xhosa.190.beauty
Zilungise msinyane
kubhale uCHRISTINE HAMMANN kufote uCHRIS LAURENZ
imodeli nguGUGU wakwaICE imake-up neenwele nguCATHERINE VEER
BONA XHOSA - October 2007
Indlela yokonga ixesha xa uzilungisa ukuze ukwazi ukuzilungisa ngokukhawuleza xa ushiywe lixesha
XA USHIYWE lixesha kwaye unemizuzu embalwa yokuzilungisa ukuze ufike ngexesha entlanganisweni kunzima ukwenza bonke ubugoci-goci bokuzenza mhle. Ungathambisi izinto eziza kukulibazisa nezifuna ixesha elaneleyo koko thambisa izinto ezoma ngokukhawuleza.
Iinwele
Zikame iinwele zakho ukuze zingakuphazamisi ngokuza ebusweni ungenzi istayili esitya ixesha.
Imake-up
Xa uthambisa imake-up ungxamile, thambisa imake-up ebalulekileyo kuphela nongakwaziyo ukwahlukana nayo. Xa ungakwazi ukuhlala ngaphandle kwemake-up ungayithambisi imibala ebalaseleyo kuba iyahlupha xa ungxamile. Endaweni yokuthambisa ilipstick thambisa ilip gloss enombala - ungayosula ngomnwe xa uyithambise kakubi (Uluhlu olutsha lweYardley lukulungele...)
Iinzipho
Zintle iinzipho ezicocekileyo, ezingathanjiswanga nto kuneenzipho ezinepeyinti exobukayo. Susa ipeyinti yeenzipho exobukayo ngepolish remover uze uzilungise kakuhle iinzipho zakho nge-emery board. Thambisa ipeyinti yeenzipho engenambala xa likho ixesha.
Lunga ngemizuzu emibini
Xa uselwe uyaxhalaba kodwa akukuncedi nganto kuba kufuneka ube sele ulungele ukuhamba kwimizuzwana nje eli-120! Ungaphakuzeli: musa ukuzenza izinto ozenzayo qho kusasa uze wenze eziza kukongela ixesha.
Iinwele
Xa uvuka uneenwele ezivuku-vuku, zithambise ngesithambisi esinegel uze uzikame kungenjalo thwala iqhiya okanye umnqwazi.
Imake-up
Hlamba ubuso ubuthambise imoisturiser kuphela. (Ungalibali ukuxubha!) Thambisa ilipstick ukuze ikwenze ubalasele.
Iinzipho
Qinisekisa ukuba zicocekile kwaye zilungiswe kakuhle zalingana. Inyama embi ejikezele iinzipho nezandla ezomileyo azibukeki futhi zikubizela amehlo ngoko zilungise. Ungohlukani nekhrim yokuthambisa izandla kwaye yithambise ngaphambi kokuphuma endlwini.
Okokugqibela...
Qinisekisa ukuba akukhonto uyishiyayo - izitshixo, imali, iselfowuni, ipeni namaphepha oza kuwasebenzisa entlanganisweni kwanenombolo yomntu oza kumfowunela xa ulibaziseka endleleni.
Ngoku ulungele ukujongana nehlabathi! [x]
