xhosa.1399.tpeer
BONA - August 2005
abafotiweyo bayabonisa nje
EZOLUTSHA:
Sincokola noFat Charlie
Ukufun' ukuba necala okulo
XA usemtsha uva rhoqo ngoxinzelelo lweentanga zakho. Iititshala nabazali basoloko bekuyala ngokuba ungaqhelani "nabantu abangalunganga". Kodwa ke xa sithetha inyaniso "uxinzelelo lweentanga" kudla ngokuba lelona sebe lenkawu esizimela ngalo xa senze iimpazamo. Kaloku uFat Charlie uyayazi loo nto kwaye ulutsha malwazi ukuba alunakumqhatha yena njengabazali neetitshala.
Udla ngokuva umntwana esithi "Ngoobani abandenzise le nto," atsho ngokunga yena ubengenako ukwala ukuyenza.
Iintanga zakho ngabantu enilinganayo ngeminyaka, ofunda nabo noncokola nabo. Ngoko ke uxinzelelo lweentanga aludli ngakukunyanzela ukuba wenze into ongayithandiyo.
Eziny' izinto sizenza kuba nathi sifuna ukubonwa njengomntu olandelayo. Okanye ke lube olo xinzelelo lusezingqondweni zethu. Sizixelela ukuba siya kubonwa njengabantu "abasemcimbini" xa sisebenzisa iziyobisi, siqalisa ukutshaya nokusela okanye sinxiba ngendlela ethile.
Ngoko mlisela nomthinjana wakowethu masingazimeli "ngoxinzelelo lweentanga". Okubalulekileyo kukuba masingenzi abazali bethu nabantu abasithandayo babeke ityala abantu esivana nabo ngezinto ezimbi esizenzayo.
Masingazifaki ezingxakini ngokwazi ukuba bacinga njani abantu abaliqela. Kutshanje ndidibene noGD endandifunda naye, nangona sasingazani kangako naye kuba wayevana nabafana abazibona bekrele-krele.
Uyazi ke nawe ukuba ngabanjani abo. Kaloku abo ngabanxiba kakuhle, abawaziyo amaqela omculo aphambili, abaphatha iindidi ezintsha zeeselfowuni nabasoloko bebonakala bonwabile.
SinoGD saya kufuman' iziselo sancokola "ngeemini zakudala" - waza wandibalisela into ebe nomdla. "Uyazi ndiyacaphuka xa ndicinga ngexesh' endalichithayo ndizama ukuziqhelanisa naba bafana," utshilo.
Babengabahlobo bakhe xa enemali yokutheng' ibhiya. Kodwa amathuba maninzi babemshiya ngaphandle kwizicwangciso zabo.
Oko wakubona emva kwexesha kodwa unethemba lokuba isifundo aya kusigqithisela ebantwaneni bakhe sesokuba: xa ungevani nabantu awusokuze uvane nabo nokuba ungazifaka kanjani kubo.
Ukanti xa uzama ukuzinyanzela ebantwini, baya kukusebenzisa yaye bangakuhloniphi.
Okubi nangakumbi kukuba ukuzama ukuzifaka ebantwini abangakuthandiyo kukwenza uphoswe ngabantu ebebeya kuvana ngokwenene nawe. Njengoko bekho abantu abakuthanda uyilento uyiyo ungagqibela ungabahoyi kuba bengekho kwiqela olifunayo.
Umlisela nomthinjana wakowethu mawuzibuze oku: ngaba abo "bantu bahle" bonwabe njengokuba nawe ucinga ukuba bonwabile" Ngaba bonwabe njengokuba nabo becinga" Ngaba kukho into ekuphosayo ngokungabi ngomnye wabo"
Zincede wena ngokwenza oku: phulaphula izinto abathetha ngazo aba bantu. Uya kuva ukuba ixesh' elininzi bathetha ngezinto abazenzileyo nabaza kuzenza. Xa besepatini bathetha ngokuba baza kuyaphi xa besuka apho, nangokuba bekumnandi kangakanani kwipati engaphambili. Abathethi ngendawo abakuyo.
Ngaba kukonwaba ke oko"
Ngaphezulu amabali olonwabo ababe nalo ngempela-veki ayabaxwa ukuze abanye barhale!
Ungaziva ulilolo kanti ubulolo bakho kulapho kwakhiwa khona ukuba ungumntu onjani, apho ujonga ukuxabiseka kwakho uze ufunde oko kubalulekileyo.
Abantu abaqhaqhileyo nabonwabileyo baya kuhlala bengamawexu-wexu ebomini.
Usenokuziva ulilolo, kodwa yazi ukuba akuwedwanga. Xa unokujonga abantu abakufutshane nawe uya kubona abanye abafana nawe, abanqwenelayo ukufana nabantu abonwabileyo, kodwa abaziyo ukuba ubomi abuphelelanga nje ekubeni neselfowuni ephambili nokuya kwiipati ezimnandi.
Mlisela nomthinjana ukufunda esikolweni kokwethutyana.
Nifakwa eklasini enye kuba niziintanga. Kuthiwa awunako ukukhetha abantu bosapho lwakowenu, kodwa ungabakhetha abahlobo bakho - esikolweni ke ababaninzanga abahlobo ongakhetha kubo.
Kuxa sele ufunda ekholejini apho uya kufunda nabantu abaneminyaka eyahlukeneyo - kwaye apho makhulu amathuba okuba udibane nabantu abacinga njengawe.
Xa okwangoku uziva ungaphandle kodwa ujonge ngaphakathi, yisebenzise loo mvakalelo. Yisebenzise loo mvakalelo ukufikelela kwabany' abantu - inkwenkwe okanye intombazana efikayo esikolweni, okanye kumntu ongathethiswayo ngabantu, okanye umntu osoloko ehletywa ngabantu bonke.
Uya kumangaliswa ziziphumo zoko. Uya kuhlonelwa ngabantwana ofunda nabo, kuba ubonisile ukuba unaso isibindi sokungakuhoyi abanye abantu abakucinga ngawe.
Okubaluleke nangakumbi kukuba uya kuzenzel' abahlobo bokwenene, baze bathi abo bazixelela ukuba bakrele-krele besaxakiwe ukuba baza kuyaphi kubusuku bangoMgqibelo, wena ube utshintsha ihlabathi! [x]
Inyaniso ngoxinzelelo lweentanga zakho...
BONA XHOSA - May 2006
kufote uCLIVE THOMPSON
u
t
Izenzo zakho ziluxanduva lwakho
Abantu bayahlekisa
Abahlobo benene abakunyanzeli xa into ungayifuni.
Umntu ofun' ukukwenzis' into ongayithandiyo, okuntlontayo nokugrogrisayo akangomhlobo wakho!
Abantu abasebenzis' iziyobisi nabenz' ezinye "izinto ezimdaka" njengokuqhekeza imizi nokuthengisa ngemizimba yabo emadodeni amadala kuba befuna "izipho" bayazi ukuba ezo zinto azilunganga. Azilunganga kuba zingekho mthethweni, kodwa kuba ziyingozi ngoko zikubeka esichengeni.
Akumnandanga ngaphakathi kubo ukwenza ezo zinto. Ngoko benza ntoni" Xa besazi ukuba benza into engalunganga, bafuna ukufaka nabany' abantu kuloo nto. Oko ke kubenza bazive bengenasazela kuba "wonk' umntu uyayenza."
Abantu obaziyo abafuna wenz' izinto ezingalunganga njengokusebenzisa iziyobisi, bakwenza oko kuba befuna ukuphelisa isazela sabo. Abakukhathalelanga wena okanye "iingxaki" zakho.
BONA XHOSA - May 2006
