xhosa.1886.lettersjun
Ileta ezuze
NDITHI mandidlulis' ilizwi lombulelo kwiititshala zethu ngokunceda abantwana nabantu abadala basekuhlaleni.
Kumnandi ukwazi ukuba kukho abantu abazinikeleyo ezikolweni zethu - abantu abasebenzisana noluntu baqalise iiprojekthi zokufundiswa kwabantu abangafundanga.
Abany' abazali bayaqhitswa ngenxa yokungakwazi kufunda nokubhala. La maqhetseba anyanzela abantu abadala ukuba basayine iimpepha ezithile eziwenza akwazi ukubathathel' iimpahla nemali yabo ebhankini.
Kukho abantu abangakwazi nkqu nokubhala amagama abo.
Izinto ziyaguquka ngoku ngenxa yezi projekthi zimiliselwa ziititshala.
Masingalivumeli igcuntswana leetitshala libulale isidima seetitshala ezilungileyo.
Uninzi lweetitshala zenz' umsebenzi omhle - masizibulele!
nguAaron Tlou, eTweefontein
Ndibulel' iititshala
i-R100
Uloyiko!
Iileta Zenu
BAZALI - musani ukwenza abantwana benu boyik' ukubuy' ekhaya xa bengenzanga kakuhle kumsebenzi wabo wesikolo.
Musani ukubacaphukela nibangxolise abantwana xa betshone iimviwo zabo.
Zamani ukubanceda nibuyis' ukuzithemba kwabo ngokubanceda balungis' iimpazamo zabo.
Ningabathelekisi nabany' abantwana nibaxelele nokuba bangoongantweni.
Baxeleleni ukuba xa befunda ngokuzimisela baza kuphumelela emagqabini!
Ufuna amazwi akho arhabaxa enz' umntwana azibulale - kuyenzeka! Uza kuziva njani ngoko" Iya kube ingubani ke "ungantweni" ngaloo mini"
nguThabo Mafaese, eIkageng
Izithembiso!
Kuza wenzeka ntoni ngo-2010 kweli" Ndinexhala ngathi ulutsha lweli luya kube luphelile kuba ugawulayo ulubulala okweempukane.
Iinkokeli zepolitiki bezifun' ukuba sizivotele kodwa ngoku zinyamalele. Zisithembise umhlaba nezulu.
Ndinexhala ngathi siza kuhlazeka kwiNdebe yeHlabathi ka-2010 njengokuba sihlazeke eEgypt.
Makunqandwe iBafana Bafana ingasoneli iNdebe yeHlabathi.
nguMM, ePietersburg
AYINGAWO onke amabhinqa aphiwe inzala, amanye akabafuni abantwana.
Uluntu lwakuthi luthi ibhinqa kufuneka litshate libe nabantwana.
Ukuba libhinqa kuneentsingiselo ezahlukileyo ebantwini kwaye amabhinqa anezinto ezininzi angazikhethela kuzo kule mihla.
Akukho bhinqa malinyanzeliswe ukuba libe nomntwana xa lingathandi.
Ukungabi namntwana akuthethi kuthi ulibhinqa elingaphele-langa!
nguMN, ePolokwane
Ubuzali abunyanzelisi
BONA XHOSA - June 2006
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Yekani!
Makhe siziphathe kakuhle siyek' ukukhalaza okoko. Kusezibhedlele siyakhalaza, kuluntu lwethu siyakhalaza. Masiyeke ukukhalaza!
nguSW, eKomani
Kulusizi!
Kulusizi ukubona indlela ulutsha olungabahloniphi ngayo abantu abadala.
Umzekelo amantombazana xa exelelwa ukuba enz' umsebenzi wasekhaya awafuni.
Into ayithandayo kukuzicoca ahambe nabahlobo abuye ezinzulwini zobusuku aze alindele ukuvulelwa endlwini ngabazali ebavusa belele.
Amakhwenkwe awafuni ukuy' esikolweni. Afuna ukuzibandakanya nemikhwa emibi efana nosebenzisa iziyobisi nokuxhwila iimoto zabantu.
Umyalezo endifun' ukuwugqithisela kulutsha ngowokuba malufunde khon' ukuze lube nekamva eliqaqambileyo lube ngumzekelo kwisizukulwana esizayo.
nguTS, eBergville
Isondo!
Kuyadanis' ukubona indlela ulutsha olulithanda ngayo isondo. Aluyiqondi into yokokuba uthando ayikokulalana kuphela"
Ndiyanicela zintombi eziselula phaphamani - ingakumbi nina enifundayo.
Asoze nikwazi ukuzenza ziphumelele zonke ezi zinto ngaxeshanye - kwaye imfundo yeyona nto ibalulekileyo.
Ningangxameli isondo kuba niza kukhulelwa nishiywe nangaloo maqabane enu. Kungenjalo ningafumana iAIDS!
Amakhwenkwe wona" Yekani ukunyanzela amantombazana ukuba alale nani.
Ningakonwabela ukuthandana kodwa musani ukutshabalalis' ubomi benu.
nguPetunia Senong, eMarble Hall
BONA XHOSA - June 2006
Ndichukumisekile!
Ndichukunyiswe libali likaEmmanuel Yeboah kwiBONA kaNovemba 2005. Ndilusizi ukuva ukuba uyise walifulathel' ikhaya ngenxa yobungxwelerha bukaEmmanuel. Unina uComfort wakhalipha kwaye ndiyambulela ngokungahambisani nokubulawa kwabantwana abaziingxwelerha.
Ndaba sisithulu xa ndifunda iBanga lesi-6. Abazali bam babengafuni kundifundisa kodwa ndabacenga bavuma.
Utata wathi uza kundifundisa kodwa ndingatshoni.
Azange ndiye esikolweni seengxwelerha kodwa nam ndaphumelela njengabanye abantwana. Babendiqhula maxa wambi ndilile ndizibuze ukuba, "Ndona ntoni kuThixo""
Ngoku ndinesidanga kwezolawulo lwemfundo.
Kwiingxwelerha ndithi: ubungxwelerha ayikokuphela kobomi.
Masisebenzis' iitalente esiziphiwe nguThixo.
Ndiza kuthath' umhlalaphantsi ngoku kwaye ndicel' impilo ende kuThixo. Ndiyambulela ngokundisikelela ngobungxwelerha bam.
nguP. Mdletye, eMount Fletcher
Iileta Zenu
Imagazini yam!
Ndabon' ukukhanya ndisemncinane. Oko kukhanya ke yiBONA.
Nanamhlanje ndisalandela oko kukhanya.
Oku kukhanya kundikhanyisel' ingqondo kundikhuphe ebumnyameni.
IBONA isoloko iludondolo lwam kwinto yonke endiyenzayo.
Nabani na angaluthabatha olu dondolo kuba lolwelizwe liphela.
nguNomusa Gumede, eMargate
Fundani!
Lixesha lokubafundis' abantwana bethu ngesondo. Beva amabali ngesondo kubahlobo babo baze bafuman' ulwazi olulahlekisayo.
Abazali mabangenelele ngaphambi kokuba abantwana babo bafikise babafundise ngesondo.
Nezifundo zasesikolweni zesondo zibalulekile.
Ndithand' ukukhuthaza ulutsha ukuba nalo lufunde banzi ngesondo ngaphambi kokuzibandakanya nalo.
Xa singenza ngolu hlobo abantu abaninzi bangonwaba.
nguRamautswa Nancy,
eMaboine [x]
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
