Xhosa.1975.career
Indlela eyiyo YOKUSEBENZISANA
UKUBA umqeshi wakho ucinga ukuba awukwazi ukusebenzisana noogxa bakho, loo nto ithetha ukuba ukwacinga ukuba wena usoloko ukhalaza kwaye awuwazi nomsebenzi wakho! Ngoko ukuba ufuna ukuqhubela phambili emsebenzini wakho, lixesha lokuba ubonise inkampani yakho ukuba wena unentsebenziswano ngokwenza oku kulandelayo:
1 YIBA NENTSEBENZISWANO NOKUQONDA
Kufuneka ujonge iimfuno zabanye ngaphambi kwezakho, uncede xa unako.
2 PHUCULA INDLELA YOKUTHETHA NEYOKUPHULAPHULA
Mamelisisisa uhoye oogxa bakho! Oku kuza kubabonisa ukuba uzimisele ukunceda baze baqale ke ukukuthemba. Xa usenza ngolu hlobo ukhuthaza intembeko.Oko ke kukusebenzisana!
3 YIBA NGUMSOMBULULI
Umsebenzi ozisombululayo iingxaki, angasoloko ekhalaza ubonwa njengomntu owenzayo umsebenzi. Nanjengoko uJoel Osteen oyingcali kwezemisebenzi esithi: "Ungaze uze neengxaki kumqeshi wakho ngaphandle kokuza namacebo okuzisombulula."
4 UKUHLONIPHANA
Imacala mabini le nto: xa ufuna ukuhlonitshwa nawe bahloniphe abany' abantu. Zama ukuluphepha ukruthakruthwano phakathi kwamalungu eqela osebenza nalo, kwaye ungasondeli ebantwini abaziwa ngokuhleba.
5 UNGAGWEGWELEZI
Ukuba unengxaki nomnye woogxa bakho, yilungiseni ninobabini ungafaki umntu wesithathu. (Kodwa kukho umehluko xa utshutshiswa ngesondo okanye enye into embi.)
6 ZISHIYE EKHAYA IINGXAKI ZOSAPHO LWAKHO
Musa ukuza emsebenzini unomsindo. Akukho mntu uthanda umntu osoloko ekhalaza ngeengxaki zakhe.
7 BENZE BAKUKHUMBULE.
Yiba ngumsebenzi oxabisekileyo kangangokuba abantu bayakukhumbula xa usekhefini!
Umbhali: Thandi Zulu
E-OFISINI
EZOMSEBENZI
Qiniseka ukuba uya-khunju-lwa xa usekhe-
fini
IZINTO EZI-5 ONGAFANELANGA UZENZE
Ukubaleka umsebenzi uwushiyele abanye abantu.
Ukusoloko ucela ukwenzelwa izinto njengokujongelwa izinto ezithile kwi-Intanethi kodwa kungekho nto uyenzayo.
Ukuba sisiphazamiso, njengokusoloko uncokola emnxebeni.
Ukuxoka nokugada okwenziwa ngabanye wakugqiba uhambe uyokuthetha ngabo kumphathi.
Ukuhamba uyalela abantu ngomsebenzi wabo.
Ungaphumelela kwaye uhlonitshwe ngabany' abantu ukuba nje ungafunda ukukhuthaza abanye, usebenzisane nabo kwaye wabelane nabo ngolwazi onalo
YIBA
NGU-MPHATHI
Ibhinqa eli-phumeleleyo lisinika amacebo
Kwiminyaka eli-10 edlulileyo, u-Ayanda Mbanga wabona ithuba lokuvula ishishini - ngoku yena neqela lakhe bazuza iimbasa
LALINGEKHO elinye ibhinqa elingumdaka elalineshishini lokuqesha abasebenzi elisebenza ngeenkampani endaweni yabantu abakhangela umsebenzi - de u-Ayanda Mbanga wavula elakhe.
"Endaweni yokukhangelela abantu abafuna umsebenzi iinkampani eziza kubaqesha, sinceda iinkampani zizithengise ebantwini abaphezulu abakumgangatho wokuzikhethela iinkampani abafuna zibaqeshe," litshilo xa licacisa eli nenekazi linama-34 eminyaka, elinenkampani esandul' ukuwongwa iimbasa zoshishino ezi-6.
"Sasibane kuphela ukuqala kwethu, kodwa ndandikonwabela ukwenza yonke into - ukuya eposini, ndibhale iintengiso nokuthetha neenkampani ezisebenzisa iinkonzo zethu.
"Ngoku sinabasebenzi abangama-34 nee-ofisi eziseRhawutini, eKapa naseThekwini."
Iingcebiso zika-Ayanda:
Yiba nothando:
"Kufuneka uyithande into oyenzayo ukuze uphumelele, kaloku xa unothando lwento oyenzayo uyakhuthazeka naxa sekunzima."
Hlala ulungile:
"Ukuba neshishini lakho kuza kukuzisel' imali ekugqibeleni kodwa kufuneka ulungele ukusebenza iiyure ezininzi."
Yenzisisa:
"Okubalulekileyo kukuzisa iinkonzo ezisemgangathweni ebantwini, hayi ukuthetha kamnandi nokwaziwa kuphela kuba kaloku maninzi amashishini akhuphisana nawe."
Nyamezela:
"Wonke ubani unamahla-ndinyuka - maxa wambi uye ubone ngathi akusokuze kuphinde kulunge!"
Khangela elakho ithuba:
"Ikroba endalibonayo kwiminyaka eli-10 eyadlulayo alisekho ngoku; ngoko kufuneka sitshintshe ukuze siqhubele phambili."[x]
Umbhali: Patricia McCracken
Umfoti: Peter Whitfield
FUMANA UMSE-BENZI
JIKA UMSEBENZI WETHUTYANA UBE NGOSISIGXINA!
Ungawujika umsebenzi wakho wethutyana ube ngosisigxina xa ungazibonakalisa kuloo nkampani kwelo thutyana lincinci ukuba ingakugcina ixesha elide, ukholelwa koku uGayleen Baxter wakwaKelly. Uthi ungakwenza oku ngolu hlobo:
Zithembe:
Uza kuqaqamba kunabanye xa uzithembile, unenzondelelo kwaye uzimisele ukwenza kakuhle.
Thembeka:
Musa ukuhambis' ixesha - sebenza zonke iiyure omele ukuzisebenza nangaphezulu! Umphathi wakho makazi xa uthatha ikhefu, kwaye ubuye ngexesha.
Volontiya:
Ukuba ngowokuqala ukuvolontiya xa kukho umsebenzi kubonakalisa ukuzimisela nokuba nomdla wokufunda ngomsebenzi - kwaye kukwenza uwufunde ngokukhawuleza.
Thetha phandle:
Nika izimvo zakho xa ubuzwa. Zithethe iimbono ezintsha onazo, ungalahli amathuba.
Zinza engqondweni:
Xa kulixesha apho kuxakekwe kakhulu, zibonakalise ukuba unako ukumelana nemeko enjalo.
Makwaziwe okufunayo:
Mxelele umphathi wakho ukuba ukhangela umsebenzi osisigxina - kodwa musa ukusoloko umkhumbuza!
Bonisa ukuba uyimfuneko:
Nantoni na oyenzayo yenze ngokuzimisela, ukuze abaphathi bakho babone ukuba uyimfuneko.
