xhosa.1979.parenting
AMANDL' OSAPHO
Unyaka wokuqala wosana lwakho
Ukusuka ngexa usana lwakho usiya nalo ekhaya de kube lusuku lwalo lokuqala lokuzalwa, ayamangalisa amanqanaba olidlula kuwo xa lukhula...
BONA XHOSA September 2008
BONKE ABANTWANA bakhula ngamaxesha ohlukeneyo, ngoko ke ungothuswa kukuba umntwana wakho engenzi into ethile "ngexesha elifanelekileyo." Amanye amanqanaba uza kufika kuwo ngokukhawuleza... kwamanye athabatha ixesha. Kodwa xa unexhala lokuba "uyashiyeka," mse eklinikhi aye kuhlolwa.
Gcina oku engqondweni, ujonge nasi isikhokelo somawukulindele emntwaneni kunyaka wokuqala...
KWIINYANGA EZINTATHU...
Usana lwakho belusoloko luhlala kwindawo emxinwa, esiswini sakho iinyanga ezilithoba, ngoko iiveki zokuqala "lungaphandle" luzichitha luhleli ngathi lusesesiswini, lulele, lusongelwe ngengubo.
Luza kuya ngokuya luseluleka usana lwakho lukhabakhabe, ngaxeshanye lusomeleza izihlunu.
Iyakuphela inyanga usana sele lukwazi ukuphakamisa intloko kancinci, imizuzwana xa lulele ngesisu. Izandla zalo ziza kuvuleka zivaleka, ziye ngasemlonyeni lufune nokubamba izinto ezinomtsalane.
Luza kube sele lusenza nengxolo - luthimla, luvungama, lutswina, lufutha lukhala, lusenza neengxolo ezinjengo-"aaah" "oooh."
Luza kuncuma xa lusiva ilizwi lakho, lujikise intloko lujonge ngakuwe. Luza kukhala xa lushiywe lodwa kwaye izikhalo zalo ziza kwahluka ngokwemfuno zalo. Luza kuqalisa ukuhleka - le yindlela oluthetha ngayo nawe.
Ukubona: Usana lwakho luza kuqwalasela ngakumbi ubuso. Lulandele izinto ezihambayo, lukwazi nokwehlula phakathi kobumnyama nokukhanya. Luza kuzibona izinto eziqhelekileyo nabantu elibaziyo xa bekumgama ongangama-30cm ukusuka kuye. Amehlo akhe aza kuqala ukusebenzisana nezandla.
PHAKATHI KWEYESINE NEYESIXHENXE ...
Umntwana ngoku uyakwazi ukubamba izinto, nokuzisusa kwesinye isandla azise kwesinye. Ufuna ukuhlola yonk' into... ngokuthi ayifake emlonyeni.
Uyasokola ukufumana izinto ezikude kunaye, kwaye uyaqalisa ngoku ukuqonda izinto ezilula "isenzo nesiphumo" - umzekelo, xa ekhaba ibhola iza kuqengqeleka iye kude.
Uyakwazi ukudlala ngokungxola kwaye, xa elele ngomqolo, uyakwazi ukubamba iinyawo zakhe neenzwane azizise emlonyeni wakhe.
Usana lwakho uza kuqala ukuqengqelekela emacaleni xa elele ngesisu. Ekuqaleni kungothusa emntwaneni nasebazalini, yiloo nto ke kungafunekanga umntu ashiye usana lodwa kwindawo ephakamileyo.
Ubunzima bentloko bubo obumqengqelekisa ayokuwa kwaye kwiinyanga ezimbalwa ezizayo oku kuqengqeleka kuza kuya ngokuphucuka... de akwazi ukugaqa.
Ngeli xesha umntwana wakho sele elazi igama lakhe uyakuva naxa usithi "Hayi!" Ilizwi lakhe sele likhulile ngoku uyakwazi ukubiza oonobumba, abanjengo- "d," "b" "no-m."
Uza kumane elivavanya "ilizwi" lakhe enze izandi ezahlukeneyo.
Nanini na ukusukela kwinyanga yesithandathu, uza kuvela izinyo lakhe lokuqala. Amazinyo angaphambili amabini asezantsi nasentla azakuvela kuqala. Oku kuza kumthukuthezela, akhale, mhlawumbi abe nazo neentsini ezibomvu, ezibuhlungu. Uza kubhibhidla afune ukuhlafuna kwanto.
Xa sele eneenyanga ezintandathu uza kube sele ekwazi ukuginya ukutya okuthambileyo. Xa zisixhenxe sele ekwazi ukuhlafuna kancinane.
Uza kube efunda ukuhlala, kodwa uza kufuna ukuxhaswa kuqala.
Ngoku umntwana wakho ukhula ngokukhawuleza uqalisa ukubonakalisa iimvakelelo ezininzi, njengokonwaba, ukuvuya, ukukhathazeka, umsindo, ukoyika nokumangaliseka.
Ukubona: Umntwana ngoku uyakwazi ukwehlula imibala eyohlukeneyo abon' izinto zikude. Akwazi nokulandela izinto ezihambayo ngamehlo akhe.
PHAKATHI KWEYE-8 NEYE-12...
Apha umntwana sele eyiqonda into "ephakathi" kunye "nengaphandle" kwaye uqalise ukudibanisa imifanekiso-ngqondweni namagama kunye nemifanekiso.
Kweli nqanaba umntwana uyayazi intsingiselo yamagama ngaphezu kokukwazi ukuwabiza. Uza kuzama ukubiza eziny' izandi ezinzima, kwaye uza kuwazi namagama aqhelekileyo afana "nodada'"kunye "nogogo."
Uza kuzama ukulinganisa amagama kwaye enze akuthunywayo okanye asebenzise iintetho ezilula xa ecela.
De kube ngoku umntwana wakho ubesebenzisa isandla sonke ukubamba - ngoku uza kuqala ukuphakamisa izinto ezincinci esebenzisa ubhontsi nocikicane.
Uza kuqalisa ukunyola izinto ngomnwe, abethekise athulule izinto zakhe zokudlala. Uza kuthanda ukubhabhayisa nokukhomba!
Xa elapha kwiinyanga ezilithoba umntwnana wakho uza konwabela ukutya ngezandla. Amaxesha amaninzi uza kukhotha alume... achithe! Afunde nokusela ngekomityi.
Ukusukela ngoku, uza kuziphakamela, ngokubambelela ezintweni, azulazule kakhulu kunakuqala.
Abanye abantwana bakwazi ukugaqa xa beneenyanga ezilithoba kwaye ngoku sezikwazi ukuzihlalela zingaxhaswanga. Abanye bakhetha "ukuzirhuqa," barhubuluze ngeempundu bezitsala ngemilenze.
Ukubona: Usana lwakho ngoku lukwazi ukubona izinto ezincincane (neemvuthuluka zesonka eziphantsi), kwaye luqonde umahluko phakathi "kwaphezulu," "naphansti."
Kunyaka wokuqala ingqondo yosana lwakho iza kuphindana kabini ukuze ibe sisiqingatha sengqondo yalo epheleleyo
BONA XHOSA September 2008
BONWABISE
ngaphandle kokuzikhuthuza!
OKWASIMAHLA!
Iimveliso zakwaJOHNSON'S® zabantwana zenziwe ngezithako ezivavanyiweyo ukuqinisekisa ukuba zinobukhali kwaye aziluphathi kakubi ulusu, ziyalukhusela kwaye zilushiya luthambile, lugudile lufumile.
Xa usebenzisa ezi mveliso emntwaneni wakho ungaqiniseka ukuba ziyalunonophela ulusu lwakhe olubuthathaka ngandlela zonke.
Ukuze ube sethubeni lokuzizuzela esakho isixa kwezili-16 zakwaJOHNSON'S® Baby ezixabisa i-R250 sisinye, thumela igama lakho, idilesi nenombolo yomnxeba yasemini ngeposkhadi kule dilesi: BONA/JOHNSON'S® Baby Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060, okanye iSMS ethi JOHNSONS ku-5919.
(Inye iSMS ixabisa i-R3.)
BONA XHOSA September 2008
Njengoko abazali besazi, abantwana abancinci ziziphithi-phithi ezifuna ukusoloko zilityaziswa ngento emabayenze. Kodwa kunzima ukubonwabisa xa ungenamali. Nantsi imidlalo, eyonwabisayo, elula kwaye engafuni mali ongayidlala wena nomntwana wakho...
Ukuvuthela amadlu: Abantwana abancinci bayakuthanda ukuvuthela ukuleqa, banqakule amandlu. Kufunek' isepha engamanzi, amanzi nendawo ephangaleleyo ukuze wonwabe nabantwana bakho.
Izitampu zeetapile: Sik' itapile phakathi uze uqingqe nokuba yintoni ngalo eza kuba lula. Umntwana wakho makalithi nkxu epeyintini, akugqiba alicinezele phezu kwephepha elicocekileyo. Umfanekiso lowo ningahombisa ngawo kungenjalo nenze ikhadi.
Ixesha lebali : Ukufunda yenye yeendlela ezilula zokonwabisa umntwana wakho. Ungamonwabisa ngakumbi ngokutshintsha amazwi xa ufunda de uwabaxe. Ndwendwela ithala leencwadi elikufutshane ukuze ufumane iincwadi ezintsha wandise ukucinga kwengqondo yomntwana wakho.
Fanisa: Khangel' iibhotile zeplastikhi ezingasenanto ekhitshini. Susa iziciko ukuze umntwana wakho azame ukufanisa ukuba sesiphi isiciko esihambelana neyiphi ibhotile.
Ibhokisi yeemfihlo: Thatha ibhokisi yethishu, ufake ezinye zezinto zokudlala zakhe ezincinci, itawuli yobuso, intyatyambo, njalo-njalo. Umntwana wakho makavale amehlo, afake isandla ave izinto. Ngokuya ekhula angazama ukuqashisa ukuba ubambe ntoni phambi kokuba ayikhuphe. (Zitshintshe izinto rhoqo.)
Ukwahlula iimpahla: Yenz' umsebenzi wasekhaya wonwabise. Mbonise ukohlula iimpahla ngokwemibala yazo njengomhlophe, umfundise namagama ohlukeneyo emibala. Emva koko myeke azifake emashinini wokuhlamba aze akuncede naxa uzikhupha.
Iintyatyambo: Umntwana wakho makagcwalise isitya seentyatyambo ngomhlaba, afake imbewu ayinkcenkceshele. Oku kuza kumfundisa inkathalo, kanti ke xa sel' imilile ukumangaliseka oza kukubona ebusweni bakhe sesona sipho sakho.
Inkampu: Phosa ingubo phezu kwezitulo ezine wenz' intente. Bek' imiqamelo kunye nezinto zokudlala azithandayo umyeke ahlale khona kusasa. Oku akumniki nje ulonwabo olunomahluko kodwa akuchith' ixesha, ukuyakha nokuyichitha.
Makujuxuzwe: Akukho nto ilula neyonwabisayo ngathi kukudanisa nomntwana wakho. Kodwa ngomculo onesingqi sokujuxuza umbukele xa ezophula. Uza kulinganisa wena, ngoko yithi "makaqhwabe izandla" okanye "amatshe." Ungamenza abe nomdla ngokumnika isikhenkxezisi aza kusikhalisa ngexa edanisa. Kuza kuba mnandi... kungxolwe!
Nandini Naidoo [x]
