xhosa.1980.letters
SIBHALELE IIMBONO ZAKHO
Iileta Eziya KuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060
fax: 031-912-2720 e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Ungalisebenzisa igama elingelilo elokwenyani, kodwa sicela usinike negama lakho lokwenene nedilesi. Izimvo ezikweli khasi zezabafundi, ayizozethu kwaye lilungelo lethu ukuzihlela iileta esizikhuphayo.
Zenzele ngokwakho
Amazwi enkuthazo koomama abangatshatanga abazikhulisela abantwana
N NDINEMINYAKA engama-24 kwaye ndingumama ongatshatanga, ndihlala nomakhulu, oodadewethu ababini nonyana wam oneminyaka emithathu. Ndandimthanda uyise wonyana wam endithembisa izulu nomhlaba, kanti akathethi loo nto.
Ndathi ndakumxelela ukuba ndikhulelwe waphel' emehlweni. Ndandingafanelanga ukothuka, kodwa yophuka intliziyo yam.
Ndandiziva ndilahlekile ndindedwa. Kodwa ndajonga usana lwam oluhle ndaqonda ukuba ndisikelelekile.
Ngaphandle kwezinto ezimbi ezenzekileyo phakathi kwam noyise womntwana, uThixo ubendikhokela.
Ngoku ndinamandla kwakhona, ndiyakwazi ukuzimela. Ndim kuphela osebenzayo ekhaya, kodwa siyakwazi ukuphila.
Ngoku ndifuna ukuthi kuwo onke amabhinqa angoomama abangatshatanga abanokuba bakhathazekile - akukokuphela kobomi.
Enyanisweni, eli lixesha lokuba ukhule uphucule nobomi bakho.
Zifunele umsebenzi uphakamisa igama lawo onke amabhinqa!
Wathint' abafazi, wathint' imbokodo.
nguNT Kwebu, eVilliers
Iinkonzo zikarhulumente
Ndinexhala ngeentetho zabantu abathi urhulumente akazizisi iinkonzo ebantwini. Namhlanje sibona iindawo ezazingenawo umbane namanzi zisonwabela ezi nkonzo.
Urhulumente akanako ukunika bonke abantu iinkonzo ngaxeshanye, ngoko abo bangekazifumani mabangakhalazi. Endaweni yoko, mababe nomonde!
Kananjalo nabantu mabangasong' izandla balindele uncedo oluvela kurhulumente. Mabaqale iiprojekthi eziza kuphuhlisa ubomi babo.
Singawoyisa amaxabiso okutya axhomileyo ngokuqala iigadi zasekuhlaleni apho siza kulima imifuno.
Ndiqinisekile norhulumente angakuvuyela ukunceda abantu abazizamelayo nabo.
nguNosizwe Bhontshi, eMaclear
Layaphi iqhayiya!
Ingaba layaphi iqhayiya, ukuzixabisa nokuthanda umsebenzi? Masibambisane siyisombulule sisonke ingxaki endaweni yokukhombana esweni sitsalela phantsi abazamayo nabo betsala nzima phofu bezakhela ubomi obubhetele!
nguSM, eThekwini
Umbhali weleta egqwesileyo kule nyanga uza kuzuza iMotorola W230 enomculo nexabisa i-R700!
IILETA
Yiba MotoSharp-Sharp ngentsha iMotorola W230 enomculo nenezinto ezininzi ezikunika umculo. Ungashicilela umculo ngqo kwiFM radio engaphakathi kuyo okanye uphulaphule iingoma ezikwi-1GB MP3 player egcin' iingoma eziyi-300.
u
Cinga okuhle
IBONA ithi...
NGUNYAKA omtsha kwaye eli lixesha lokwenza izigqibo ezitsha. Uyazazi ke ezo "zithembiso" esizenzayo sakugqiba sizophule - kungaphelanga neeyure ezitheni sifungile. Phofu ke singabantu. Kodwa mhlawumbi isigqibo esingakwazi ukunamathela kuso sonke kukucinga okuhle - indlela esizibona ngayo thina nendlela esibona ilizwe ngayo.
Eneneni, okufanele sikwenze kukuqala ngathi kuba ukuba sizithiyile thina ilizwe liza kubonakala lidangele ngenene.
Nazi izinto ezisixhenxe ongazixelela zona xa kufika amaxesha obunzima kwezi nyanga zizayo...
Ndingaziphuncula kwimeko yayizolo. Xola. Ukubamelela kumanxeba ayizolo kuza kukuvusela iintlungu ngakumbi!
Ndifanelwe kokuhle. Musa ukuzigweba - okanye utyhole abanye. Ukuveza isakhono sakho kungafuna usebenze nzima, kodwa unakho ukuzenzela ubomi obunempumelelo nothando.
Yonke ingxaki iveza ithuba. Yonke ingxaki inesisombululo kwaye ikwalithuba lokufunda ukhule womelele.
Andizukubanjwa luloyiko neembophelelo zabanye. Suka ebantwini abacinga okubi. Bafuna ukukubona ungaphumeleli. Musa ukulawulwa yintandabuzo. Babonise ukuba unako.
Mandingatyholi mntu. Awusenakujika nto. Ukukhangela umntu oza kumtyhola akuzukunceda. Zikhumbuze ukuba wonke umntu wenza kangangoko anako.
Ndivuna endikulimileyo. Xa usoloko ugxeka, abantu bakubanjalo nakuwe. Yiba nothando novelwano, uya kufumana oko nawe.
Okokugqibela amaxesha amaninzi "abuhlungu" enziwa ziingcinga ezimbi. Njengokucinga ukuba umntu ukuphoxile abe engenzanga kwanto.
Isisombululo kukuqwalasela iingcinga zethu sikhumbule ukuba mkhulu umahlupho phakathi kwendlela izinto eziyiyo nendlela esicinga ukuba ziyiyo thina!
Amaqhawe alityelweyo
Izitrato zeli loMzantsi Afrika zithiywa ngabantu bezopolitiko ikakhulu. Kodwa kuthiwani "ngamaqhawe alityelweyo"? Kuthiwani ngabantu abasebenza bethe cwaka betshintsha izinto.
Khona, kunyanzelekile ukuba kuthiywe ngabantu abangasekhoyo kuphela? Kuthiwani ngamadoda namabhinqa onga iziguli, ancede abolupheleyo, nabaxhaphazwayo ngalo mzuzu sithethayo?
Abaninzi babo ngamavolontiya afuna ukunceda nokwenza umehluko ngaphandle kokufuna intlawulo.
nguLM, eTembisa
Kumabhinqa eli
Oodade, oomama, oomakhulu nawo onke amabhinqa kufuneka aziphathe kakuhle. Sibalulekile kwaye sibahle. Sithi esongamele ilizwe, kodwa kufuneka siqale ngokuthandana.
Ngolu hlobo amadoda aya kufunda kuthi, abone indlela esifuna ukuphathwa ngayo. Endaweni yokukhangela ibala elibi kwelinye ibhinqa, khangela okuhle uze usebenzise kona. Funda kulo ube neqhayiya ngalo kuba kulibhinqa laseMzantsi Afrika. Ngokwenza njalo uvala ikroba lokuba amadoda afumane ithuba lokuxhaphaza amakhosikazi, andithethi ke ngokungawahloniphi.
nguTsidi Nchabeleng,
e-mail
Ukulinda inqwelo yeziguli
Ndingumhlali waseKroonstad kwaye ndinengxaki yindlela iinqwelo zeziguli ezisebenza ngayo. Ulinda iiyure ezintathu phambi kokuba ifike. Ndicela eli sebe liphucule indlela elisebenza ngayo.
nguSandile Khompela,
eKroonstad
Ezi zinto azihlali unaphakade
Ubuhlungu, nonxunguphalo... izinto ezininzi ezimbi ziyenzeka ebomini. Singangcatshwa ngabahlobo bethu, silahlekelwa zizihlobo, sizifumane singenamisebenzi - singabala kuse phandle.
Sonke siyafikelwa ngaloo maxesha anzima. Apho kuvakala ngathi uzele ziintlungu zodwa. Ixesha apho umthwalo usongamela. Sicinge nangokuzibulala.
Kodwa kufuneka sikhumbule ukuba ukufa kokwanaphakade, kanti iingxaki zethu zezexeshana.
Iintlungu zezethutyana. Ukuba siyakwamkela oku siyakuba nesibindi sokujongana neengxaki zethu - sizisombulule!
Xa ugubungelwe bubumnyama ngenxa yentlungu zixelele ukuba nayo iyedlula!
ngu-Aaron Tlou,
eTweefontein
Impilo yethu isengozini
Iivenkile zokutya ezininzi zibhaka isonka namabhanisi aye ashiywe ezibhaskithini ezivulekileyo.
Ayibobungozi obo kwimpilo yethu? Cinga ukuba bangaphi abantu abafika baphathe bacofe ezi zonka, besiva ubudala baso. Sithini ngaba abangazihlambiyo izandla xa besuka endlwini yangasese?
Ndithi makubekho imizamo eyenziwayo ukuze ezi mveliso zibekwe ngendlela ekhuselekileyo empilweni.
nguLazarus Makgafela,
eTembisa
Mayipheliswe?
Ndithi ibheyile mayipheliswe, ingakumbi kwityala lokubulala. Ezi zikrelemnqa zophula umthetho kuba zinethemba lebheyile. Ezinye ziyibhatala ibheyile ngemali ebiweyo. Ndinesicelo kwabasemagunyeni ukuba ziyekise ibheyile.
nguThoto Bereng,
eBloemfontein
Yekani le nto!
Ndicaphukiswa yindlela abahlali ababaphatha ngayo abantu abane-HIV/AIDS. Oku kwenza esi sifo sibhubhisayo sihlasele ngamandla kutsho kwande iintlungu. Xa une-HIV akuthethi ukuba awungomntu. Ungaz' uyilibale loo nto!
nguNelson Khumalo,
eTembisa
Ayikho inyani
edlula le
Indoda engawahloniphiyo amalungelo ebhinqa asiyondoda yokwenene.
Ibhinqa elithi "Hayi" lithetha kanye oko. Akukho nto ingaphaya. Xa uzama ukulihlutha isidima salo uyakube
uzohlutha esakho. nguAndrew Noge,
e-Alexandra North
Ngokuya umazi uya ngokumthanda
Izithandani ezininzi ziqala ngothando oluvuthayo kuba zifuna ukubonakalisa uthando lwazo omnye komnye. Kuze kuthini ke ngoku?
Ziqale sihlalisane luye ngokuphela uthando. Zilwe endaweni yokuthandana. Ukuqala kokuthandana kwahlukile - eyona nto ibalulekileyo yindlela eniphathana ngayo ngokuya iminyaka ihamba!
nguMatome Kubu,
eMenlo Park
Masibambisane
Singabemi beli, kufanele sibambisane ukutshintsha eli lizwe. Kuthatha ixesha elincinane ukulungisa izinto kunokukhalazela okungahambanga kakuhle.
Ukuba singatshintsha indlela esicinga ngayo singayitshintsha nendlela esenza ngayo - senze okuhle. Masifune izisombululo, singasoloko sikhalaza.
nguCS, eJouberton [x]
Kuthiwani ngabantwana?
Ndinexhala ngendlela abantwana abalahleka ngayo kweli xesha lethu. Sekusisiqhelo ukubona abantwana abancinci abaneminyaka emihlanu bezula-zula ezitratweni ebusuku. Abanye bahamba phandle kuba bethunywe ngabazali babo ezivenkileni.
Ngelixa thina sinamathele kwii-TV abantwana bethu bayalahleka kwaye/okanye bazifumane besengozini.
Abanye babulawelwa ukwenza amayeza. Siyeva sifunde ngezi zinto yonke imihla, kodwa akukho nto siyenzayo ukukhusela abantwana bethu. Asincedi nabantwana babanye abantu xa sibabona bebodwa.
Masisukume sincede abantwana!
nguThabo Moja,
ePimville
