xhosa.1940.yourman_ties
KHETHA IQHINA ELILILO
Iqhina elililo lingenza isinxibo esihle sibe sihle ngakumbi - liphucule nesinxibo esingekho sihle ncam
IFASHONI YAMADODA
IQHINA sesona sihombo siphambili samadoda (ngaphandle kokuba uyindoda esoloko iswenkile de uphathe nebhegi).
Naku omele ukukwazi ngokukhetha iqhina:
Ubude obububo - kufuneka le ndawo yeqhina ebunxa-ntathu iphele kanye esibhonweni.
Musa ukuthenga iqhina elinemifanekiso, oopopayi okanye izakhiwo ngaphandle kokuba uya ethekweni labantwana okanye kwindibano yosapho.
Khetha iqhina elindilisekileyo xa usiya kudliwano-ndlebe, entlanganisweni okanye nakweliphi itheko elindilisekileyo. Kuhle ukuba unxibe iqhina elinombala omnye.
Musa ukunxiba iqhina elinemigca nehempe enemigca,ngaphandle kokuba yihempe enemigca emincinci kakhulu.
Iqhina lakho malihambelane nelaphu leempahla zakho. Xa ihempe ihonjisiwe kuhle unxibe iqhina elinombala omnye kananjalo naxa iqhina lihonjisiwe wenza njalo nangehempe.
Musa ukunxiba ihempe enombala ongakhanyiyo neqhina elikwanjalo. Iqhina elingakhanyiyo lihle xa ulinxibe nehempe enombala okhanyayo ngokunjalo nehempe enombala oqaqambileyo ungayingxenga ngeqhina elinombala ongakhanyiyo. [x]
Isuka: www.2tieatie.com
Umnxibisi: Thato-ya-Ona Lerefolo
Umfoti: Peter Whitfield
