xhosa.1964.zimbalele
Uyabanceda ukuze bazincede
BONA XHOSA - February 2008
UTHOKO uvuka kusasa andlule, akhuphe ibhala neziny' izixhobo zokusebenza ukuze abantwana bakhe balungiselel' ukuy' esikolweni. Isidlo sabo sakusasa sisidudu sayizolo esineswekile.
Luyanduluka ekhaya usapho, uRolinda ongumntwana ophakathi uqhuba ibhala kwindawo enyukayo ukuya endleleni yezithuthi. Xa ebonakala esoyisakala uyamncedis' uThoko. Ngale ndlela ubafundisa ukuzimela abantwana bakhe.
Uyabayaleza ukuba bangashiyani endleleni ende eya esikolweni, aze axelele nentombi yakhe endala ukuba ibuye esikolweni ikh' amanzi.
UThoko ubuya apheke isopholo emva kwezifundo zomsebenzi wezandla azenza namany' amabhinqa asekuhlaleni.
Sekuyiminyaka mi-5 umyeni wakhe wamshiya wathi uyokufun' umsebenzi wangabuyi.
Bebephila ngamabona-ndenzile nabantwana bakhe ungekabikho lo msenenzi. Bencedwa ngaba melwane okanye ziipasile zokutya abaziphiwa ngurhulumente.
Uyohlukana nabo endleleni, bay' esikolweni uThoko aye kwindlela yezithuthi ayilungisayo.
Unzima umsebenzi awenzayo, kodwa umncedile wazimela kwaye wakwazi nokukhulis' abantwana bakhe ngeqhayiya.
Iikontraka
UThoko uphangela kwiphulo leKZN Zibambele Road Maintenance Programme elinika iintsapho ezingathathi-ntweni amathuba emisebenzi, kwaye i-95% yaloo makhaya iphantsi koomama.
Abantu abaphangela kweli phulo laqalwa ngo-2000 balungisa iindlela zegrabile eKZN ukanti lixhaswe ngemali liSebe lezoThutho leKZN.
Eli sebe lizimisele ukuqesh' abantu abangama-40 000 abaza kulungisa iindlela ezingumgama we- 17 000km ngo-2009.
Abasebenzi beZibambele bavula imisele nemibhobho yamanzi ecaleni kwendlela. Bavala imingxuma esendleleni, bacoce, basuse nokhula.
Umsebenzi ngamnye unikwa izixhobo zokusebenza, ivesti yokhuseleko nezinto zokubonisa abaqhubi indawo asebenza kuyo lize ixabiso lazo litsalwe emvuzweni.
Izivumelwano zomsebenzi zeenyanga ezili-12 ziyavuselelwa rhoqo ngonyaka xa ezo ndlela zisasetyenziswa luluntu, zisakufuna ukulungiswa naxa ingeniso yekhaya elinekontraka ingaphantsi kwe- R1 050 ngenyanga.
Ukuqhubeka
Njengoko kuqeshwa usapho, akuxhomekekwa emntwini omnye ukuze ikontraka iqhubeke nokusebenza.
Oko kukuthi usapho aluna kuphelelwa ngumsebenzi xa umntu omdala engasekho, usapho seluphantsi kwabantwana.
Isivumelwano sesokusebenza iiyure ezingama-60 ngeveki ngoko abantwana banalo ixesha lokufunda.
Ikontraka nganye yamkela i-R370 ngenyanga kwaye ilungisa i-500m ukuya kwi-800m yendlela.
Kukho iikomiti ezonyuliweyo luluntu ezicebisa iSebe lezoThutho ngeendlela ezifuna ukusoloko zilungiswa nangeentsapho ezifanele ukunikwa iikontraka.
Kwenziwe nemibutho enceda iikontraka zonge imali.
NgoMatshi ka-2006 besezingama-889 iiklabhu zokonga ezisekiweyo kweli phondo kwaye besezonge i-R6,2 yezigidi.
ISebe lezeKhaya neleNtlalo-ntle nawo afak' igxalaba ukuze abantu beekontraka zeZibambele bafumane ii-ID nezibonelelo zikarhulumente. Kuyathenjwa ukuba neSebe lezoLimo liza kungenelela kumba wokulinywa kokutya, unikezelo ngenkonzo yamanzi nangonkcenkceshelo.
Uqhagamshelwano olwenziwayo luza kunceda nasekuthunyelweni kwamachiza okuthibaza ulwamvila lukagawulayo (iiARV) nonyango lweTB.
Iimbasa
Iphulo leZibambele lithiwe jize ngembasa yeMpumelelo ngo-2002 ukanti noMongameli Thabo Mbeki walincoma ngelithi "lelona phulo lihle lenkqubo yemisebenzi yoluntu" ngo-2003.
Nangona uThoko esekude nokuphumelele, iphulo leZibambele libeke yena nabany' abantu abaninzi kwindlela esinge empumelelweni.
Kumnike isidima ukukwazi ukondla nokufundisa abantwana bakhe. [x]
umbhali webali nguMO HAARHOFF
photos by KZN Department of Transport
Ibali lempumelelo laseMzantsi Afrika
NGASEKHOHLO: Eliphulo lizisa ithemba kwingigqi ezigqub' indlala nje ngezi .
NGASENTLA: UThoko usebenza nzima - ulungisa iindlela zasekuhlaleni unceda ikontraka (nosapho lwakhe) noluntu lwendawo ahla kuyo.
NGEZANTSI EKUNENE: Iikontraka zivula imisele, nemibhobho. Bavala imingxuma yendlela basuse inkunkuma.
Iphulo leZibambele lifundise amabhinqa izakhono zemisebenzi, lawenza azithemba, lawanika isidima, kwaye liwenze anethemba ngengomso...
BONA XHOSA - February 2008
