xhosa.1967.lettersaug_2
Singamaxhoba sonke
Ileta ezuze
I HIV/AIDS iyinxalenye yobomi bethu. Kuthethwa ngayo kwiTV, kwiirediyo, kwiimagazini nakumaphepha-ndaba.
Uninzi lwethu luyachaphazeleka. Iintsapho zethu nabahlobo baphethwe sesi sifo.
Abanye bethu abathethi ngesi sifo.
Kuyothusa kakhulu ukuv' iindaba zokuba uneHIV kodwa kufuneka ukhumbule ukuba ayikokuphela kobomi oko. Xa uzikhathalele ungaphil' ubomi obude kakhulu.
Yiya kubacebisi ufumane ukolulekwa ukuze uphil' ubomi obuza kukukholisa. Ungayenza loo nto.
Njengoko nditshilo isichaphazela sonke iHIV/AIDS. Masiyazi loo nto siyigcine ezingqondweni zethu. Masingayibaleki kuba sicingel' ukuba asoze isichaphazele nathi.
Masibakhathalele yaye sibanike inkxaso abayifunayo abantu abanesi sifo.
nguDE Kau, eMadikwe
i-R100
Baziphathele ntoni kakubi"
Amantombazana ayazimela emakhaya ebusuku aye kwiindawo zentselo nezolonwabo afike apho anxile. Adibana namadoda apho alale nawo.
Ngentsasa elandelayo avuka enodano ngento eyenzekileyo aze ayovul' ityala athi adlwengulwe. Iyabanjwa ivalelwe indoda.
Ndibhala le leta nje kungenxa yokuba ndaswelekelwa ngabazali bam kwaye ndikhulisa umntakwethu nomzala wam. Umzala wam wandixelela ukuba udlwengulwe ndaza ndafun' igqwetha ngobugcwabalalana bemali endandinayo.
Wasuka wathi akafuni ukuba liye enkundleni ityala.
Ndenza uphando kubahlobo bakhe ndaza ndayifuman' inyaniso...
Kwiimeko ezinjalo akufanelekanga ukuba kugxekwe amadoda!
nguMM Banda, eSundowner
Amabanjwa
Ndicinga ukuba amabanjwa afuna amaqabane kwiimagazini kufanele acacise umntu ukuba afuna ntoni na.
Ngaba afuna umntu aza kuthandana naye okanye afuna abantu aza kubhalelana nabo abangekho sentolongweni.
Andiqondi ukuba ungamthanda ngenene umntu ongeke ulifuman' ithuba lokumbona. Ningathetha emnxebeni kodwa xa ungekamboni, ungazange uchithe xesha naye, asoze uthi uyamthanda loo mntu.
Abantu abanobudlelwane nabantu abasentolongweni mababaxhase babakhuthaze ukuba baze bathi besakuphuma batshintshe iindlela zabo.
nguLuvo Makopo, eUgie
nabahlobo
Iileta Zenu
BONA XHOSA - June 2006
Masifund' ukusebenza!
Ndaphumelela imatriki ngo-2003 yaye babunzima ubomi kum. Ndafuman' umsebenzi efama ndihlawulwa i-R500 ngenyanga.
Ndazimisela ukuziphucula. Ndazixelela ukuba nabani na unalo ithuba elihle alifumanayo ebomini kwaye kufuneka ulibambe ngazo zozibini.
Andisasebenzi efama ngoku yaye ndizakhel' ikamva lokuba yimvumi yeGospile.
Ungabuguqul' ubomi bakho nawe!
nguTT, eGauteng
Kwanele!
Kutheni le nto abantu bekhohlakele kangaka, buyephi ubuntu xa amadoda asixhenxe exhwila intwazana eneminyaka eli-12, eyibetha, eyenza zonk' izinto ezibuhlungu kuba enye yaloo madoda ifun' ukutshata le ntwazana"
Masingasitheli ngesiko xa sisenza izinto ezingalunganga.
Kuza kuphela nini oku kuxhatshazwa kwabantwana" Kwanele! Abantwana bethu likamva kodwa batshatyalaliswa ngoonkohlakalo abazicingela bodwa!
Aphila njani wona la madoda" Nkqu nezilwanyana asoze ziziphathe ngolu hlobo.
nguNM, eLedig
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Koomama abangatshatanga
UTATA womntwana wam wandishiya ndikhulelwe yaye ndadandatheka kodwa ndakwazi ukuzimela.
Ndiyamthand' umntwana wam kuba usisipho kum. Ungangamthandi njani umntwana omthwale iinyanga ezilithoba"
Le mvakalelo inamandla ukogqitha iintlungu ozive xa ushiywa ngutata wakhe.
Ungamlahli umntwana wakho!
Boomama, masizifundise ukubeka abantwana bethu phambili, hayi abantu esincuma nabo!
Unyana wam uyamfun' uyise, ndinabo abantu endincuma nabo kodwa...
Bona bayafika badlule, umntwana ngowakho soze akulahle. Yibani ngoomama abanothando nibek' abantwana benu phambili!
nguKK, Osizweni
Ungazityi
Eli lizwe lethu lombethwe yingxaki enkulu yeziyobisi. Kuthengiswa iziyobisi ezitshabalalis' ubomi babantu.
Lulutsha olusesichengeni kakhulu kuba lukufumana kunzima ukumelana neenguqu ezenzekayo kulo. Luye lucinge ukuba lufun' "uncedo."
Lunikezela lula kuxinzelelo lweentanga lokusebenzis' iziyobisi.
Azisiso isisombululo. Zikwandisel' iingxaki.
nguJT, eLynnville
iziyobisi
BONA XHOSA - June 2006
Ibanjwa lizityand' igila...
NDIVUMELE ndilungise iimbono zoluntu ezingalunganga ngamabanjwa. Zagqitha iintsuku apho amabanjwa ayengafuni ukuyolungis' izimilo. Ngoku amabanjwa anomdla kakhulu kwiinkqubo zokulungisa izimilo. Siyalibulel' ithuba esilinikwayo lokufunda indlela yokuziphilisa sakuphuma entolongweni ukuze singabuyeli kulwaphulo-mthetho. Andiyiva kakuhle le yokuthi athi amabanjwa ebalasele kwizinto ezifana nokulawul' umsindo, ulwazi ngobomi neziny' izinto esizifundiswayo kodwa angakhululwa. Ufumanisa nokuba la mabanjwa aziyekile iziyobisi kwaye azifundisa ngobungozi beHIV/AIDS.
Amanye afunde de afumana enomsila kodwa asavalelwe. Kunceda ngantoni ukugcin' umntu ongene entolongweni engafundanga kuyaphi kodwa athi ngenxa yokuziphatha kakuhle nokunyamezela azibone sele enemfundo enomsila"
Akakufanelanga ukukhululwa loo mntu" Maninzi amabanjwa azibonakalisileyo ukuba izimilo zawo zitshintshile kodwa asavalelwe.
Iintolongo ziindawo ezimbi. Abantu bathi siphathwa kakuhle ezintolongweni, akuyonyani leyo. Yonk' into endiyenzayo ijongwe ngeliso elibukhali. Andikwazi ukuya apho ndifun' ukuya khona okanye nditye into endiyithandayo apho ndithanda khona.
Andikwazi ukuba nosapho lwam.
Thina mabanjwa siluva umhla nezolo ulwamvila lwesohlwayo sethu. Intolongo yindawo ebuhlungu kakhulu.
Kutheni le nto amabanjwa engakhululwa xa ebonis' ukuguquka kwezimilo zawo" Ndicela iibhodi ezichophel' ukukhululwa kwamabanjwa ziqwalasele nangakumbi isimilo sebanjwa ngalinye. Asimiselwanga ukuba zizaphuli-thetho ubomi bethu bonke.
Sifuna ukutshintsh' iindlela zethu sibengabemi abanomahluko. Xa ugcin' ibanjwa entolongweni ixesha elide kukwandis' iingxaki oko!
Xa umntwana wakho onile uyamohlwaya igqithe loo nto. Eso sohlwayo asiqhubeki iminyaka eliqela. Makube njalo ke nakuthi. Sohlwayeni kodwa nikhumbule ukuba nathi singabantu kwaye abanye bethu bangenz' izinto ezintle xa benokukhululwa entolongweni.
Urhulumente ulindele ntoni kumntu okhululwa entolongweni eneminyaka engama-50 okanye engama-60" Andibi usazoqhubeka engumthwalo karhulumente"
Andithi makangohlwaywa amabanjwa, makohlwaywe kodwa ukuze kuliwe ngokukuko nolwaphulo-mthetho makakhululwe lawo azibonakalisayo ukuba atshintshile! Singangaphinde silwenze ulwaphulo-mthetho kwakhona!
nguS Ntuli, eMangaung Maximum Security Prison[x]
Ukuthathwa kakubi
kwamabanjwa
Iileta Zenu
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
