xhosa.1935.boss
Ungaziqesha njani ngokwakho!
Phantse sonke sinomnqweno wokuba namashishini ethu - ukuziphatha ngokwakho ube nemali eninzi kuvakala njengento emnandi - kodwa akuyonto ilula. Inyaniso kukuba, ambalwa amashishini asakhasayo awugqibayo kwa unyaka omnye esavulile. Ewe unakho, kodwa kunzima! Nantsi indlela...
Ibali nguGrace Khuzwayo
NOKUBA ngumbono omhle kangakanani na nawo ufuna usebenze nzima ngokuzinikela ukuze ibe lishishini elinempumelelo. Kweli nqaku leBONA elilodwa sizakucathula nawe kula manyathelo. Ngala...
Ubuqu bakho - zazi ukuba unakho.
Izinto oma uzijonge - ezona zinto ziyimfuneko ekumele uziqwalasele phambi kokuqala.
Ukubona ikroba - fumanisa ukuba yiyiphi imveliso okanye inkonzo eyimfuneko ekuhlaleni.
Ukuzipapasha - ukulithengisa ishishini lakho.
PANEL 1
Ingaba unakho?
U MELWE kukunyaniseka ngenene apha. Usenokuba ubabonile abanye osomashishini benyuselwa kwiindawo ezingaphezu kwamandla abo. Ngoku, nguwe omawuthengiswe kwaye elithuba lelokuba uzibuze ukuba ingaba ukulungele na ukuqhuba ishishini elilelakho. Unakho ke...
UTHANDO!
Kufuneka uyithande into oyenzayo ingabi yindlela yokwenza imali nje kuphela.
SUKUSOLOKO UPHUPHA!
Yazi ukuba impumelelo ayizuvele iwe okwemana ezulwini.
SEBENZA NZIMA!
Xa uziphethe iiyure ozisebenzayo ziyanda. Kwazi ukuzilawula. Xa kungekho mphathi ukujonge ngelihlo elibomvu uyalingeka, ufune ukuvuka nokuthatha ikhefu ngexesha olithandayo - kodwa kufanel' uhambe ngokwexesha elicwangcisiweyo.
UKUMELANA NEEMEKO!
Yiba nako ukutshintsha izicwangciso xa izinto zingahambi ngendlela - ukwazi nokubuyela ezingqondweni kwakhona!
YIBA NOKUYILA!
Fumana iindlela ezikrelekrele zokuthengisa izakhono zakho okanye iimveliso.
GCINA UMGANGATHO!
Kwazi ukubaluleka kokunika inkonzo esemgangathweni ngalo lonke ixesha, njengokuhoya abathengi bakho emva kokubathengisele.
PANEL 2
Unazo izinto eziyimfuneko?
PHAMBI kokuba uqale ishishini lakho zikho izinto oma uziqaphele. Ezi zezi...
IMALI
Uzakudinga imali ezakukwazi ukukuthwala wena neshishini lakho iinyanga ezi-6 ukuya enyakeni, kuxhomekeke kuhlobo lweshishini onalo. Khumbula - noxa kuzakube kumnandi ukungabi namphathi - yazi ukuba ngoku akukho mphathi uzakukuhlawula ukuphela kwenyanga
INDAWO YOKUSEBENZELA
Indawo osebenzela kuyo mayibukeke kuyindawo yomsebenzi. Ukuba usebenzela ekhaya qiniseka ukuba i-ofisi yakho ikude engxolweni yosapho.
IZIXHOBO ZOKUSEBENZA
Ambalwa amashishini asebenza ngaphandle koncedo lwekompyutha. Kuhle ukuba i-ofisi yakho ibe nekompyutha, iprinta, ifaxksi ne-Intanethi kunye ke nezixhobo zokuvelisa loo nto uzakube ushishina ngayo.
IZAKHONO
Kuhle xa unezakhono eziliqela. Cinga ngokwenza izifundo zezakhono kwezoshishino, eziquka indlela yokwenza iincwadi nokuzithengisa.
PANEL 3
Ukubon' ikroba
LUMKA! Ukuba ubona kukho imfuneko yemveliso/inkonzo ethile, yima kancinci, utsho uFran Piggott, ongumcebisi wosomashishini abasakhasayo.
"Zibuze ukuba kutheni?
"Ukuba ngumbono omhle, kutheni ungasetyenziswa?"
Kwelinye icala, ukuba khukho abantu abenza into enye nale uyenzayo,yinto entle leyo.
Luyafuneka ukhuphiswano, ayikugcini uphapheme nje kuphela kodwa iyakwazisa ukuba bakho abathengi bemveliso yakho.
Indlela elula yokubona imfuneko yemveliso kukujonga ingxaki exhaphakileyo uze wenze imveliso apho ishishini lakho libe sisisombululo. Ngokwenza njalo uyakuphumelela.
Uzibona kanjani ezingxaki? Mamela izikhalazo zabantu.
Bakhalazela ntoni? Ungakwazi ukubanceda?
PANEL4:
Ukuzithengisa
SELE ukulenge ukuqhub' ishishi lakho? Ngoku kufuneke uxele ihlabathi ngalo, ukwenze oku isengqondweni into yokuba umel' ukuba nenzuzo engaphezulu kwemali ozakuyichitha !
"Imveliso entsha izakudinga imali, ixesha namandla amaninzi ukuze yaziwe, ngoko kuzakufuneka kukho imali oza kuyisebenzisela ukuzithengisa," itshilo enye yengcali kwezentengiso.
Eyona ndlela ilungileyo - nefikilelelkayo - yokuzithengisa "ngumlomo" abantu bethetha ngawe kakuhle ngenxa yokwaneliseka. .
Kodwa ke, kuzakufuneka uzipapashe nangeziny' indlela.
Ungafak' intengiso kumaphepha-ndaba asekuhlaleni/okanye uzenzele amaphepha akho.
Kukho ke nokuzithengisa ngokunamathisela amaphepha ezipalini nasemigqomeni ezitalatweni. Phanda ngezi ndlela ubone ukuba uzawukwazi na ukuzihlawulela .
Ungalibali ukufaka uphawu kwindawo osebenzela kuyo - nasemotweni yakho.
Zimbini izinto ezibaluleke kakhulu - xa uzithengisa yenzela ngqo abathengi bakho okanye uyakuba umosha nje ngexesha .
Ngokunjalo, iimpawu, namaphepha ozithengisa kuwo qiniseka ukuba zenziwe ngendlela eyiyo. Iintengiso ezenziwe ngesadla ezingacacanga azizukuba nika ithemba abathengi. [x]
XA UFUNA ULWAZI OLUTHE VETSHE:
I-SEDA (Eyi-Arhente ejongene namashsisini asakhulayo) ikunika ulwazi malunga nokuqala ishishini - kuquka neenkampani ezibolikisa ngemali. Banamasebe kweli jikelele.
Batsalel' umnxeba ku: 086-010-3703; okanye 012-441-1000; email: info@seda.org.za; Web: seda.org.za.
ZAKHELEUBOMI
ICEBO ELILUNGILEYO
Musa ukungxama...
Ukuba uqashiwe, musa ukuwuyeka umsebenzi de "ulinge abathengi," ngexesha lakho elisecaleni.
Umzekelo, uba ufuna ukuqala ishishini lokupheka, qala ngokuphekela amatheko empelaveki. Ukuba abantu bayaqhuba ngokufuna inkonzo yakho, kwaye kunzima noku.
NGUDOREEN NGCOBO, ongumnini weshishini lokupheka eliphumeleleyo
ICEBO ELILUNGILEYO
Banike into abayifunayo...
Xa ukhangela ikroba le ntengiso kufuneka uvula amehlo nengqondo ukuze ucingisise kakuhle ukuba ungenza ntoni na ngokubonayo !
Okubalulekileyo kukuba wazi ukuba abantu ubanika into abayifunayo hayi ocinga ukuba bayayidinga.
NGUFRAN PIGGOTT, weMarketing Guru
STRAPARIAL
80%
Uninzi lwamashishini amancinane
ayatshona kwakunyaka wokuqala -
lo nto ke yenziwa kukungacwangcisi -
akukho sizathu esenza ukuba ishishini
lakho lingaphumeleli!
