ezibi.
"Xa uvumela le ntsholongwane ingeva yeza, iipilisi azisebenzi - uze usweleke" utsho.
Oko ke kuya kuthetha ukuba uthe uyazinceda ngokuzithengel' iipilisi kanti uzibizel' ukufa, uze ubengomnye wezigidi ezibini eMzantsi Afrika ezibulewe ngugawulayo.
Ingxaki yoMzantsi Afrika kukuba okwangoku kukho iindidi ezimbini zeeARV ezikhetha kuzo iiklinikhi xa zizinika abantu. Kukho ezibizwa ngoLine 1 nezibizwa ngoLine 2 ozinikwa xa kubonakala ngathi le ntsholongwane ayiva yeza kuwe.
"Sisalwa nokuba kubekho uLine 3. Yiloo nto sizama ukugcina abantu kuLine 1 ixesha elide kangangoko sinako," utsho uVuyiseka.
Le ngxaki ifun' intsebenziswano yomntu wonke - mazingathengwa iiARV ngondlela-mnyama, abazinikwe eklinikhi mabazisebenzise ngendlela. [x]
Igama likaZinhle litshintshiwe kweli bali. Usandul' ukuqala ukusebenzisa iiARV ngokusemthethweni emva kokulind' iinyanga ezintlanu.
BONA XHOSA - July 2007
Likho ixesha lokuzala iiARV
Iipilisi ezithomalalisa ulwamvila lukagawulayo (iiARV) zenza abantu abanesi sifo baphile ixesha elide, kodwa ungazithengi ebantwini kuba zingakubulala njengeziyobisi eziyingozi
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
iifoto zezeGREAT STOCK!
ofotiweyo uyabonisa nje
Xa bekunokuthiwa khetha phakathi kokuzilinda iiARV okanye ukuzithenga ngondlela-mnyama, ubungakhetha ntoni"
BONA XHOSA - July 2007
u
Kukho abazitshayayo
Ngaphaya kweengxelo zokubiwa kweeARV ezibhedlele zikarhulumente zithengiselwe abantu, ngoku kuvakala namanyala okuba ziyaphangwa zizihange zizitshaye!
"Kuthiwa izihange zive ukuba ezinye zezinto ezibangelwa zezi pilisi kukuba ziyakuqhunywa yaye ube namaphupha amabi," utsho uPhillip Mokoena, ongumnxulumanisi weTAC eKZN nophanda ngezi zityholo kweli phondo.
"Xa abantu bengakwazi ukusebenzisa iyeza ngendlela yabo, bayakwenza oko. Kodwa bafanele bakhumbule ukuba babeka ubomi babo esichengeni kuba la machiza anokungabasebenzeli xa sekufuneka bawasebenzise," utsho uGqr. Gillian Tarr weACTS Clinic.
"Ngubani owaziyo ukuba aya kubanxilisa bona" Kaloku akenzi into efanayo kumntu wonke.
"Ngaphezulu ezi zihange zibevisa iintlungu abantu abagulayo kwaye ziphazamisa nonyango lwabo. Zinto ezo zingaxolelekiyo."
t
BONA XHOSA - July 2007
Ukusebenzisa iiARV ungafundiswanga ngazo kwenza iHIV ingeva yeza
Ukulwa nabathengisi beepilisi
"Ukuba iiARV uzithengise kunxamnye nomthetho nobuntu," utsho uAdila Hassim oyintloko yecandelo lomthetho leAIDS Law Project eseJohannesburg.
Uthi kukunqongophala kwezi pilisi okwenza abantu abanyolukileyo bazithengise. Ukukhutshwa kweeARV kwaqala ngesantya solovane ngo-2004 kwaye uthi nesicwangciso se-2007-2011 Plan asibonakali siza kunceda. Kuza kufuneka senziwe sisebenze ukuze sincede abantu abaneAIDS kweli - inani labantu abalinde la machiza linyuke ngokuphindwe kabini laya kutsho kuma-70 000 ukususela ngo-2000 kwaye kulindeleke ukuba linyuke ngokuphindwe kabini ngo-2010.
"Ukwandisa amaziko empilo akhupha iiARV lelona cebo liya kunqanda ukubiwa kwazo. Kululwaphulo-mthetho ukuziba nakubeni abazibayo besithi banceda abantu," utsho uAdila.
"Xa utheng' amayeza emntwini ongakuqeqeshelwanga ukukhupha amayeza abe engakubeki phantsi kwengqwalasela nendlela owasebenzisa ngayo, oko kubeka esichengeni impilo yakho neyabany' abantu. Oko kungayenza intsholongwane ingeva yeza ize ibe yingozi nangakumbi.
"Xa kukho unompilo okuthengisela iiARV, mxele eklinikhi okanye kwisibhedlele axelenga kuso. Xa uzithengiselwa ngumntu ongamaziyo, mxele emapoliseni. Masingakuvumeli oku kuqhubeke kuba kuyingozi kuluntu nakwilizwe ngokubanzi."
' Xa unemibuzo ngeeARV, qhagamshelana nabakwa:
lNational AIDS Helpline, inkonzo yasimahla ekunceda ngeelwimi ezininzi: 0800-012-322
lTreatment Action Campaign iza kukunika inombolo yesebe leTAC elikufuphi nawe: 021-788-3507
