xhosa.1946.yourfamily_pregnancy
Ukukhulelwa emsebenzini
Phambi kokuxelela umphathi wakho ukuba ukhulelwe, qiniseka ukuba uyawazi amalungelo akho ukuze ubone xa enyhashwa
UKHULELWE, sivuyisana nawe! Kodwa uza kumazisa njani umphathi wakho? Kukuwe ukuba ubazisa nini ngokukhulelwa kwakho emsebenzini. Umthetho ungecala lakho, ukukhulelwa kwakho akumelanga kuchaphazela umsebenzi wakho.
Ngoko ke phambi kokuba ubazise, qiniseka ukuba uyawazi amalungelo akho.
Awuzikhuseli kucalulo kuphela. Ukuwazi amalungelo akho ekhefu lokubeleka, kuza kukunceda ukwazi ukulungiselela ukufika kosana lwakho.
Kwi-Website yeSebe lezaBasebenzi kukhuthazwa amabhinqa ukuba azise abaqeshi bawo kusekwangoko. Oko kuza kuqinisekisa ukuba umqeshi unethuba lokuhlola izinto ezinobungozi kuwe aze athathe amanyathelo okuthintela ezo ngozi.
Kodwa ugqirha wezifo zamabhinqa esithethe naye, uGqr. Daniel Mahapa uthi kuhle ukulinda iinyanga ezintathu zokuqala phambi kokuxelela umphathi wakho kuba ubungozi bokuphunyelwa sisisu ngeli xesha buyehla kakhulu kwaye ubasele uqinisekile ngokukhulelwa kwakho.
Kwelinye icala, ezi nyanga zintathu zokuqala zezona ziye zibenzima kumabhinqa akhulelweyo. Ungazifumana unqumka kuba umzimba uzama ukuziqhelanisa nemeko yokukhulelwa kwakho.
Ngoko ke ukuba ukukhulelwa kwakho kuchaphazela kakhulu umsebenzi wakho - mhlawumbi usoloko ungezi kuba ugula - kuhle ukuba umxelele umphathi wakho kusekutsha.
Okunye okubalulekileyo omel' ukujonge kukuba ingaba umsebenzi wakho awunabungozi kusini na.
Masithi mhlawumbi umsebenzi wakho kukuphakamisa izinto ezinzima, ukwindawo enamachiza namayeza abukhali okucoca okanye umsebenzi wakho uyakumisa okanye ukuhlalisa phantsi ixesha elide, kuhle ukumazisa umphathi wakho ngoko nangoko.
Nkqu nemisebenzi yokufundisa ezikolweni zabantwana abancinane kunganobungozi xa usanda kukhulelwa kuba abantwana abancinane baye babenezifo ezifana nemasisi okanye ichicken pox ezingayingozi kusana lwakho olungekazalwa.
Thetha nogqirha okanye umongikazi ngenkxalabo yakho. Baza kubanako ukukuxelela ukuba umsebenzi wakho unobungozi.
Ukuba kunjalo kuza kufuneka umazise umqeshi wakho kwangoko, ukuze kuthatyathwe amanyathelo okukukhusela.
Ukuba ikhona imfuneko kuza kufuneka kuqwalaselwe izinto ezithile ezinganobungozi. Ezifana nokusebenza iiyure ezininzi, ukusebenza ngamachiza, ubundlobongela, imisebenzi efuna amandla, njalo-njalo.
Zakufunyanwa mazisuswe. Xa kungenzeka, ibhinqa elikhulelweyo lingasuswa emsebenzini kodwa lihlawulwe ngelixa lisalungiselelwa.
Eziny' izinto omawuzikhumbule:
Umqeshi akanako ukukugxotha okanye akunyanzele ukuba uyeke umsebenzi kuba ukhulelwe.
Akanako ukukwehlisela emsebenzini, atshintshe imisebenzi oyenzayo okanye ehlise umvuzo.
Awunako ukungonyuselwa okanye uphoswe luqeqesho kuba ukhulelwe.
Abanakuthi qhomfa isisu ukuze ungalahlekelwa ngumsebenzi. [x]
Umbhali: Kamogelo Sebola
WAZI AMALUNGELO AKHO
Umthetho ulindele ukuba abaqeshi benze oku kulandelayo ukulungiselela abasebenzi babo abakhulelweyo:
Babenendawo yokuphumla elungele amabhinqa akhulelweyo.
Banikwe ixesha lokuba baye kumadinga alungiselela ukubeleka - kuquka neeklasi zokwenza imithambo.
Abaphathi nabasebenzi abasebenza nelo bhinqa likhulelweyo banikwe iingcebiso nenkxaso.
UKUKHULELWA KWAKHO
UDLIWANO-NDLEBE LOMSEBENZI XA UKHULELWE
Ukuba unodliwano-ndlebe lomsebenzi ngexa ukhulelwe, yazi oku:
Akukho semthethweni ukubuza ngokukhulelwa kwakho.
Nokubuza ngemeko yakho yempilo engaveza isiphene somzimba.
Umqeshi wakho akanalungelo lokukubuza ngezicwangciso onazo malunga nokukhulelwa kwakho kudliwano- ndlebe okanye emva kokukuqesha.
Ukuba uyabuzwa, wuthathe njengombuzo ongekho semthethweni.
