xhosa.196.boss
Ukufundis' iilwimi
Ziqeshe ngokwakho
ibali libhalwe nguGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
EMVA kokutitsha ngaphezulu kweminyak' elishumi phantsi kweSebe leMfundo naphantsi kombutho ofundisa abantwana abangaboniyo kakuhle nabaneziphene emzimbeni, uMyma Ngwenya wagqiba ekubeni aqalise ukufundisa isiZulu abantu abangasaziyo.
"Ndathi ndibuya kwikhefu ngo-2002 ndabona elo kulithuba elihle lokuba ndiziqalele elam ishishini. Andizange ndoyike ukuthabath' inyathelo elikhulu kangako kuba ndandisazi ukuba ziya kusoloko zikhona izithuba zeetitshala eziqeqeshiweyo."
UMyma walibiza ishishini lakhe ngokuba yiMuhle Training And Development kwaye kungekudala wafumana amashishini namasebe karhulumente afuna abasebenzi bawo bafundiswe ulwimi nezithethe zesiZulu.
Kungoku nje usebenzela amaziko oqeqesho iEduOptions neKZN Business Training Centre. Abafundi bakhe ngabeLungu namaNdiya ubukhulu becala, kodwa ukho nomdaka waseMelika awufundisayo.
Xa ungena kwiklasi yakhe uva intswahla yentsini nengxoxo enomdla. "Ndisoloko ndiqinisekisa ukuba konwatyiwe eklasini yam. Kaloku eyona nto ibalulekileyo lunxibelelwano olukhululekileyo xa ufundisa ulwimi. Neendlela ezintsha zokufundisa ngoku zilungiselelwe abafundi kuneetitshala.
"Kodwa esikwenzayo kungaphezulu nje kokufundisa abantu. Ezi zifundo zifuna uzilungiselele iiyure ezininzi kuba kufuneka zilandeleke lula kubafundi. Izifundo zesiZulu zenziwa iiyure ezimbini ngeveki kwaye zenziwa iiveki ezisibhozo. Siqala ngokubafundisa izinto ezilula njengamagama ezinto zasekhaya nokuthetha emnxebeni, njalo-njalo," utshilo uMyma.
Kutshanje ucelwe yiKZN Business Training Centre ukuba ayenzele izifundo zokufundisa abasebenzi indlela yokuphath' imali. "Iinkampani ezininzi zifumanise ukuba abasebenzi bazo abakwazi ukuphath' imali - bamkela namhlanje ngengomso babe bebolek' imali. Le ngxaki ke ibenza babe zizisulu zoomatshonisa."
UKUQALISA
Kufuneka ubeyititshala eqeqeshiweyo okanye ubenolwazi ngokufundisa.
Kufuneka uzithembe kwaye ube ngumntu osoloko etyhilekile xa uza kufundis' abantu abadala!
Kufuneka ukwazi ukusebenzis' ikhompyutha kwaye ubenayo. Iya kukunceda xa uzilungiselel' umsebenzi naxa uhlohla izifundo zakho.
Kufuneka usazi isiNgesi nolwimi ofuna ukulufundisa. Yiba nomonde, uhlekise kwaye uzithande izifundo ozihlohlayo.
Ukufundisa kufuna ukhuthale kwaye uzinikele. Kufuneka uchith' iiyure ezininzi uzilungiselela uqinisekise nokuba awuphelelwa ziimbono.
UKUFUMANA ABANTU OZA KUBAFUNDISA
"Bayafuneka abantu abanesakhono sokufundisa isiNgesi neziny' iilwimi zomthonyama abaza kufundisa abasebenzi beenkampani," utshilo uNicky Lillywhite noJenny McGrath abangabanini beKZN Business Training Centre. "Bonke abantu abafundisa abantu bethu banamashishini abo. Oko kubandisela amathuba emisebenzi ukuze bangemi ngento enye. Kuhle uqale ngokuzazisa kumaziko oqeqesho engingqi okuyo. Yenz' iCV nezifundo oza kuzihlohla - emva koko ufowunele kwiindawo ngeendawo."
UMVUZO ONGAWAMKELA
Kunzima ukutsho ukuba ungalindela umvuzo ongakakani kuba oko kuxhomekeke ekubeni ufundisa abantu abangakanani, ubafundisa ntoni nokuthi bafunda ixesha elingakanani. Njengesikhokelo nje xa uhlawulisa ngeyure, ungahlawulisa imali ephakathi kwe-R150 ne-R200 umntu (mhlawumbi ke nangaphezulu).
Ukuze ufuman' eziny' iingcebiso ngokuqalis' ishishini, qhagamshelana neSEDA (Small Business Development Agency - banamasebe kulo lonke eli) ku-0860-103-703 okanye ku-012-441-1000, okanye uvule iWebsite ethi: www.seda.org.za [x]
Bayafuneka abantu abanesakhono sokufundisa iilwimi zomthonyama, izithethe nesiNgesi abasebenzi beenkampani...
NGASENTLA: Ukufundisa kungumsebenzi onzima ofun' ukuzimisela...neeyure ezininzi zokuzilungiselela, utsho uMyma.
EKUNENE: "Ndisoloko ndiqinisekisa ukuba iiklasi zam zinomdla yaye ziyonwabisa," utsho uMyma.
