xhosa.1911.zuma
'Urhulumente angenza ngokuthe kratya!'
Sincokole noJacob Zuma ngeenkomo, amakhosikazi, ucalulo lweentlanga - nengomso lelizwe loMzantsi Afrika
UKUFUYA iinkomo kusegazini kuJacob Zuma. Kaloku le ndedeba ingumongameli we-ANC yakhula ingumalusi weenkomo, ifundiswa nokubeth' iintonga eNkandla kwiphondo laKwaZulu-Natal. Iinkomo zakhe zanda zangaphaya kwe-100, kodwa loo wabulawa yimbalela.
"Yazibulala kakhulu iinkomo zam loo mbalela kuba ndashiyeka nezimalunga nama-30. Ndiza kutheng' ezinye kuba ndiyazithand' iinkomo, ndithand' ivumba lobulongwe bazo!" utshilo kwiBONA.
Kutshanje umbutho woonoteksi weKZN Taxi Owners Association uthengele uZuma eziny' iinkomo. Kubekho amarhe okuba bamthengele iinkomo ezili-18, kodwa uwakhabile loo marhe.
"Bandithengel' iinkomo ezisibhozo, baza bandixhelel' ezine," utshilo. Ukwathe eso sipho seenkomo ezine sibe negalelo ekuvuseleleni umhlambi wakhe.
Uninzi lwabantu lukholelwa ukuba imimandla ethile yaKwaZulu-Natal naseMpuma Koloni ibingahoywanga phantsi kolawulo lukaThabo Mbeki.
Le mimandla ibeke amathemba ayo kuZuma ukuba ayiphuhlise, kwaye naye uyathembisa ukuba yeyona aza kuyibeka phambili kuluhlu lwezinto aza kuzenza akuba ngumongameli weli lizwe.
Uphuhliso
"Bendisekhaya ndixoxa kutshanje kanye ngezinto ezinjalo. Abantu abawusebenzisi umhlaba. Kufuneka sizijonge ngokutsha iinkqubo zokuphuculwa kweendawo ezisemaphandleni kunye nabantu basezilalini ababaziyo ubomi basezilalini.
"Sifanele sikhuthaze abantu ukuba basebenzise umhlaba. Baninzi abantu abakulungeleyo oko kuba ukunqongophala kwamathuba emisebenzi kubenze babona umhlaba ungabakhuph' endlaleni. Ndiyakholwa urhulumente unokwenza okuthe kratya ukubanceda. Oko kubalulekile ekulweli ingxaki yentswela-ngqesho.
"Abantu basezilalini bafudukela ezidolophini kuze oko kwandise imimandla yamatyotyombe. Kufuneka sifumane iindlela zokusombulula loo ngxaki," utshilo.
UZuma uzenzel' igama ngokuba ngumxolelanisi kwilizwe laseBurundi naseKZN.
Uceba ukusebenzisa obo buchule bakhe ukuphelisa ukungavani kweentlanga ngeentlanga xa enokuba ngumongameli weli.
"Asikhange siyitshaye isaqhuma kulo mba - sazixelela ukuba izinto ziza kuzenzekela ngokwazo.
"Sinabahlali basezifama, abasebenzi nabalimi abahlala ndawonye kwaye asikhange singenelele ekwenzeni kubekho imvano phakathi kwabo."
Ukwathele ngxaki yenziwa nakukuba abantu basuka balindele izinto ezingenakwenzeka.
"Umntu ohlala efama uzixelela ukuba kwakuthiwa ukhululekile, imeko yakhe iza kutshintsha ngoko nangoko. Iimeko zoqoqosho azivumi ukuba ezo zinto zenzeke ngokukhawuleza.
"Sifanele sibe neendlela zokuqhagamshelana nabalimi. Kufuneka sibe nezivumelwano eziya kunceda iinkokeli zamacala omabini zikwazi ukuwusingatha ngendlela lo mba," utshilo.
Uthe ukholelwa ekubeni izenzo zocalulo ngobuhlanga ezenzeke kutshanje, njengeso sevidiyo yaseYunivesithi yaseFree State ziziganeko ezingenzeki rhoqo.
Impumelelo
"Ingxaki kukuba amabali empumelelo akapapashwa. Ndikhe ndadibana nabantu beentlanga ngeentlanga abazimiseleyo ngentsebenziswano.
"Inkulu inkqubela esele yenziwe kweli lizwe xa ucinga apho sisuka khona."
Kumba weZimbabwe, uZuma uthi abantu bakhona mabazisombululele ngokwabo iingxaki zabo.
"Siwenzile amatile-tile ukubanceda, asinako ukwenza ngakumbi. Abanye abakhange benze nto, bebegxeka nje qha. Thina siwadibanisile amaqela opolitiko akhona athetha. Kungoku nje bayaqala ukusibona ngokwabo isisombululo sengxaki yabo."
Usuke woma yintsini xa simbuza ngamarhe okuba uza kuthatha amanye amakhosikazi amabini, nokuba nguwuphi oyena aza kuba yinkosikazi yakhe esemthethweni xa engumongameli.
"Amajelo eendaba asoloko enditshatisa nabantu, ngoko andisayiphenduli imibuzo enjalo!"
Ingaba useza kulicula igwijo lomzabalazo elithi Umshini Wami xa sengumongameli waseMzantsi Afrika"
"Andisokuze ndiliyeke - kwaye ndiza kuyigcina neCD yam kaDe la Rey!" [x]
KUBHALE STEPHAN HOFSTATTER
ELIKHETHEKILEYOLEBONA
u
t
UZuma kutyelelo lwakhe lwaseNkandla apho wakhulela khona.
OKUTSHIWO NGABAFUNDI
Xa uJacob Zuma ebangumongameli welizwe, KULUNGILE ukuba abe nesithembu"
AKULUNGANGA. Indoda ifanele ibe nenkosikazi enye. Kunzim' ukuthemb' indoda enesithembu.
KULUNGILE. Isiko liyamvumela ukuba atshate isithembu. Akanakulahla isiko lakhe ngenxa yezinto ezitshiwo ngabantu. Xa ekholelwa kwisiko lakhe makayekwe alenze nokuba ungumongameli welizwe.
AKULUNGANGA. Siya kuba nomongameli onjani onesithembu" Kule mihla ukuba nesithembu ngumthwalo onzima entlalweni nakuqoqosho.
AKULUNGANGA. Uya kuba ukhuthaza ukutshata isithembu. Umongameli ufanele abe ngumzekelo ebantwini - ingakumbi kule mihla yobhubhani weHIV/AIDS.
KULUNGILE. Kaloku ibuyambo yobu-Afrika isikhumbuza ngokubaluleka kwezithethe zethu. Abantwana abazalelwe esithenjini banesimilo, kwaye oko kubenza bakhule babe ngabantu abadala abayiqondayo imbopheleleko.
