xhosa.1891.teenjan
Izoluleko zikaFat Charlie
KWINYANGA ephelileyo sithethe ngokubaluleka kokuzibekela iinjongo nezinto ongakwazi ukuzenza ngempumelelo. Kule nyanga sithetha ngeendlela zokwenza ubomi bakho buzinze - sikunika amacebiso aya kukunceda uphelise ukubhideka ulutsha olubanako xa lukhula.
Cinga ngezi ngcebiso kwaye uzisebenzise, ziya kukwenza uzive womelele, ubesempilweni yaye ukulungele ukuzalisekisa iminqweno yakho ozibekele yona.
Okunye okuhle ngokusebenzisa ezi ngcebiso mlisela nomthinjana wakowethu, kukuba oluny' uncedo lwazo uza kulubona ngoko nangoko...
P Ndiza (kuzama) kucinga ngaphambi kokuthetha: Banyanisile abantu abathi kuyanceda ukubala uye kuma eshumini ngaphambi kokuphendula xa unomsindo. Oko kwenza nokuba ingxabano ingaqhubeli phambili.
Ukuthetha nje ungacinganga kubenza abantu abaxabeneyo bayilibale into ebaxabanisileyo, bagqibele besitsho nezinto ebezingafanelanga.
Ukucinga ngaphambi kokuthetha kukwenza uyive kakuhle nento etshiwo ngumntu oxabana naye. Angakucaphukisa uzive urhalela ukumtyabeka ngesithuko esikhulu, kodwa kufuneka ungakuvumeli oko uze wetyise akutshoyo ngokuzibuza ukuba: Uthetha ukuthini ngento ayitshoyo"
Umntu usenokukungxolisa kuba inguwe omcaphukisileyo - kwaye xa kunjalo kufuneka uzole, uzame ukufumana ukuba wenze ntoni.
Kungenjalo umntu angafuna nje ukukucaphukisa ungamenzanga nto kuba efuna ukukubona unomsindo. Xa kunjalo kuyanceda ukucinga ngaphambi kokumphendula kuba ayenzeki into ebefuna ukuyibona! Uya kubona ukuba awukho moyeni wokuxabana namntu uze usuke umshiye.
Xa kungabazali bakho abakucaphukisayo, ukucinga ngaphambi kokuthetha kuya kukwenza ukwazi ukuqonda ukuba bakukhathalele, nkqu nokuba abathethanga nawe ngendlela endilisekileyo.
Ukuthula kokona kukuhle ukuze ungazifumani sele uxolisa kamva!
PNdiza kuzicingela ngokwam: Ngaba ufanele ube neselfowuni yodidi oluphambili njengomntu wonke, okanye unxibe iimpahla zodidi oluphambili" Ucinga ukuba ufanele ubenomsindo xa abazali bakho bengakwazi ukukuthengela ezo zinto"
Ngaba nawe ungasebenzisa iziyobisi kuba ubona abany' abantu bezisebenzisa"
"Xa undithanda vuma ukulala nam" - ucinga ukuba umntu otsho kanjalo kuwe uyakuthanda ngenene"
Xa impendulo yakho ingu-"hayi" kule mibuzo uyakwazi ukuzicingela - kwaye uzimisele ngobomi bakho.
P Ndiza kwenza umthambo: Xa udlal' ibhola okanye inetball uyazi ukuba kubaluleke kangakanani kuwe, kodwa kubaluleke kakhulu xa ungumntu ongenamdla emidlalweni.
Kwanele ukuthamba iyure enye kathathu ngeveki.
Akukho mfuneko yokuba ujoyine indawo yokwenza umthambo okanye ubaleke endleleni - ukuhamba kwanele. Zimbini izinto ezibalulekileyo: lixesha olichitha usenza umthambo nokuthi uwenza kangaphi.
Nangona ukuhamba ngeenyawo ukuya esikolweni kukugcina usempilweni, akufani nokwenz' umthambo.
Ukomelela komzimba kwenza ingqondo yakho isoloko ithe qwa. Ixesha owenza ungalisebenzisela nokucinga ngemini yakho nangokucwangcisela ixesha elizayo.
P Ndiza kufunda nangakumbi: Ungatsho ukuba ukufunda yeny' indlela yokwenz' umthambo, qha xa ufunda yingqondo ejimayo. Kulo nyaka zixelele ukuba uza kufunda incwadi enye ngenyanga ngaphezulu kweencwadi zakho zesikolo.
Yiya kwithala leencwadi uze uqale ukufunda.
P Ndiza kubanceda nangakumbi abazali bam: UFat Charlie wakhe watsho yaye usatsho nangoku - ningasoloko nihleli ngoxolo nabazali bakho xa ubancedisa kangangoko unako kwimisebenzi yekhaya.
Oko kungenza bayekelele kweziny' izinto babone nokuba uyakwazi ukuba nembopheleleko.
P Ndiza kwenza okunomehluko xa ndingenzi nto: Ngaba ubuya esikolweni ufike uthi ntimfa phambi kweTV" Kuyeke oko. Yiba nento oyenzayo xa ungenzi nto.
Anditsho ukuba ungazibukeli iinkqubo ozithandayo - kodwa fund' ukukhetha. Ceba ukuba uza kubukela ntoni uze eliny' ixesha ulisebenzise ekwenzeni eny' into. Dlala umdlalo nomntakwenu okanye udadewenu - nabo babonise ukuba mabangapheleli ekubukeleni iTV.
Kungenjalo xa usazi ukuba wena nomakhulu wakho nithanda inkqubo enye, yiya kuyibukela emzini wakhe. Oko kuya kuninika ithuba lokuhlala ndawonye - nelokwenza into kunye.
PNdiza kuqinisekisa ukuba ndiwenza ngexesha umsebenzi wam wesikolo: Mlisela nomthinjana wakowethu asisokuze sibe krele-krele sonke esikolweni, kodwa ungakwenza ukufunda kubelula ngokusokolo uwenza ngexesha umsebenzi wakho wesikolo nangokumamela xa useklasini.
Xa unikwe umsebenzi wesikolo oza kuwenza ekhaya, wenze ngokukhawuleza kangangoko unako. Ungawuyeki de kuthiwe ufuneka ngengomso - uya kuziphephisa kuxinzelelo lwengqondo olungeyomfuneko.
Ayikho into emnandi njengokwazi ukuba umsebenzi wakho uwenzile nokubukela abany' abantu bemanxada-nxada okanye benoxinzelelo lwengqondo.
P Khumbul' imihla yokuzalwa yabany' abantu neminye imihla ebalulekileyo: Oku ungakubona kungabalulekanga, kodwa yindlela ongonwabisa ngayo abany' abantu. Thath' ikhalenda uziphawule zonke ezo ntsuku.
Akukho mfuneko yokubathengela izipho ezidurayo. Ikhadi nje lilodwa lonele nokwazi ukuba kanti kukho umntu okukhumbulayo.
Xa ungumfana ukukhumbula umhla wokuzalwa kamama wakho - neMother's Day - kuya kumenza onwabe nangaphezulu kokuba ucinga. [x]
BONA XHOSA - January 2007
Wenze kube ngunyaka wakho lo!
Indlela ongenza ngayo u-2007 kube ngunyaka omnandi noqaqambileyo kuwe...
BONA XHOSA - January 2007
Kukangaphi usitsho kanjalo" Kukangaphi ubaxelela loo nto unomsindo abazali bakho" Kukangaphi usithi ufun' ukuphathwa njengomntu omdala, kodwa wabonwa uyinjubaqa ngokwenza loo nto"
Ndifun' ukuphathwa njengomntu ondala - impendulo yoko idla ngokuthi Nawe ziphathe njengomntu omdala!
Yimpendulo efanelekileyo leyo. Uziva umdala ngokuya ukhula kuba ufuna nokuphuma ekuphathweni kakubi ngabazali nasesikolweni - kodwa wena sukuba ungekabi mdala.
Ndiyazi ukuba kukho amaxesha obunzima, kodwa kufuneka sikukhumbule oko! Useneminyaka ekwishumi elivisayo, awukabi ngumntu omdala. Azikapheli iinguqu eziyaluzelisa umzimba nengqondo yakho.
Ndiyazi kunzima ngamany' amaxesha, kodwa kufuneka ubenomonde. Ngeny' imini uza "kukhululeka"...
... ukhululeke ukuba ube namatyala, ukuphangela kumsebenzi onomvuzo ophantsi kuba awukho omnye, ukhululeke ukuba uzikhathaze ngokuhlawul' irenti, nangokuthwala iingxaki ezahlukeneyo...
Khumbulani oku mlisela nomthinjana - akukho mntu angakuthintela ekubeni ngumntu omdala, nguwe oya kuzikhethela ukuba ufun' ukuba ngumntu omdala onjani ngezinto ozenzayo ngoku.
'Ndifun' ukuphathwa njengomntu omdala!'
